Ihlabathi Elitsha Nelimangalisayo Elenziwe NguThixo
Icandelo 10
Ihlabathi Elitsha Nelimangalisayo Elenziwe NguThixo
1, 2. Kuya kwenzeka ntoni emva kwemfazwe yokucoca yeArmagedon?
EMVA kwemfazwe kaThixo yokucoca yeArmagedon, kuza kwenzeka ntoni? Kuya kuqalisa ixesha elitsha nelizukileyo. Abasindileyo kwiArmagedon, ekubeni sele bezingqine benyanisekile kulawulo lukaThixo, baya kungeniswa kwihlabathi elitsha. Hayi indlela eliya kuchulumancisa ngayo elo xesha litsha lembali njengoko iingenelo ezimangalisayo ezivela kuThixo zithululelwa intsapho yabantu!
2 Phantsi kolwalathiso loBukumkani bukaThixo, abo basindileyo baya kuqalisa ukwakha iparadisi. Amandla abo aya kusetyenziselwa iinjongo zokungazingci eziya kuzisa iingenelo kubo bonke abobe bephila ngelo xesha. Umhlaba uya kuqalisa ukuguqulelwa ekubeni likhaya elihle, eliseluxolweni nelanelisayo loluntu.
Ubulungisa Buthabathel’ Indawo Ubungendawo
3. Sisiphi isiqabu esikhawulezileyo esiya kuvakala kanye nje emva kweArmagedon?
3 Konke oku kuya kwenzeka ngokutshatyalaliswa kwehlabathi likaSathana. Kuya kube kungasekho zinkonzo zobuxoki, zinkqubo zentlalo okanye oorhulumente ababangela ukungavisisani. Impembelelo kaSathana yokukhohlisa abantu iya kube ingasekho; bonke oothunywashe abasebenzisayo ukuyizisa baya kupheliswa nenkqubo kaSathana. Khawufan’ ucinge nje: wonke umoya oyityhefu wehlabathi likaSathana utshayelwe kwathi tu! Esinjani sona isiqabu okuya kuba siso oko!
4. Chaza inguquko kwimfundo eya kwenziwa ngelo xesha.
4 Ziya kwandula ke iingcamango ezibhubhisayo zolawulo lomntu zithatyathelw’ indawo yimfundiso eyakhayo evela kuThixo. “Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova.” (Isaya 54:13) Ekubeni kukho le mfundiso ephilileyo iminyaka ngeminyaka, “ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.” (Isaya 11:9) Abantu abasayi kuphinda bafunde okubi, kodwa “baya kufunda ubulungisa abemi belimiweyo.” (Isaya 26:9) Iingcinga nezenzo ezakhayo ziya kuba yindlela abantu abaphila ngayo.—IZenzo 17:31; Filipi 4:8.
5. Kuya kwenzeka ntoni kubo bonke ubungendawo nabantu abangendawo?
5 Ngenxa yoko, akusayi kuphinde kubekho kubulala, lugonyamelo, kudlwengula, kuphanga, okanye naluphi na olunye ulwaphulo-mthetho. Akukho mntu kuya kufuneka abandezeleke ngenxa yezenzo ezingendawo zabanye abantu. IMizekeliso 10:30 ithi: “Ilungisa alishukunyiswa naphakade; ke bona abangendawo abalihlali ilizwe.”
Kuya Kubuyiselwa Impilo Egqibeleleyo
6, 7. (a) Yintoni le ikhoyo nebuhlungu eya kupheliswa lulawulo loBukumkani? (b) UYesu wakubonakalisa njani oku ngoxa wayesemhlabeni?
6 Kwihlabathi elitsha, kuya kupheliswa yonke imiphumo emibi yemvukelo yantlandlolo. Ngokomzekelo, ulawulo loBukumkani luya kuphelisa ukugula nokwaluphala. Namhlanje, nokuba unempilo entle ngokomlinganiselo othile, isibakala esibuhlungu sesokuba njengoko uya usaluphala, amehlo akho aba norhatyazo, amazinyo akho ayabola, iindlebe zakho ziba buthuntu, ulusu lwakho luba nemibimbi, amalungu akho angaphakathi aphelelwa ngamandla, de ekugqibeleni ufe.
