Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimbalasane Zonyaka Odluleyo

Iimbalasane Zonyaka Odluleyo

Inxalenye esemhlabeni yentlangano kaYehova ihambela phambili ngesantya esiphezulu! Siyakumema ukuba ufunde ngezinto ezibangel’ umdla ezenzeke kwezi nyanga zidluleyo.

Indawo Entsha Eliza Kuba Kuyo Ikomkhulu

NgoJulayi 2009, amaNgqina kaYehova athenga umhlaba okumantla eNew York apho aza kufudusela khona ikomkhulu lawo lehlabathi. Lo mhlaba uziihektare ezili-102 ukumgama oziikhilomitha ezimalunga nama-80 kumntla-ntshona wezakhiwo zaseBrooklyn eNew York ezisetyenziswa ngoku, izakhiwo zamaNgqina ebezikho ukususela ngowe-1909.

Kwesi sakhiwo sitsha, siza kuba neeofisi, izakhiwo zeminye imisebenzi yaseBheteli kunye nezakhiwo ezine zokuhlala amalungu aseBheteli amalunga nama-800. Kucetywa nokwakhiwa imyuziyam yala maxesha eza kubonisa imbali yamaNgqina kaYehova.

Kulo mhlaba uthengiweyo, izakhiwo ziya kuba kumhlaba oziihektare ezili-18, aze amahlathi awujikelezileyo neendawo zawo ezifumileyo zingachukunyiswa. Umhlaba ongenazakhiwo awuzukuba nengca eninzi. Kunoko, umbala walo mhlaba uza kuhambelana kakuhle neendawo ezenziwe ngamaplanga. Iingcali zokwakha ziye zenza iplani yezakhiwo eziza konga umbane neziza kuhlala ithuba elide, nto leyo eya kubangela ukuba kungasetyenziswa mali ininzi kuze kungabikho monakalo mkhulu kwindalo. Ngokomzekelo, uphahla lwezi zakhiwo luza kwenziwa ngendlela yokuba amanzi emvula angahlali, nokuba zihlale zifudumele. Iiofisi ziza kwakhiwa ngendlela ebangela ukuba ilanga lingene lula. Enye yezinto eziphambili kwezi zakhiwo ziindlela zokulondoloza amanzi.

Yintoni ebangele ukuba kufuneke le mfuduko? Ngoku kuprintwa iiBhayibhile neencwadi ezithetha ngeBhayibhile nakwezinye iiofisi zamasebe amaNgqina kaYehova ezikwamanye amazwe, nto leyo eyayisenziwa eBrooklyn kuphela. Ngowama-2004, umsebenzi wokuprinta nokuthumela iincwadi owawusenziwa eUnited States wafuduselwa eWallkill, eNew York, ekumgama omalunga neekhilomitha ezili-145 kumntla-ntshona weBrooklyn. Nale imfuduko ayizange ibize mali ininzi. Kubiza imali eninzi ukwakha nokugcina izakhiwo ezintle nezithe saa eBrooklyn. Xa amaNgqina efudukela kwindawo apho izakhiwo ziza kuba ndaweni nye, anokuyisebenzisa kakuhle iminikelo.

Iiofisi ZamaSebe Ziyadityaniswa.

Ukususela ngoSeptemba 2012, umsebenzi weeofisi zamasebe zamaNgqina kaYehova ezingaphezu kwama-20 uye wasiwa kumasebe amakhulu. Nazi izizathu ezibini ezibangele olu tshintsho:

1. Ezobugcisa ziwenze lula umsebenzi. Kwiminyaka yakutshanje, indlela ubugcisa bokuprinta obuhambele phambili ngayo iye yabangela ukuba amasebe amakhulu anciphise abasebenzi. Ngenxa yokuba bembalwa abantu abasebenza kumasebe amakhulu, kuye kwavuleka amagumbi okuhlala abo bebesebenza kumasebe amancinane akwamanye amazwe.

Ngoku umsebenzi wokufundisa iBhayibhile wenziwa ngamaNgqina anamava kula masebe makhulu. Ngokomzekelo, umsebenzi wokushumayela eCosta Rica, e-El Salvador, eGuatemala, eHonduras, eNicaragua, nasePanama uphantsi kwesebe laseMexico. Ngenxa yoko, iiofisi zesebe ebezikuloo mazwe mathandathu zivaliwe. AmaNgqina angama-40 abekuloo masebe asiwe kwisebe laseMexico. Amanye amalunga nama-95 aye ahlala kumazwe awo apho afike akwinkonzo yexesha elizeleyo.

Abanye abahlala kuloo mazwe akuMbindi Merika baye kusebenza kwiiofisi zokuguqulela eziphantsi kwesebe laseMexico. Ngokomzekelo, abaguquleli abasePanama abamalunga nama-20 baguqulela iimpapasho ngolwimi lwasekuhlaleni. EGuatemala, kukho amaNgqina ali-16 aguqulela iincwadi kwiilwimi ezine zasekuhlaleni. Ngenxa yeli lungiselelo litsha, kuMbindi Merika, inani labantu abangama-300 abebehlala kwiofisi yesebe liye lancipha laya kutsho kwama-75.

2. Ngoku baninzi abantu abachitha ixesha elingakumbi entsimini. Ngenxa yokudityaniswa kwamasebe, ngoku abazalwana abangakumbi banokunikela ixesha labo elininzi ekushumayeleni iindaba ezilungileyo. Elinye iNgqina laseAfrika, elalifumene isabelo sokuya kushumayela, labhala lathi: “Kwiinyanga ezimbalwa zokuqala kwakunzima kakhulu ukutshintsha indlela ebendiphila ngayo. Noko ke, ukuba sentsimini yonke imihla kundivuyisa ngokwenene yaye kundibangele ndasikelelwa kakhulu. Ngoku ndiqhuba izifundo zeBhayibhile ezingama-20, yaye ezinye zazo ziyaya esifundweni.”

