Ngaba Ndikulungele Ukuthandana?
Isahluko 1
Ngaba Ndikulungele Ukuthandana?
“Ndiziva ndinyanzelekile ukuba ndithandane. Ibe kukho abafana abaninzi abaziinzwana.”—UWhitney.
“Amanye amantombazana ayazibika, yaye nam andikwazi kuzibamba. Kodwa ukuba bendinokubuza kubazali bam, ndiyazi ukuba bebeza kuthini.”—UPhillip.
UNOKUBA namandla kakhulu umnqweno wokuba kunye nomntu omthandayo, abe naye ekuthanda, nkqu naxa uselula kakhulu. UJenifer uthi: “Ndaqalisa ukufuna ukuthandana xa ndandineminyaka eli-11 ubudala.” UBrittany uthi: “Esikolweni uba ngathi akungomntu ukuba akuthandani!”
Kuthekani ngawe? Ngaba wena ukulungele ukuthandana?
Ngaphambi kokuba siphendule lo mbuzo, masiqale siphendule lo mbuzo ubalulekileyo:Kukuthini “Ukuthandana”?
Phawula impendulo yakho kule mibuzo ilandelayo:
Uphuma rhoqo nomntu wesini esahlukileyo niye kubethwa ngumoya. Ngaba niyathandana?
□ Ewe
□ Hayi
Wena nomntu wesini esahlukileyo ninomdla omnye komnye. Ngokuphindaphindiweyo suku ngalunye, nibhalelana imiyalezo ngefowuni okanye niyafowunelana. Ngaba niyathandana?
□ Ewe
□ Hayi
Ngalo lonke ixesha ukunye nabahlobo bakho, ukho lo wesini esahlukileyo othi cebu kunye naye. Ngaba niyathandana?
□ Ewe
□ Hayi
Kunokwenzeka ukuba akubanga nangxaki yokuphendula umbuzo wokuqala. Kodwa kusenokwenzeka ukuba ukhe wema nematha ukuphendula owesibini nowesithathu. Kukuthini kanye kanye ukuthandana? Xa sitheth’ inyani, ukuthandana kukusoloko ukunye nomntu otsaleleke kuye. Eyona mpendulo ichanileyo kuyo yomithathu le mibuzo ingasentla nguewe. Enoba nithetha efowunini okanye ubuso ngobuso, phakathi kwabantu okanye emfihlekweni, ukuba nitsalelekile omnye komnye yaye nincokola rhoqo, niyathandana. Ngaba ukulungele ukuthabatha eli nyathelo? Ukuqwalasela le mibuzo mithathu kuya kukunceda.
Kutheni Ufuna Ukuthandana?
Kwiindawo ezininzi ukuthandana kuyindlela eyamkelekileyo yokuba abantu ababini bazane ngakumbi. Kodwa ukuthandana kumele kwenziwe ngenjongo—ukunceda umfana okanye ibhinqa eliselula baqonde enoba banokutshata na.
Liyinyaniso elokuba abanye oontanga bakho banokucinga ukuba ukuthandana kuyinto engenamsebenzi. Mhlawumbi kumnandi nje kubo ukuba nomntu wesini esahlukileyo, kodwa
bengenamdla ekutshateni. Abanye basenokumgqala umhlobo onjalo njengembasa ethile okanye into yokuqhayisa phakathi kwabantu. Phofu ke, ulwalamano olunjalo alusoloko luphumelela. Intwazana egama linguHeather ithi: “Abaselula abaninzi abathandanayo bayahlukana emva kweveki okanye ezimbini. Abalugqali ulwalamano njengento ehlala ixesha elide—isimo sengqondo esinjalo sikhokelela kuqhawulo-mtshato kungekhona kumtshato ohlala uhleli.”Icacile into yokuba xa uthandana, iimvakalelo zomnye umntu zibandakanyekile. Ngoko ke, qiniseka ukuba uthandana ngenjongo. Khawucinge ngoku: Ngaba ubungathanda ukuba iimvakalelo zakho kudlalwe ngazo ngokungathi yinto yokudlala yomntwana—adlala ngayo aze aphinde ayilahle ngokukhawuleza? Ibhinqa eliselula uChelsea lithi: “Ngamany’ amaxesha ndikhe ndifune ukuthi ukuthandana kumele kube kukuzonwabisa nje, kodwa akukho nto yonwabisayo xa omnye ezimisele abe omnye edlala.”