7 Noko ke, kungekudala loo miphumo inxunguphalisayo esayizuza njengelifa kubazali bethu bokuqala iya kuba yinto yexesha elidluleyo. Ngaba uyakukhumbula oko uYesu wakubonisayo ngempilo ngoxa wayesemhlabeni? IBhayibhile iyasixelela: “Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa; zada zamangaliswa izihlwele ezo, zakubona izidenge zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona.”—Mateyu 15:30, 31.
8, 9. Chaza ulonwabo oluya kubakho kwihlabathi elitsha xa kubuyiselwe impilo egqibeleleyo.
8 Olungakanani lona ukuba lukhulu uvuyo esiya kuba nalo kwihlabathi elitsha njengoko zonke izigulo zethu zinyangwa! Asisoze siphinde sithuthunjiswe kukubandezeleka okubangelwa yimpilo enkenenkene. “Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.” “[Ngelo xesha] aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge.”—Isaya 33:24; 35:5, 6.
9 Ngaba akuyi kuchulumancisa ukuvuka ntsasa nganye uze uphawule ukuba ungumqabaqaba? Akuyi kubavuyisa na abantu abalupheleyo ukwazi ukuba babuyiselwe kumandla apheleleyo obutsha yaye baya kufikelela kwimfezeko uAdam noEva ababeyinandipha ekuqaleni? Idinga leBhayibhile lithi: “Isuka ibe nentlahla inyama yakhe; ubuyela emihleni yobudodana bakhe.” (Yobhi 33:25) Olunjani lona uyolo ekuya kuba lulo ukulahla kude loo mehlo emboleko, oomatshini bokuva, imisimelelo, izihlalo ezinamavili namayeza! Izibhedlele, oogqirha noogqirha bamazinyo abasoze baphinde bafuneke nganto.
10. Kuya kwenzeka ntoni ngokufa?
10 Abantu abanandipha impilo entle ngolo hlobo abayi kufuna ukufa. Ibe akuyi kufuneka ukuba bafe, kuba uluntu lobe lungasekho phantsi kolawulo lokungafezeki nokufa okwazuzwa njengelifa. UKristu “umelwe yena kukuthi alawule, ade [uThixo] azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba. Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa.” “Sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade.”—1 Korinte 15:25, 26; Roma 6:23; bona kwanoIsaya 25:8.
11. ISityhilelo sizishwankathela njani iingenelo zehlabathi elitsha?
11 Ishwankathela iingenelo eziya kuziswa nguThixo onenkathalo kwintsapho yabantu eParadisi, incwadi yokugqibela yeBhayibhile ithi: “Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.”—ISityhilelo 21:3, 4.
Abafileyo Bayabuya
12. UYesu wawabonakalisa njani amandla okuvusa abantu awawanikwa nguThixo?
12 UYesu akazange aphelele nje ekunyangeni abagulayo aze aphilise iziqhwala. Kwakhona wabuyisa nabantu emangcwabeni. Ngaloo ndlela wabonakalisa amandla amangalisayo ovuko uThixo awayemnike wona. Ngaba uyasikhumbula isihlandlo sokufika kukaYesu kwindlu yendoda eyayifelwe yintombi yayo? UYesu wathi kwintombi eyayifile: “Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka!” Waba yintoni umphumo? “Yavuka kwaoko intombazana leyo, yahambahamba.” Bebona oko, abantu ababelapho “bathi nqa ngokuthi nqa okukhulu.” Kwakunzima kubo nokuzibamba ngenxa yovuyo ababenalo!—Marko 5:41, 42; bona kwanoLuka 7:11-16; Yohane 11:1-45.
13. Ziziphi iindidi zabantu eziza kuvuswa?
13 Kwihlabathi elitsha, “kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.” (IZenzo 24:15) Ngelo xesha uYesu uya kusebenzisa amandla akhe awanikwe nguThixo ukuvusa abafileyo ngenxa yokuba, njengoko watshoyo, “Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ebethe wafa wodla ubomi.” (Yohane 11:25) Kwakhona wathi: ‘Bonke abasemangcwabeni [kwinkumbulo kaThixo] baya kuliva ilizwi lakhe [likaYesu], baphume.’—Yohane 5:28, 29.