Uphawu Oludumileyo LwaseBrooklyn.

Ubusuku nemini kangangeminyaka engama-40, uphawu lwekomkhulu lamaNgqina kaYehova olubhalwe ngamagama abomvu, anobude obuziimitha ezi-4.6 lwaziwa ngabantu abaninzi baseNew York. Abaninzi kubo baxhomekeke kolu phawu lubonisa ixesha neqondo lobushushu.

Abazalwana bamisa oonobumba abatsha bophawu oluthi “Watchtower” ngowe-1970

Olu phawu lwafakwa kwiminyaka engama-70 eyadlulayo ngumnini wokuqala weso sakhiwo. AmaNgqina kaYehova alutshintsha olo phawu emva kokuthenga eso sakhiwo ngowe-1969. Ukuze kuqinisekwe ukuba lichanile, olu phawu luye lwalungiswa kaliqela. Phakathi kweminyaka yee-1980, kongezwa amaqondo obushushu abala ngokukaCelsius kolu phawu, olwalukade luchaza ixesha kunye namaqondo obushushu abalwa ngokukaFahrenheit.

UEboni, olubonayo olu phawu xa ekwindlu yakhe eBrooklyn, uthi: “Kumnandi ukukroba ngefestile uze ubone ixesha neqondo lobushushu ngaphambi kokuba ndiye emsebenzini. Kundinceda ndifike ngexesha emsebenzini ndize ndinxibele loo mozulu.”

Ngaba olu phawu luza kuba lusekhona kwiminyaka engama-40 ezayo? Ngenxa yokufuduka kwekomkhulu okucetywayo, eso sigqibo siza kuxhomekeka kubanini beso sakhiwo abatsha.

Ukusasaza ILizwi

Into Entsha EManhattan

NgoNovemba 2011, iqela lamaNgqina kaYehova laqalisa ukushumayela ngeBhayibhile kubantu baseManhattan lisebenzisa iitafile neenqwelo ezihonjiswe kakuhle. Eli phulo lenziwa emazantsi eManhattan, kwicala eliphithizelayo lesiXeko saseNew York. Le ngingqi yahlulahlulwa kane. Kwinxalenye nganye kubekwa iitafile okanye iinqwelo ezizaliswe ziincwadi zeBhayibhile kuze kubekho uvulindlela ogadayo. Ezininzi zidla ngokubekwa ngakwindawo apho amashumi amawaka abantu badlula khona, njengasezirenkini.

Isibini esingoovulindlela sinika abantu amaphephancwadi kwitafile yaso eneencwadi eGrand Central Station eNew York City

Kwezi ndawo, abantu banokufunda indlela iBhayibhile eyiphendula ngayo imibuzo emininzi. Abantu abangxamileyo banokufumana uncwadi abanokuzifundela lona kamva. Uncwadi lufumaneka ngeelwimi ezininzi. Ukuba abanalo uncwadi ngolwimi oluthile, zisenokuodwa baze bazifumane kwiintsuku ezimbalwa emva koko.

Abantu basekuhlaleni kunye nabasemagunyeni baye bayithanda le ndlela yokushumayela. Elinye ipolisa lathi: “Kutheni kungona niyenzayo le nto? Iincwadi zenu ziyabanceda abantu.” Enye indoda yema ngxi yakubona incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Yathi ibone abantu esitishini sikaloliwe befunda le ncwadi yazibuza ukuba bayifumene phi. Ngoku iyazi.

Enye indoda yayigqitha kwenye yezo tafile yonk’ imihla xa isiya emsebenzini kangangeeveki ezintandathu. Ekugqibeleni yema yaza yathi, “Khanindincedeni.” Abazalwana noodade ababekuloo tafile bavuma ukuyinceda. Bayinika iBhayibhile baza bayibonisa indlela yokuyisebenzisa. Abantu abagqithayo baye bema ukuze babuze ngezinto eziseBhayibhileni, yaye ngeenyanga nje ezisibhozo, abali-1 748 baye babonisa umdla eBhayibhileni. NgoJuni 2012, eli phulo liye lanceda abantu bafumana amaphephancwadi angama-27 934 neencwadi ezingama-61 019.

Amaphephancwadi Ethu—Amaphepha Ambalwa, Iilwimi Ezingakumbi

Ukususela kuVukani! kaJanuwari 2013, kunye nohlelo lukawonke-wonke lweMboniselo ziza kuncitshiswa, ukususela kumaphepha angama-32 ukuya kutsho kwali-16 nkupho nganye. Ekubeni ngoku la maphephancwadi eza kuqulatha inkcazelo encinane, amaqela aguqulelayo aza kukwazi ukuguqulela kwiilwimi ezingakumbi. Sithetha nje, uVukani! uguqulelwa kwiilwimi ezingama-98, ize yona iMboniselo iguqulelwe kwiilwimi ezili-204. Uhlelo lokufundisa lweMboniselo luza kuqhubeka lunamaphepha angama-32.

Amanye amanqaku ebesiqhele ukuwafumana kula maphephancwadi, ngoku afumaneka kwiwebhsayithi i-www.dan124.com/xh kuphela. La manqaku aquka elithi, “Yenzelwe Ulutsha,” “Izifundo Endizifunda EBhayibhileni,” kunye nenqaku elibonisa abaphumelele eGiliyadi elidla ngokuphuma kuhlelo lukawonke wonke leMboniselo, elithi “Yenzelwe Iintsapho” nelithi “Abantu Abaselula Bayabuza” elidla ngokuphuma kuVukani!

Ukongezelela koko, amanqaku alandelelaneyo afumaneka kwiwebhsayithi anikela iimpendulo ezimfutshane, ezingqalileyo nekulula ukuziqonda zeBhayibhile nangamaNgqina kaYehova. Unako ukuziprintela iimpapasho ezikule webhsayithi. Esebenzisa ikhompyutha okanye ifowuni, ubani unako ukufunda uncwadi lwethu ngeelwimi ezingaphezu kwama-440 ku-www.dan124.com.

