Umzekelo Wokuxeliswa—ULidiya
Umzekelo Wokuxeliswa—ULidiya
Nangona esandul’ ukukholwa, uLidiya ubonisa ububele kuqala kuPawulos nabanye abafundi. (IZenzo 16:14, 15) Ngoko unelungelo lokunxulumana naba bafundi. Emva kokuba uPawulos noSilas bekhululwe entolongweni, baya phi? Babuyela ekhayeni likaLidiya!—IZenzo 16:40.
NjengoLidiya, ngaba nawe ungabonisa kuqala ububele kwabanye? Ungakwenza njani oko? Qala ngezinto ezincinane. Zimisele ukuthetha nomntu omnye ngexesha. Unokuzibekela usukelo lokuqalisa incoko nomntu omnye sihlandlo ngasinye usiya kwiintlanganiso zamaKristu. Zama ukuncuma. Ukuba akuyazi into omawuyithethe, buza imibuzo okanye ubaxelele nantoni na ngawe. Phulaphula ngenyameko. Ekuhambeni kwexesha, kuya kuba lula ngakumbi ukuncokola. Abantu badla ngokusabela kakuhle xa uthetha nabo ngokunyanisekileyo nangobubele. (IMizekeliso 16:24) Ngenxa yobubele bakhe, uLidiya waba nelungelo lokufumana abahlobo abalungileyo. Ukuba uxelisa umzekelo wakhe, nawe uya kufumana abahlobo abalungileyo!