Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kuthekani Ukuba Ndiyayicaphukela Inkangeleko Yam?

Kuthekani Ukuba Ndiyayicaphukela Inkangeleko Yam?

Isahluko 7

Kuthekani Ukuba Ndiyayicaphukela Inkangeleko Yam?

Ngaba akuyithandi indlela okhangeleka ngayo?

□ Ewe □ Hayi

Ngaba wakha wacinga ngokwenza utyando okanye ngokunciphisa kakhulu indlela otya ngayo ukuze uphucule inkangeleko yakho?

□ Ewe □ Hayi

Yintoni obunokuyitshintsha emzimbeni wakho ukuba ubunako? (Bonisa ngesangqa.)

Isithomo

Umzimba

Ukumila

Iinwele

Ibala lobuso

Ilizwi

UKUBA uphendule ngokuthi ewe kwimibuzo emibini yokuqala waza wafaka isangqa kwiinkalo ezintathu okanye ezingakumbi kumbuzo wesithathu, cinga ngale ndlela: Kusenokwenzeka ukuba abanye abayiboni yonke loo nto uyibonayo. Kulula ukuzibaxa izinto uze ukhathazeke ngokugqithiseleyo ngenkangeleko yakho. Enyanisweni, olunye uhlolisiso lubonisa ukuba amabhinqa aselula oyika kakhulu ukutyeba ngaphezu kwemfazwe yenyukliya, umhlaza, kwanokufelwa ngumzali!

Ayithandabuzeki into yokuba inkangeleko yakho inokuyichaphazela indlela ovakalelwa ngayo—nendlela abakuphatha ngayo abanye abantu. UMaritza oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Ekukhuleni kwethu, oodadewethu ababini babeziimbelukazi, kodwa mna ndandisisidudla. Ndandihlekwa esikolweni. Umakazi yena wayendibiza ngokuthi Chubs, gama elo wayebiza ngalo injana yakhe eyayifukuzela kukutyeba!” UJulie oneminyaka eli-16 ubudala, naye wayekwimeko efanayo. Uthi: “Enye intombazana esikolweni yayihlekisa ngam isithi ‘ndinamazinyo omvundla.’ Nangona oko kubonakala kungeyonto inkulu kangako, kwakundikhathaza, kangangokuba nangoku andiwathandi amazinyo am!”

Ngaba Yinkxalabo Efanelekileyo Okanye Egqithiseleyo?

Akukho nto iphosakeleyo ngokuzixhalabisa ngenkangeleko yakho. NeBhayibhile incoma abantu abathile ababebahle, njengoSara, uRakeli, uYosefu, uDavide noAbhigali. Xa ithetha ngoAbhishagi ithi, “intombazana leyo yayintle ngokugqithileyo.”—1 Kumkani 1:4.

Noko ke, ulutsha oluninzi luyixhalabele ngokugqithiseleyo inkangeleko yalo. Ngokomzekelo, amanye amantombazana akholelwa ukuba ukuze ube nomtsalane umele ube nomzinjana omncinane, yaye asuka athi phithi-thwanga esakubona izicwinana zeembelukazi kumaphephancwadi. Kodwa khumbula ukuba loo mifanekiso mihle iqale yalungiswa ngekhompyutha, yaye ezo mbelukazi zizibulala ngendlala ukuze zihlale zinemizimba emincinane! Sekunjalo, xa uzithelekisa naloo mifanekiso uyibona kuloo maphephancwadi usenokuziva udakumbile. Yintoni ofanele uyenze ukuba ngokwenene inkangeleko yakho ayikonwabisi? Okokuqala, khawuzijongisise kakuhle.

Ngaba Unembono Egqwethekileyo Ngomzimba Wakho?

Ngaba wakha wazijonga esipilini esigqwetha inkangeleko yomntu? Sinokukubonisa utyebile okanye ubhityile kunokuba unjalo. Umfanekiso owubonayo kuso awuchananga.

Ngokufanayo, ulutsha oluninzi lunembono egqwethekileyo ngenkangeleko yalo. Khawucinge nje ngoku: Kolunye uhlolisiso, amantombazana angama-58 ekhulwini ayekholelwa ukuba atyebile, ngoxa enyanisweni ayeli-17 ekhulwini kuphela awayetyebile. Kolunye uhlolisiso, amabhinqa angama-45 ekhulwini awayebhitye kakhulu ayecinga ukuba atyebile!