IWebhsayithi Yethu Iyaphuculwa.

Kwezi nyanga zidluleyo, iqela lamaNgqina kaYehova elisebenza kwikomkhulu lawo eNew York belixakekile liphucula inkangeleko ye-www.dan124.com ukuze kube lula ukuyisebenzisa enoba usebenzisa ikhompyutha okanye ifowuni. Ngaphezu koko, baye bayiphucula le webhsayithi beneenjongo ezimbini:

1. Ukudibanisa zonke iiWebhsayithi zethu. IiWebhsayithi zamaNgqina kaYehova ezintathu ziye zadityaniswa zaba yiWebhsayithi enye—ethi www.dan124.com. Ezinye iiwebhsayithi ezimbini, ethi www.watchtower.org nethi www.jw-media.org, ziye zayekiswa. Ukudityaniswa kwezi Webhsayithi kunika abantu ithuba lokufumana yonke inkcazelo abayifunayo ngamaNgqina kaYehova ndaweni nye. Ngokomzekelo, ungakwazi ukufunda, uphulaphule okanye uprinte iivesi zeBhayibhile nezeempapasho ngeelwimi ezininzi.

NgoAgasti 28, 2012, kwakhululwa iWebhsayithi ephuculiweyo ethi www.dan124.com

2. Ukongeza inkcazelo engakumbi. Le Webhsayithi iphuculiweyo iphendula imibuzo yeBhayibhile ize ichaze ngomsebenzi wokushumayela, umsebenzi owenziwa kwiiofisi zamasebe, iiHolo zoBukumkani neendibano zamaNgqina kaYehova. Icandelo elithi “Iindaba” lichaza ngeziganeko ezichaphazela abazalwana bethu emhlabeni wonke. Kukho namanqaku anokusetyenziswa ziintsapho, abafikisayo nabantwana.

Ngosuku, abantu abangamakhulukhulu amawaka bafunda iincwadi zethu kwi-intanethi. Bakhuphela phantse isiqingatha sesigidi sezinto ezirekhodiweyo, iiEPUB, iiPDF okanye iividiyo zentetho yezandla. Ngosuku, balikhulu abantu abacela ukufundelwa iBhayibhile.

Uncedo Kubantu Bonke

IBhayibhile Ezimitha Ezimbini

INguqulelo Yehlabathi Elitsha epheleleyo ngeBraille iyafumaneka ngesiNgesi, iSpanish, nesiTaliyane—iba nemiqulu engama-20 ukuya kutsho kwengama-28 yaye ifuna ubuncinane imitha ezimbini kwithala leencwadi! Ezinye iindlela zeBraille azifuni ndawo inkulu ukuze uzigcine kwithala lakho. Ngokomzekelo, izixhobo eziphathwayo zekhompyutha zinceda iimfama ngokugcina inkcazelo zize zivelise oonobumba beBraille. Iimfama zinokukwazi ukukhangela zize zimamele iincwadi zisebenzisa iiscreen readers, eziguqula oko kubhaliweyo kube ngamazwi.

Ngaphezu kweminyaka eli-100, amaNgqina aye avelisa uncwadi lweBhayibhile olulungiselelwe iimfama, yaye lufumaneka kwiilwimi ezili-19. Nangona iimfama zinako ukufumana olu ncwadi simahla, abaninzi benza iminikelo yokuzithandela.

Umzalwan’ uAnthony Bernard waseSri Lanka usebenzisa iBhayibhile yesiNgesi yeBraille ukuze aqhube unqulo lwentsapho

AmaNgqina aye avelisa inkqubo yekhompyutha eguqula amagama aqhelekileyo abe ngoonobumba beBraille ngeelwimi ezahlukeneyo. Le nkqubo inonobumba beBraille, ithatha oko kubhaliweyo ize ikuguqulele kwiBraille. Ibhala incwadi ngendlela eza kwenza kube lula ngemfama ukuyifunda. Le ndlela iza kwenza kube lula ukuvelisa uncwadi lweBhayibhile kuquka neBhayibhile ngeelwimi ezininzi kwiBraille, kwakunye neelwimi ezingasebenzisi oonobumba besiRoma.

Ngaphambili, xa kukhululwa impapasho entsha endibanweni, abaphulaphuli bebeye baxelelwe ukuba inkupho yeBraille iza kufumaneka kamva. Kunyaka ophelileyo, iofisi yesebe yaseUnited States iye yenza uphando emabandleni ukuze ibone ukuba zeziphi iindibano abantu abangaboniyo abaceba ukuya kuzo, yaye bangathanda ukufumana uncwadi olunjani (kwiphepha elikroliweyo, egcinwa kwizixhobo zekhompyutha ezilungiselelwe iimfama, okanye iiscreen readers).

Uncwadi lweBraille lwathunyelwa kwiindibano ezazinabantu abangaboniyo, nto leyo eyenza kwalula ngabo ukufumana uncwadi olutsha kunye nabantu bonke. Emva kweveki indibano idlulile, abo babenomdla wokufumana uncwadi nge-elektroniki, bonke bathunyelelwa nge-email.

Omnye udade ongaboniyo wathi: “Kube lilungelo elikhulu ukufumana uncwadi ngexesha elinye nabantu bonke. INdumiso 37:4 ithi uYehova usinika oko sikucelayo ezintliziyweni. Wenze kanye oko kule mpelaveki!” Omnye uMzalwana ongaboniyo, elila wathi: “Simbulela kakhulu uYehova ngokusinyamekela kakuhle kangaka!”

Amawaka Afunda Ukulesa Nokubhala

Ngowama-2011, amaNgqina kaYehova aye anceda abantu abangaphezu kwama-5 700 ukuba bakwazi ukulesa nokubhala. Naku obekusenzeka kwamanye ala mazwe:

EGhana: Kule minyaka ingama-25 idlulileyo siye sanceda abantu abangaphezu kwama-9 000 ukuba bafunde ukulesa nokubhala.