Uneminyaka Emingaphi?
Ucinga ukuba ulutsha lufanele luthandane xa luneminyaka emingaphi? ․․․․․
Khawubuze omnye wabazali bakho okanye bobabini lo mbuzo mnye, uze ubhale impendulo yabo ․․․․․
Into enokwenzeka kukuba inani olibhale ekuqaleni lincinane kunenani olibhale ngezantsi kwalo. Ukuba akunjalo, uphakathi kolutsha olulumkileyo ngokulinda lukhule ngokwaneleyo ukuze luzazi kakuhle ngaphambi kokuthandana. Wagqiba
kwelo kanye uDanielle oneminyaka eli-17 ubudala. Uthi: “Xa ndicinga uhlobo lweqabane endandilifuna kwiminyaka emibini edluleyo, ndibona ukuba lwahluke kwaphela kuhlobo lomntu endimfunayo ngoku. Nanamhlanje oku, andizithembanga ngokwaneleyo ukwenza isigqibo esinjalo. Xa ndibona ukuba ndizinzile kangangeminyaka eliqela, ndingaqala ukucinga ngokuthandana.”Sikho nesinye isizathu esenza ukuba ukulinda kube bubulumko. IBhayibhile isebenzisa ibinzana elithi ‘intlahla yobutsha’ xa ithetha ngexesha apho iimvakalelo zesini nezokuthandana ziqalisa ukuba namandla. (1 Korinte 7:36) Ukusoloko uthene nca nomntu othile wesini esahlukileyo kunokwenza le minqweno inganyamezeleki ize ikhokelele kwisenzo esiphosakeleyo. Inyaniso kukuba oku kusenokuba yinto engenamsebenzi koontanga bakho. Uninzi lwabo lukufuna ngamandla ukuva ukuba kunjani ukuba neentlobano zesini. Kodwa unako ukuyoyisa le ndlela yokucinga! (Roma 12:2) Ngapha koko, iBhayibhile ikubongoza ukuba ‘usabe kulo uhenyuzo.’ (1 Korinte 6:18) Ngokulinda de udlule entlahleni yobutsha, ‘unokunqanda intlekele.’—INtshumayeli 11:10.
Ngaba Ukulungele Ukutshata?
Ukuze ukwazi ukuphendula lo mbuzo khawucingisise ngoku kulandelayo:
Ulwalamano lwakho nabanye. Ubaphatha njani abazali bakho nabantwana bakowenu? Ngaba ukhe ungakwazi eyabase-Efese 4:31.
ukuzibamba, mhlawumbi usebenzisa amazwi abukhali ukuze uchaze indlela ovakalelwa ngayo? Phofu bona bathini ngawe kulo mbandela? Indlela ophatha ngayo abantu bakowenu ibonisa indlela oya kuliphatha ngayo iqabane lakho.—FundaImbono yakho ngobomi. Ngaba unesimo sengqondo esakhayo ngobomi okanye ugxeka yonk’ into? Ngaba unolwazelelelo okanye ufuna kuviwe ngawe—kwenziwe izinto ngendlela yakho? Ngaba uyakwazi ukuzibamba xa uxinezelekile? Ngaba unomonde? Ukuhlakulela isiqhamo somoya kaThixo kwangoku kuya kukunceda ukuba ube yindoda okanye umfazi ofanelekileyo kwixa elizayo.—Funda eyabaseGalati 5:22, 23.
Imali. Uyisebenzisa njani imali? Ngaba usoloko usematyaleni? Ngaba uyakwazi ukuhlala emsebenzini omnye? Ukuba akunjalo, kutheni? Ngaba kungenxa yaloo msebenzi okanye umqeshi wakho? Okanye ngaba kungenxa yobuthathaka onabo omele ubuphucule? Ukuba unengxaki yokusebenzisa imali ngoku, uza kuyiqala ngaphi eyentsapho?—Funda eyoku-1 kuTimoti 5:8.
Izinto zokomoya. Ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova, uqhuba njani ngokomoya? Ngaba wenza konke okusemandleni ukufunda iLizwi likaThixo, ukuya entsimini uze ube nenxaxheba kwiintlanganiso zamaKristu? iNtshumayeli 4:9, 10.
