Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Ngaba abafi bangaphinda baphile?

UMdali wobomi angohlulwa yintoni ukusivusa ekufeni?

UYehova uThixo unguMthombo wobomi. (INdumiso 36:9) Akubonakali kusengqiqweni ke ukuba kwalo Thixo angaphinda abanike ubomi abo bafileyo? IBhayibhile ithembisa ukuba uya kwenza kanye oko kwikamva. (Funda iZenzo 24:15) Kutheni eza kubavusa nje?

Kaloku kwasekuqaleni injongo yoMdali wethu yayikukuba siphile ngonaphakade apha emhlabeni. (Genesis 1:31; 2:15-17) Loo njongo ayikatshintshi. Uba buhlungu xa esibona sisebunzimeni, siphila ubomi obufutshane obuzele ziinkxwaleko.—Funda uYobhi 14:1, 14, 15.

Baza kuvuselwa phi abafileyo?

Ngaba uThixo waludalela ukuphila ezulwini uluntu? Akunjalo. Izulu walidalela iingelosi. Abantu bona wabadalela ukuphila emhlabeni. (Genesis 1:28; Yobhi 38:4, 7) Unaloo nto engqondweni, cinga ngendlela uYesu awayebavusa ngayo abafileyo. Wayebavusela apha emhlabeni. Ngokufanayo, kwixesha elizayo abo bavusiweyo baza kuvuselwa apha emhlabeni.Funda uYohane 5:28, 29; 11:44.

Sekunjalo, uThixo ukhethe iqaqobana labantu ukuba liphile ezulwini, linemizimba yomoya. (Luka 12:32; 1 Korinte 15:49, 50) Abo baza kube bevuselwe ezulwini baza kulawula umhlaba noKristu.—Funda iSityhilelo 5:9, 10.