Iklasi yokubhala nokulesa eZambia

EMozambique: Abantu abangaphezu kwe-19 000 baye bafunda ukulesa kule minyaka ili-15 idluleyo. Umfundi ogama linguFelizarda wathi: “Ndivuyiswa kukwazi ukuba ngoku ndinako ukufundela abanye iBhayibhile. Yayinzima kum loo nto ngaphambili.”

KwiiSolomon Islands: Iofisi yesebe ibhala ithi: “Ngaphambili, abaninzi abahlala kwiindawo ezikude babengenazo izikolo. Kwakhona, ambalwa amantombazana aye afumana imfundo esisiseko. Ngenxa yoko, abantu, ngokukodwa ababhinqileyo baye bangenelwa kakhulu kwezi klasi zokufunda. Emva kokugqiba ukufunda kwezi klasi, abaninzi batsho bazithemba.”

EZambia: Ukususela ngowama-2002, phantse kube ngabantu abali-12 000 abaye baphucula ubuchule babo bokulesa nokubhala. UAgnes, ibhinqa elineminyaka engama-82, lithi: “Emva kokwaziswa kwezi klasi zokulesa nokubhala ebandleni, ndakuvuyela ukubhalisa. Kwiklasi yokuqala, ndafunda ukubhala igama lam!”

IiNgoma Zokudumisa Ngeelwimi Ezahlukeneyo

AmaNgqina kaYehova aguqulela uncwadi lweBhayibhile kwiilwimi ezingama-600. Ayingomsebenzi ulula ukuguqulela incwadi yeengoma ezili-135. Nangona kunjalo, kwisithuba nje seminyaka emithathu, iculo elitsha, elithi Culela UYehova, laguqulelwa kwiilwimi ezili-116. Ukongezelela koko, iilwimi ezingama-55 zinamaculo aneengoma ezingama-55, yaye kusekho nezinye iilwimi eziseza kufumana awazo.

KwiiSolomon Islands: Ibandla licula ngesiPidgin sakwiiSolomon Islands

Injongo yabaguquleli kukusebenzisa amazwi ekulula ukuwaqonda, amnandi nekulula ukuwakhumbula. Ukongezelela, isigama esisetyenziswayo kumaculo simele sibe lula ukuze umculi akwazi ukuqonda ingcamango yesivakalisi ngasinye. Kuzo zonke iilwimi, amazwi amele ahambelane nesingqi aze aculwe ngokusuk’ entliziyweni, ngokungathi abhalwe ngulo mntu uculayo.

Abaguquleli bayifikelela njani loo njongo? Endaweni yokuguqulela igama negama kwingoma nganye ngokusuka kwisiNgesi, baguqulela ingcamango yengoma. Besebenza nzima ukuze banamathele kwiimfundiso ezingokweZibhalo ezivela kwingoma nganye, abaguquleli basebenzisa amagama aqhelekileyo, ekulula ukuwaqonda nakhumbuleka lula.

Inyathelo lokuqala kukuguqulela ingoma ukusuka kwisiNgesi ukusa kulwimi lomthonyama. Okwesibini, iNgqina elinobuchule bokubhala iingoma lithatha loo mazwi aguqulelweyo liwenze ingoma emyoli nenentsingiselo kolo lwimi lutsha. Ekubeni elumkele ukugcina iimfundiso zeBhayibhile, amaqela aguqulelayo kunye nabo bajonga iimpazamo bahlola umsebenzi wombhali weengoma. Nangona kungumsebenzi onzima ukuguqulela iculo, amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke avuyiswe kukufumana iingoma zokudumisa ngolwimi lwabo.

Iiofisi Zokuguqulela

Incwadi yeSityhilelo yaprofeta yathi, ngemihla yethu, abathanjiswa babeya kumema abantu ukuba ‘bathabathe amanzi obomi ngesisa.’ (ISityhi. 22:17) Esi simemo sasiza kuya kubantu ‘bazo zonke iilwimi.’ (ISityhi. 7:9) Ukuza kuthi ga ngoku, abaguquleli bebesebenza kwiiofisi zesebe enoba ulwimi lwabo aluthethwa kuloo ngingqi. Ukuba kude nendawo ethetha ulwimi lwabo bekusenza kube nzima ukufikelela iintliziyo zabafundi beempapasho abaziguquleleyo. Noko ke, amaqela amaninzi aguqulelayo aye afudukela kwiingingqi apho kuthethwa khona ulwimi lwabo. Oku kuye kwaphumela kwiintsikelelo ezininzi, njengokuba la magqabaza alandelayo avela kubaguquleli ebonisa.

Umguquleli wesiMaya eMexico wathi: “Ndavakalelwa ngathi yintyatyambo ebuyiselwe kumhlaba wayo wokwemvelo.” Umguquleli wasemazantsi eRashiya, wathi: “Ukuba neofisi kanye kwindawo apho abantu bathetha olo lwimi kufana neparadesi kumguquleli. Indlela abantu abalusebenzisa ngalo ulwimi kumabonwakude, kwiincwadi, nakwi-internet yahluke kakhulu kwindlela abantu abaluthetha ngayo kubomi bemihla ngemihla. Eyona nto isinceda ukuba siguqulele kakuhle, kukuva indlela abantu abaluthetha ngayo ulwimi.”

“Ndavakalelwa ngathi yintyatyambo ebuyiselwe kumhlaba wayo wokwemvelo”

Umguquleli wesiTshiluba eCongo waqaphela oku, “Sithetha ulwimi lwethu ntsuku zonke—kwizinto esizenzayo, njengokuthenga evenkileni nokuncokola nabamelwane; kumsebenzi wokushumayela; nakwiintlanganiso zamaKristu. Sifunda oko siye sakuguqulela, yaye sisebenzisa uncwadi lwesiTshiluba entsimini, ngoko siyakwazi ukubona enoba abantu bayasiqonda kusini na isigama esisetyenziswe ngabaguquleli.”