Abanye abaphengululi bathi amantombazana amaninzi avakalelwa kukuba atyebile akanasizathu sakuxhalaba. Kodwa oko akukuncedi kangako xa uzazi ukuba utyebile ngokwenene. Ukuba utyebile, yintoni ekwenza utyebe?

Kusenokwenzeka ukuba yimfuza. Abanye abantu banemizimba emincinane ngemvelo. Kodwa usenokutyeba ngenxa yemfuza, leyo yindlela owakhiwe ngayo umzimba wakho. Nokuba unokuncipha uze ufikelele kumlinganiselo ofanelekileyo, usenokubonakala umkhulu ngenxa yendlela omile ngayo. Ukulolonga umzimba nokutya ngendlela efanelekileyo kunokunceda ngandlel’ ithile, kodwa akunakukwazi ukutshintsha ukumila kwemfuza.

Enye into etyebisayo lutshintsho olwenzeka ngethuba lokufikisa. Ebudeni belo xesha amanqatha asemzimbeni wentombazana asenokwanda ngokuphindaphindwe phantse kathathu. Kodwa la manqatha adla ngokuphinda anciphe ekuhambeni kwexesha, intombazana ebityebile xa ineminyaka eli-11 okanye eli-12 ubudala iyajika ibe nomzinjana omhle othandekayo xa ikhula. Noko ke, kuthekani ukuba imbonakalo yakho yoniwa kukungatyi ngendlela efanelekileyo okanye ukungalolongi umzimba? Kuthekani ukuba unyanzelekile ukuba unciphise umzimba ngenxa yempilo?

Ukuba Nolungelelwano

IBhayibhile ikhuthaza ukuba “ngcathu ngokwemikhwa.” (1 Timoti 3:11) Ngoko kubalulekile ukuba kungabikho xesha lokutya uliphosayo okanye unciphise ukutya ngokugqithiseleyo. Mhlawumbi eyona ndlela ibhetele yokunciphisa umzimba kukutya ngendlela esempilweni nokwenza umthambo ngomlinganiselo ofanelekileyo.

Akukho mfuneko yokulandela iinkqubo zale mihla zokunciphisa umzimba. Ngokomzekelo, iipilisi zokunciphisa umzimba zisenokukwenza ungabi namdla wokutya okwethutyana; kodwa umzimba ukhawuleza uziqhele, uze ufune ukutya ngendlela eqhelekileyo kwakhona. Okanye inkqubo yokucola ukutya emzimbeni ebizwa ngokuba yimetabolism isenokucotha, uze utyebe kwakhona—singasathethi ke ngomonakalo obangelwa zezo pilisi, njengesiyezi, ihigh blood pressure, ianxiety attacks, mhlawumbi nokuba likhoboka lazo. Kukwanjalo ke nangeepilisi ezenza umntu achame kakhulu okanye ezenza imetabolism isebenze ngakumbi.

Kodwa ukutya ngokufanelekileyo, nokulolonga umzimba rhoqo ngomlinganiselo ofanelekileyo, kuya kukwenza ukhangeleke kakuhle yaye waneliseke. Ukulolonga umzimba izihlandlo eziliqela ngeveki kuya kuyiphucula impilo yakho. Usenokuhamba ngokukhawuleza (brisk walk) okanye unyuke usihla ezitepsini.

Lumkela Ukuba NeAnorexia!

Olunye ulutsha lunciphisa umzimba lude lube neanorexia—meko leyo ebonakala ngokuba umntu angafuni nokukubona ukutya. Emva kweenyanga ezine enyangwa ianorexia, uMasami uthi: “Xa abantu besithi, ‘Ubonakala usempilweni,’ ndiye ndizixelele ukuba, ‘Ndimel’ ukuba ndiyatyeba ke ngoku.’ Emva koko ndiye ndikhale ndize ndithi, ‘Akwaba bendinokuphinda ndinciphe njengokuba ndandinjalo kwiinyanga ezine ezidlulileyo!’”