Xa utshata umele womelele ngokomoya.—FundaOnokukwenza
Ukuthandana ngaphambi kwexesha kufana nokubhala iimviwo ungakhange ufunde. Licacile elokuba oko kuya kuba kukuzidlel’ indlala! Ufanele ufunde ngaphambi kokuba ubhale iimviwo ukuze uzixhobele.
Kufana nqwa nokuthandana. Njengokuba sibonile, ukuthandana akuyondlwan’ iyanetha. Ngoko ngaphambi kokuba uzimisele ukunikela ingqalelo kumntu omnye, kufuneka ufunde eyona nto ibalulekileyo—ukwakha ubuhlobo. Kamva xa udibana nomntu okufaneleyo, uza kube ukulungele ukwakha ulwalamano oluluqilima. Kaloku, umtshato ophumelelayo lumanyano lwabahlobo ababini abasenyongweni.
INtshumayeli 11:9) Yaye uya kuba nexesha elaneleyo lokuphucula ubuntu bakho, yaye okubaluleke nangakumbi, kukuba uya kukhula ngokomoya.—IZililo 3:27.
Ukulinda ixeshana ngaphambi kokuba uthandane akusayi kuhlutha inkululeko yakho. Kunoko, kuya kukunika inkululeko engakumbi ‘yokuba nemihlali ebutsheni bakho.’ (Okwangoku, unako ukuba kunye nabesini esahlukileyo. Yiyiphi eyona ndlela iphumelelayo yokwenza oku? Kukuba kwiqela labafana namantombazana eliphantsi kweliso lomntu omdala. Intombazana egama linguTammy, ithi: “Ndicinga ukuba kuba mnandi xa kunjalo. Kubhetele ukuba nabahlobo abaninzi.” UMonica uvumelana naye ngelithi: “Ukuba kunye njengeqela licebo elihle kakhulu, kuba ubona abantu abanobuntu obahlukahlukeneyo.”
Kwelinye icala, xa unikel’ ingqalelo kumntu omnye ngaphambi kwexesha, uzibeka esichengeni sokwaphuk’ intliziyo. Ziphe ixesha elaneleyo. Sebenzisa eli xesha ebomini bakho ukuze ufunde indlela yokuhlakulela nokugcina ubuhlobo. Uya kuthi kamva xa ucinga ngokuthandana, ube nembono ephangaleleyo ngawe, nezona zinto uzifunayo kwiqabane lobomi bakho bonke.
FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 1, ISAHLUKO 29 NESAMA-30
Ngaba ucinga ngokuthandana ungabaxelelanga abazali bakho? Zininzi iingozi zokwenza oku kunokuba ucinga.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.”—IMizekeliso 14:15.
ICEBISO
Ukuba ulungiselela ukuthandana nokutshata, funda eyesi-2 kaPetros 1:5-7 uze ukhethe uphawu olunye omele usebenzele kulo. Kwisithuba senyanga, zihlole uze ubone ukuba ufunde ntoni ngalo, uze ubone nendlela ophucule ngayo.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Uhlolisiso lubonisa ukuba abantu abaye batshata beneminyaka engaphantsi kwama-20 badla ngokuqhawula umtshato kwisithuba seminyaka emihlanu
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Xa ndilungiselela ukutshata kufuneka ndisebenzele kwezi mpawu: ․․․․․
Ndinokusebenzela kwezi mpawu ngokuthi ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kunini apho kufanelekileyo ukuba kunye nabantu besini esahlukileyo?
● Unokumnceda njani umntwana wakowenu oselula kakhulu kodwa ofuna ukuthandana?
● Ukuba uthandana nomntu othile kodwa akunanjongo yakutshata, unokuchaphazeleka njani lowo uthandana naye?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 18]
“Ndicinga ukuba kufuneka uqalise ukuthandana nomntu xa ubona ukuba uxabisekile kuwe yaye uvakalelwa kukuba ikamva lenu kunye liqaqambile. Ufanele umthande lo mntu, kunokufuna nje ukuthandana.”—UAmber.
[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]
Ukuba uthandana ungenanjongo yokutshata, ufana nomntwana odlala ngezinto zokudlala ezintsha, akugqiba azilahle