Umguquleli wesiLhukonzo eUganda wathi: “Ayithetheki indlela esivuya ngayo xa sikwiintlanganiso zolwimi esiluthethayo nesiguqulela kulo. Siyinandipha ngakumbi intsimi, ekubeni ngoku sishumayela ngolwimi lwethu lweenkobe.”

Namabandla aye afumana abaguquleli aye angenelwa kakhulu. Ethetha ngabaguquleli besiMaya, omnye udade wathi: “Bayasikhuthaza ngamazwi nangomzekelo wabo omhle. Kuba ngathi iBheteli ize kuthi, nto leyo esiyixabisayo.”

Iqela eliguqulela kwisiLuo, eKisumu, eKenya

Nabaguquleli bayakhuthazeka. Omnye umguquleli waseKenya wathi: “Kuncwadi esinalo oluncinane olupapashwe ngesiLuo, abantu abazange bacinge ukuba baya kuze babone uncwadi olusemgangathweni ngolwimi lwabo. Ngenxa yoko, abaninzi bayakuvuyela ukulufunda. Kuyakhuthaza ngokwenene ukubona indlela abasabela ngayo yaye oko kundinika isizathu sokuqhubeka nesabelo sam.”

Abaninzi kwaba baguquleli, banexesha elide bekhonza kwiofisi yesebe, abanye sele begqibe amashumi eminyaka. Umoya wabo omhle nowokuzinikela ukuze babeke izilangazelelo zezimvu zikaYehova ngaphambi kwezabo uxatyiswa kakhulu, ibe loo moya uqhubeka usikelelwa. Umguquleli wesiXhosa eMzantsi Afrika, wachaza iimvakalelo zabaguquleli abaninzi xa wathi: “Isigqibo sokumisela iiofisi zokuguqulela, sesinye sezigqibo eziyingenelo eziye zenziwa liQumrhu Elilawulayo. Besonwabile eBheteli, kodwa sonwabe kakhulu kwiofisi yokuguqulela.”

Amagqabantshintshi—Iindaba Ezivela Ehlabathini Lonke

“Abazalwana Basinyamekela Kakuhle”

Ngecawa, ngoJuni 3, 2012, kwenzeka ingozi emasikizi eNigeria. Inqwelo-moya eyayinabantu abali-153 yantlitheka kwisixeko esiphithizelayo saseLagos, eNigeria, ibulala bonke ababekuyo kunye nenani elingaziwayo lababephantsi.

ELagos, eNigeria: Emva kwengozi yenqwelo-moya

UCollins Eweh nentsapho yakhe babehlala kumgangatho ophezulu wesakhiwo esinemigangatho emithathu esantlithwa yile nqwelo-moya. Ukwenzeka kwale ngozi, le ntsapho yayikwintlanganiso yebandla kwiHolo yoBukumkani.

Malunga nentsimbi ye-3:35 emva kwemini, phakathi kwiSifundo seMboniselo, uCollins nomfazi wakhe uChinyere babona ukuba kudala befowunelwa kodwa bengazibambi. Emva kweentlanganiso, uChinyere waphendula ifowuni yakhe. Yayingummelwane wakhe emchazela ukuba igumbi labo liyatsha. Bakufika apho bahlala khona, le ntsapho yakwaEweh yabona ukuba le nqwelo-moya intlitheke kwisakhiwo sabo ngaphambi kokuba iye kuwela kwesinye isakhiwo esikufutshane, yaza yavutha ngumlilo.

UChinyere wathi: “Ukuba besisekhaya, ngokuqinisekileyo ngesifile. Emva kwaloo ngozi, sasisele neempahla esasizinxibile kuphela, kodwa sisaphila. Ngokukhawuleza, umveleli wesiphaluka waseka ikomiti yoncedo yaye abazalwana basinyamekela kakuhle. Sibulela kakhulu.”

UCollins wathi: “Izalamane zam ebezingayithandi into yokuba ndiliNgqina, zitshintshe indlela ebezicinga ngayo. Omnye wabo wathi kum: ‘UYehova wakho uyayiphendula imithandazo. Ungaze umshiye kuba uyakunceda.’ Omnye wathi: ‘Enoba yintoni na eniyenzayo ekunquleni uThixo, qhubekani niyenza ngomphefumlo uphela.’ Sisibonile isandla sikaYehova sisisindisa. Ndivuya kakhulu.”

IPalamente Ikhupha Imvume Yokubhalisa Inkonzo.

EBudapest, eHungary: Abazalwana bethu bashumayela kubantu abatyeleleyo naphi na apho badibana nabo

NgoFebruwari 27, 2012, urhulumente waseHungary wabhalisa amaNgqina kaYehova ngokwasemthethweni. Le mvume iza kuba yingenelo kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo eHungary. Oko kuthetha ukuba amaNgqina kaYehova akayi kuhlawuliswa rhafu, yaye afumana imvume yokwamkela iminikelo, nokundwendwela iintolongo nezibhedlele ukuze afundise iBhayibhile.

ISikhumbuzo Esaqhutywa Kwindawo Ekhethekileyo

Uvulindlela okhethekileyo waseRundu, eNamibhiya, wanikela ingxelo ngeSikhumbuzo ebeye kuso kwilali ekufutshane. Ekubeni abantu balapho benomdla kwiBhayibhile, abazalwana bagqiba kwelokuba iSikhumbuzo siqhutywe okokuqala embalini ngolwimi lwasekuhlaleni, isiRumanyo. Ubhala athi: “Le ndawo sasiqhutywa kuso esi Sikhumbuzo yayintle, sasiqhutywa phandle ibe nenyanga ikhanyise kakuhle, kwakukho nezibane zeparafini kunye nezimbini ezisebenzisa ibhetri.” Eli qela laziva lisondele kuYehova. Kule ngingqi, mnye kuphela umvakalisi, yaye nangona waqalisa ukushumayela ngoMatshi, kweza abantu abangama-275 kwiSikhumbuzo!