Umntu usenokuba neanorexia engaqondanga. Intombazana eselula isenokuqalisa ukunciphisa ukutya ngendlela engeyongozi, mhlawumbi ukuze ihle ngeekhilogram nje ezimbalwa. Noko ke, naxa ilufikelele usukelo lwayo ayaneliseki. Ithi yakuzijonga esipilini inikine intloko ize ithi: “Ndisatyebe kakhulu!” Ngoko igqiba kwelokuba ikhe ithi gabhu ezinye iikhilogram ezimbalwa. Iqale ke ngolo hlobo, iqhubeke iphungula ezinye iikhilogram. Kuze oku kugqibele ngokuba ngumkhwa. Xa sekunjalo ke ineanorexia.

Ukuba ukrokrela ukuba uneanorexia okanye nayiphi na enye ingxaki ephathelele ukutya, umele ufune uncedo. Chazela umzali okanye omnye umntu okhulileyo onokumthemba. IBhayibhile ithi: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.”—IMizekeliso 17:17.

Ubuhle Bokwenene

IBhayibhile ayibalaselisi imbonakalo yangaphandle okanye ukumila komzimba. Kunoko, ngumntu wangaphakathi okwenza ube mhle okanye ungathandeki emehlweni kaThixo.—IMizekeliso 11:20, 22.

Cinga nje ngoAbhisalom unyana kaKumkani uDavide. IBhayibhile ithi: “Kwakungekho ndoda intle kangako kuSirayeli wonke enokuze idunyiswe kakhulu. Ukususela entendeni yonyawo lwakhe kuse elukakayini lwentloko yakhe kwakungekho siphene kuye.” (2 Samuweli 14:25) Kodwa le nzwana yayinobuqhophololo. Iqhutywa likratshi namabhongo, yazama ukubhukuqa ukumkani omiselwe nguYehova. Ngoko iBhayibhile ayimncomi nganto uAbhisalom, kunoko imchaza njengebhedengu lombulali onenkohlakalo.

Eyona nto ibalulekileyo kukuba “uYehova ucikida iintliziyo”—kungekhona ubuncinane besinqe sentombazana okanye izoso zenkwenkwe. (IMizekeliso 21:2) Ngoko nangona kungekho nto iphosakeleyo ngokufuna ukukhangeleka kakuhle, eyona nto ibaluleke kakhulu bubuntu bakho. Eneneni, ziimpawu zokomoya eziya kukwenza ube nomtsalane ngakumbi kwabanye, kungekhona ukuba nezihlunu ezomeleleyo okanye ukuba nesisu esithe nca!

FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 1, ISAHLUKO 10

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Ulutsha oluninzi luthwaxwa sisifo okanye isiphene esinganyangekiyo. Ukuba nawe ukwimeko efanayo, unokuhlangabezana njani nayo?

IZIBHALO EZIBALASELISA

‘Umntu ubona okubonakalayo emehlweni; kodwa uYehova yena, ubona oko ikuko intliziyo.’—1 Samuweli 16:7.

ICEBISO

Xa ufuna ukuncipha . . .

● Musa ukuphoswa sisidlo sakusasa. Kungenjalo, usenokulamba uze utye kakhulu kunesiqhelo.

● Sela amanzi ngeglasi enkulu ngaphambi kwesidlo ngasinye. Amanzi ayakuvala ungatyi kakhulu.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Ezinye iingcali zithi xa uzilambisa, umzimba wakho usenokuyicothisa inkqubo yokucolwa kokutya (metabolism), nto leyo ekwenza uphinde utyebe ngokukhawuleza!

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ndinokuyinyamekela impilo yam ngokuthi ․․․․․

Eyona ndlela yokulolonga umzimba endilungeleyo yile ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

Uvakalelwa njani ngenkangeleko yakho?

Yintoni onokuyenza ukuze uphucule inkangeleko yakho?

Ungamcebisa uthini umhlobo wakho ongatyi ngendlela efanelekileyo?

Unokumnceda njani umntwana wakowenu omncinane ukuze abe nembono elungeleleneyo ngenkangeleko yakhe?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 69]

“Kangangethuba elide, ndandihlekwa ngenxa yokuba namehlo amakhulu. Ndandisuka nje ndihleke ndingayihoyi loo nto, yaye ndasebenzela ukuphucula ubuntu bam kunye nezinye iimpawu ezintle. Ndiye ndayamkela indlela endikhangeleka ngayo. Ndizithanda ndinjalo.”—UAmber

[Umfanekiso okwiphepha 68]

Indlela ozijonga ngayo isenokufana nqwa nomfanekiso okwisipili esigqwetha inkangeleko yomntu