Ukunikezelwa KwamaSebe Kuzukisa UYehova

UNovemba 19, 2011, uya kuhlala elusuku olukhethekileyo kwimbali yentlangano kaYehova eCentral African Republic naseChad. Ngolo suku, abazalwana noodade abangama-269 babehlanganisene ngaphambi kwesakhiwo esitsha sesebe. Kwakuluvuyo ukuba kunye nomzalwana uSamuel Herd, olilungu leQumrhu Elilawulayo, owayeze kunikezela le Bheteli kuYehova ukuze isentyenziselwe inkonzo Yakhe. Kwakolu cwangciso, kwabaliswa ngembali yomsebenzi wokushumayela kula mazwe mabini. ECentral African Republic kwaqalwa ngowe-1947 ukushunyayelwa, kwaza kwaqalwa ngowe-1959 eChad. Intetho elandelayo yaba yingxelo engokwakhiwa kweso sakhiwo noko kwakufuneka ukuze sigqitywe. Emva kokudluliselwa kwemibuliso evela kumazwe amaninzi, ababekhona banandipha intetho yokunikezela, eyanikelwa ngumzalwan’ uHerd. Amalungu angama-42 entsapho yaseBheteli akuvuyela ukufumana iiofisi ezisibhozo zabaguquleli, ikhitshi, igumbi lokutyela, necala lokuhlamba iimpahla eliluncedo kakhulu. Amagumbi okuhlala angama-22 kunye nezinye iindawo, njengegumbi lokwamkela iindwendwe, iiofisi zolawulo, icala lokupakisha nelokuthumela uncwadi, ziza kuyenzela lula umsebenzi le ntsapho yaseBheteli.

Kwakuqalwa ukunikezelwa isebe eCongo

Umzalwan’ uJackson unikela intetho yokunikezelwa kweofisi yesebe eKinshasa, eCongo

UMgqibelo kaMeyi 26 2012, waba lusuku olungenakulibaleka kwimbali yamaNgqina kaYehova eCongo (eKinshasa). Ngolo suku, kwakunikezelwa isakhiwo seSebe, esithathe iminyaka esibhozo ukwakhiwa nokuhlaziywa. Esi yayisisihlandlo esikhethekileyo kuba, nangona le ofisi yesebe ibikho kangangeminyaka engama-50, kwakuqalwa ukunikezelwa isebe kwelo lizwe. Umzalwana uGeoffrey Jackson, olilungu leQumrhu Elilawulayo, wayekho ukuze anikele intetho yokunikezelwa kwesebe phambi kwabantu abangama-2 422, abaninzi kubo yayingabavakalisi abaneminyaka engaphezu kwama-40 bebhaptiziwe. Kwakukho iindwendwe ezili-117, ezisuka kumazwe angama-23. Nabanye abathunywa bevangeli ababekhonza eCongo ngaphambili, banikela amava alukhuthazo. Bonke bakuvuyela ukufumana ezi zakhiwo ukuze zisetyenziselwe unqulo lukaYehova.

Ingxelo Ngezomthetho

NgoJuni 30, 2011, iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu (European Court of Human Rights [ECHR]) yafikelela kwisigqibo sokuba urhulumente waseFransi uhluthe amaNgqina kaYehova amalungelo awo, xa wafuna irhafu yama-60 ekhulwini kuyo yonke iminikelo eyenziwa ngamaNgqina kaYehova aseFransi, ukususela phakathi kowe-1993 nowe-1996. Nangona le Nkundla yacebisa ukuba lo mbandela ulungiswe ngoxolo, urhulumente wema ngelithi le rhafu isemthethweni, ngenxa yoko abazange bakwazi ukufikelela kwisivumelwano. Ngenxa yoko, ngoJulayi 5 2012, iECHR yakhupha umyalelo wokuba urhulumente waseFransi “alungise yonke imiphumo” yaloo rhafu. Ngaphezu kokuba ehlawule iR50 493 245 yerhafu engekho mthethweni, (kuquka nenzala yayo ekubeni le mali yayihluthiwe), lo rhulumente kuza kufuneka ahlawule amaNgqina iR605 000 yeendleko zamagqwetha.

Abakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo base-Eritrea baye bahluthwa amalungelo abemi kuba beye abakhetha cala kwezopolitiko. (Isa. 2:4) Kule minyaka ili-17 idluleyo, abaninzi baye babanjwa, yaye ngoku abazalwana noodade abamalunga nama-50, kuquka amabhinqa asele ekhulile nabantwana abancinane abaneminyaka emibini ubudala, basentolongweni. Okubuhlungu kukuba, ngoJulayi 2011 uMzalwan’ uMisghina Gebretinsae uye waba liNgqina lokuqala elafela kwiintolongo zase-Eritrea. Ngaphambi kokufa kwakhe, wayevalelwe yedwa enkonkxeni kangangeveki; kurhanelwa ukuba ufe ngeendlela “ezingaqondakaliyo.” Abazalwana bethu bayaqhubeka bezama ukudibana namagosa ukuze bawancede aqonde ukuba ukuthanda kwethu uxolo nokungakhethi cala kwethu akuthethi kuthi asimhloneli urhulumente wase-Eritrea.

EIndiya: Omnye umzalwana wethu umi ngaphandle kwenkundla ngaphambi kokuba asiwe entolongweni

AmaNgqina kaYehova aseIndiya asanyamezele ukuhlaselwa ngamahlokondiba ogonyamelo ngoxa eshumayela. Amadoda, amabhinqa, abantwana, nditsho nomama oneminyaka engama-60 nosana oluneenyanga ezili-18, baye baphathwa kakubi. Abanye baye bakhululiswa iimpahla abazinxibileyo, bade basongelwa ngokubulawa. Ngezenzo nangamazwi, amapolisa aye ongeza ekuphathweni kakubi kwamaNgqina kaYehova. Endaweni yokugweba aba bagculeli, amapolisa aye avalela amaNgqina ngezityholo ezingenasihlahla. Abo bavalelweyo baye bahlawuliswa ibheyile enkulu, baphathwa kakubi ngamapolisa abafumana luncedo kwezonyango, ukutya namanzi. Emva koko baye banyamezela iminyaka betyholwa ngokwaphula umthetho ngaphambi kokuba bangqinwe bengenatyala. Kuye kwafakwa izicelo zokuba kulwelwe amalungelo abo kwiNational Human Rights Commission ngethemba lokuba iza kubanceda abazalwana bethu.

ETurkey: Ngaphezu nje kobunzima aye wajamelana nabo, uMzalwan’ uFeti Demirtaş usaqhubeka eshumayela ngenzondelelo

NgoNovemba 2011, iECHR iye yavuma ukuba urhulumente waseTurkey uye wahlutha ilungelo likaYunus Erçep, iNgqina likaYehova elabanjwa laze lavalelwa ngenxa yokungavumi ukuya kusebenza emkhosini. Ukususela ngoMatshi 1998, uMzalwan’ uErçep uye wabizwa kangangezihlandlo ezingama-39 ukuba aye emkhosini, waza wagwetywa izihlandlo ezingama-30. Umzalwan’ uErçep uye wahlawuliswa, wavalelwa entolongweni, wasiwa kwisibhedlele sabantu abagula ngengqondo kusithiwa “unenzondelelo ephambeneyo ngonqulo.”

Ngo-Oktobha 2004, uMzalwan’ uErçep waya kumangala kwiECHR. Kwisigwebo sayo, le Nkundla yathi “ummangali, njengeNgqina likaYehova, ufake isicelo sokungangeni emkhosini, kungekhona ngezizathu zokuzingca okanye ukuzanelisa, kodwa ngenxa yokubambelela nkqi kwiinkolelo zonqulo lwakhe.”

UFeti Demirtaş lelinye iNgqina likaYehova laseTurkey elingazange livume ukungenela umkhosi xa labizwayo ngowama-2005. Wabanjwa, wabethwa, watshutshiswa waza wavalelwa entolongweni iintsuku ezingama-554 de wakhululwa ngoJuni 2007. Kuba uMzalwan’ uDemirtaş engazange avume ukuya emkhosini ngenxa yeenkolelo zakhe ezisekelwe eBhayibhileni, kwenziwa ingxelo emchaza njengogula ngengqondo. Kwisigwebo sayo esibhekiswe kurhulumente waseTurkey, iECHR yathi uMzalwan’ uDemirtaş uphethwe kakubi ngabasemagunyeni baseTurkey yaye ilungelo lakhe lokuzikhethela alikhange lisiwe so.

Ezi zigqibo zibini ze-ECHR ziphantse zifane nesigwebo esasiyindumasi sikaJulayi 2011 (uBayatyan nxamnye neArmenia) apho iSigqeba se-ECHR savuma ukuba iEuropean Convention iyawakhusela amalungelo abantu abangavumiyo ukungenela umkhosi ngenxa yezazela zabo. Esi sigqibo sibandakanya onke amazwe aphantsi kweCouncil of Europe kuquka iTurkey.

IECHR yakhupha nesigwebo nxamnye neArmenia kwityala likaBukharatyan nxamnye neArmenia noTsaturyan nxamnye neArmenia ngoJanuwari 2012, yavuma ukuba inkululeko yokunqula yala maNgqina kaYehova mabini angavumanga ukuya emkhosini ngenxa yezazela zawo iye ayahlonelwa. Xa yakhupha esi sigwebo le Nkundla yabhekisa kwisigwebo sayo esiyindumasi sikaBayatyan nxamnye neArmenia.

Noko ke, nakuba kwabakho ezi zigwebo, urhulumente usaqhubeka ebatshutshisa, ebagweba, aze abavalele entolongweni abantu abangavumiyo ukuya emkhosini ngenxa yezazela zabo. Utshintsho oluye lwenziwa kuMthetho ophathelele ukwenza eminye imisebenzi kunokuya emkhosini, olwapasiswa ngurhulumente waseArmenia ngoMatshi 2012, awukananzwa epalamente. Sinethemba lokuba urhulumente waseArmenia uza kusithobela isigwebo se-ECHR aze akhulule abazalwana abasavalelwe entolongweni ngenxa yokungavumi kwabo ukuya emkhosini.

AmaNgqina kaYehova aseAzerbaijan nangoku asaphethwe kakubi ngurhulumente: axuthelwa izinto aze abanjwe xa esiya kwiintlanganiso; zibekw’ esweni iincwadi zawo; kugxothwa amaNgqina asuka kwamanye amazwe; aphathwa kakubi ngamapolisa aze asongelwe ngokuvalwa ngokusemthethweni. Ukususela oko iState Committee for Work with Religious Associations ingazange ivume ukubhalisa amaNgqina kwakhona, amapolisa aye aphazamisa iintlanganiso zamaNgqina, awaphazamisa entsimini, aza amisa ukungeniswa nokusasazwa kweencwadi zawo ezithetha ngeBhayibhile. Iinkundla ziye zahlawulisa amaNgqina kaYehova izityhwentywe zemali ngenxa yokusasaza kwawo iincwadi nokuya kwiintlanganiso zonqulo. Ngokomzekelo, omnye udade wahlawuliswa i-R15 272 ngenxa nje yokuya kwiintlanganiso kwisixeko saseGanja. Ekubeni esi senzo sijongela phantsi ilungelo lawo lokunqula ngokukhululekileyo ngokomyalelo we-European Convention on Human Rights, kuye kwafakwa izicelo eziliqela kwiECHR ngethemba lokuba kuza kuphela ukuxhatshazwa kwamaNgqina kaYehova eAzerbaijan.

Amagosa omthetho kwiindawo ezininzi zaseRashiya asaqhubeka ewaphatha kakubi amaNgqina kaYehova yaye aphembelela iinkundla ukuba zihluthe amaNgqina inkululeko yokunqula uThixo. Emva kokumisa umthetho wokuvalwa kweencwadi ezinembono ebaxiweyo, iinkundla zaseRashiya ziye zagqala iincwadi ezimalunga nama-64 zamaNgqina kaYehova njengezibaxiweyo. Mva nje, umtshutshisi othile uye wabongoza ukuba incwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu, efundisa abantwana ngoYesu Kristu, igqalwe njengebaxiweyo. Kwiindawo ezininzi zaseRashiya, iinkundla ziye azavumela bantu ukuba bangene kwiWebhsayithi yamaNgqina kaYehova. Ziye zanika amagosa omthetho imvume yokuwabek’ esweni amalungu ebandla, kuquka ukuwarekhoda ngevidiyo nokufunda iimbalelwano zawo. Ngeso sizathu amapolisa aye adlan’ indlebe rhoqo nabamelwane abawathiyileyo amaNgqina, agqogqa imizi yamaNgqina aze athimba iincwadi nezinye izinto zobuqu. Amanye amaNgqina aye abanjwa ngoxa ezihambela esitratweni, eqhuba iimoto zawo okanye ephuma kuloliwe. Iintlanganiso zamaKristu ziye zaphazanyiswa ngamapolisa, abadala baye batshutshiswa ngenxa yokwenza amatyelelo okwalusa ebandleni. Kwezinye iingingqi, abatshutshisi baye bazama ukuphembelela inkundla ukuba iwavale amaNgqina kaYehova ngokusemthethweni.

NgoMeyi 2012 kwisixeko saseTaganrog, amaNgqina ali-17 atyholwa ngokwaphula umthetho kuba nje eye aphila ngokweenkolelo zawo. Kwakukule ngingqi apho inkundla yavala amaNgqina kaYehova ngokusemthethweni ngowama-2009 kwaza kwathinjwa iHolo yoBukumkani kuba kusithiwa iphembelela iimbono ezibaxiweyo. Ekubeni amaNgqina ebengavunyelwa ukuba asebenzise iHolo yawo yoBukumkani, ebedibana emakhayeni abantu okanye arente iiholo, kodwa ngoku abasemagunyeni bazama ukuphelisa zonke iintlanganiso zawo. NgoJulayi 2012, esinye isibini esitshatileyo esingoovulindlela kwisixeko saseChita, eSiberia, safunyaniswa sinetyala lokuhambisa incwadi ekuthiwa inembono ebaxiweyo ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? xa sasishumayela. Bobabini bagwetywa iiyure ezingama-200 kumsebenzi osisinyanzelo, kodwa bafake isikhalazo ngesi sigwebo.

Nangona iECHR iye yagweba kwicala lamaNgqina kaYehova kabini nxamnye neRashiya—ngowama-2007, kwityala likaKuznetsov nabanye nxamnye neRashiya, nangowama-2010 kwityala lamaNgqina kaYehova aseMoscow nxamnye neRashiya—abasemagunyeni baseRashiya basaqhubeka bengasisi so esi sigqibo sale Nkundla. Ngenxa yoko, amaNgqina kaYehova aphinde afaka ezinye izikhalazo ezili-19 kwiECHR, ethembeni lokuba imiyalelo ye-ECHR iza kuqhubela abasemagunyeni eRashiya bayeke ukutshutshisa abantu bakaYehova baze babavumele baqhubeke bephila “ubomi bokuzola noboxolo ngozinikelo lobuthixo nokundileka okupheleleyo.”—1 Tim. 2:2.

EMzantsi Korea abazalwana abaselula abangamaKristu basavalelwa entolongweni ngenxa yokungakhethi cala. Nyanga nganye abazalwana abaselula abamalunga nama-45 bayabanjwa baze bagwetywe unyaka onesiqingatha entolongweni. Ngenxa yoku, abazalwana abamalunga nama-750 bakwiintolongo zaseKorea. Eli lelona nani likhulu lamaNgqina kaYehova abanjelwe ukholo lwawo kuwo onke amazwe asemhlabeni. Ukususela ngowe-1950, amaNgqina kaYehova amalunga ne-17 000 aye agwetywa xa ewonke iminyaka engaphezu kwama-32 000 entolongweni.

Ngowama-2012, abasemagunyeni baqinis’ isandla kumaNgqina angavumiyo ukuya emkhosini ngokuwagwebela entolongweni. Ngaphambili, abantu abangavumiyo ukuya emkhosini bebehlawuliswa imali. Ekubeni ngoku kubizwa abantu abangakumbi ukuze baqeqeshelwe umkhosi, abo bangavumiyo baza kuvela phambi kwenkundla. Ngokomzekelo, ngoNovemba 2011, uHo-jeong Son wagwetywa iinyanga ezisibhozo entolongweni. NgoJuni 2012, waphinda wavela enkundleni yaye kwesi sihlandlo wagwetywa iinyanga ezintandathu entolongweni. Wagcinwa entolongweni emva kokuvela enkundleni okwesibini waza wakhululwa ngebheyile emva kweentsuku ezingama-29, sithetha nje usalindele impendulo yesibheno sakhe. Ngoku ugwetywe iinyanga ezili-14 entolongweni.

EMzantsi Korea, nyanga nganye kuvalelwa abazalwana abaselula abamalunga nama-45 baze bagwetywe unyaka nesiqingatha entolongweni

Kumatyeli aliqela, iUnited Nations Human Rights Committee iye yamkhalimela urhulumente waseMzantsi Korea ngenxa yokuhlutha abantu inkululeko yokuzikhethela. Kufakwe izicelo kule Komiti nakwiNkundla Yomgaqo-siseko yaseMzantsi Korea ukuze kuconjululwe lo mba.