14. Ngenxa yokuba ukufa kobe kungasekho, ziziphi izinto eziya kupheliswa?
14 Luya kuba lukhulu uvuyo emhlabeni wonke xa amaqela ngamaqela abantu abafileyo ebuyela ebomini ukuza kuthelela abathandekayo babo! Akusayi kuphinde kubekho imihlathi yemiphanga ebangela ubuhlungu kwabasaphilayo. Kunoko, kusenokwenzeka nje okwahluke ngokupheleleyo: izaziso zabo basandul’ ukuvuswa eziya kubavuyisa abo babebathanda. Ngoko akusayi kubakho mingcwabo, imililo yokutshisa izidumbu, iindawo ekutshiselwa kuzo izidumbu okanye amangcwaba!
Ihlabathi Elitsha Ngokwenene
15. Isiprofeto sikaMika siya kuzaliseka njani ngengqiqo epheleleyo?
15 Kuya kubakho uxolo lokwenyaniso kuzo zonke iinkalo zobomi. Iimfazwe, abo bakhuthaza iimfazwe nokwenziwa kwezixhobo iya kuba zizinto zayizolo. Ngoba? Ngenxa yokuba izilangazelelo ezahlukanisayo zobuhlanga nezobuzwe ziya kuthi shwaka. Ngoko, ngeyona ngqiqo ipheleleyo, “uhlanga aluyi kuphakamisela uhlanga ikrele lalo, bangabi safunda ukulwa.”—Mika 4:3.
16. UThixo uya kuqinisekisa njani ukuba iimfazwe aziyi kubakho?
16 Oku kusenokubonakala kukhwankqisa ngenxa yembali yabantu abanxanelw’ igazi abasoloko besilwa. Kodwa oko kwenzeke ngenxa yokuba uluntu beluphantsi kolawulo lwabantu nolweedemon. Kwihlabathi elitsha, kulawulo loBukumkani, naku okuza kwenzeka: “Yizani nikhangele imisebenzi kaYehova . . . Ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi; waphula isaphetha, angqumze umkhonto, atshise iinqwelo zokulwa [zemfazwe] ngomlilo.”—INdumiso 46:8, 9.
17, 18. Kwihlabathi elitsha, luluphi ulwalamano oluya kubakho phakathi kwabantu nezilwanyana?
17 Umntu kwanerhamncwa baya kuhlalisana ngoxolo, njengoko babenjalo e-Eden. (Genesis 1:28; 2:19) UThixo uthi: “Ngaloo mini ndobenzela umnqophiso namarhamncwa asendle, neentaka zezulu, nezinambuzane zomhlaba . . . ndibahlalise bekholosile [“benqabisekile,” NW].”—Hoseya 2:18.
18 Luya kubakho ngomlinganiselo ongakanani olo xolo? “Ingcuka iya kuhlala nemvana, ingwe ibuthe netakane lebhokhwe; kubuthe ndawonye ithole lenkomo, nengonyama entsha, nenkomo etyetyisiweyo; nomntwana aziqhube ezo zinto.” Izilwanyana azisoze ziphinde zimsongele umntu okanye zisongelane zodwa. ‘Kwanengonyama iya kudla umququ njengenkomo’!—Isaya 11:6-9; 65:25.
Umhlaba Uguqulwe Waba YiParadisi
19. Umhlaba uya kuguqulelwa entwenini?
19 Wonke umhlaba uya kuguqulwa ube likhaya eliyiparadisi loluntu. Kungenxa yoko uYesu wayenokuthembisa indoda eyaba nokholo kuye: “Uya kuba nam eParadisi.” IBhayibhile ithi: “Inemihlali intlango nomqwebedu; iyagcoba inkqantosi, iyadubula njengomfiyo. . . . Ngokuba kuya kugqobhoka amanzi entlango, nemilambo enkqantosini.”—Luka 23:43; Isaya 35:1, 6.
20. Kutheni ukulamba kungasoze kuphinde kuthwaxe uluntu?
20 Phantsi koBukumkani bukaThixo, izigidi aziyi kuphinda zithwaxwe kukulamba. “[Kuya kubakho] intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba.” “Umthi wasendle wonika isiqhamo sawo, ilizwe linike indyebo yalo, banqabe emhlabeni wabo.”—INdumiso 72:16; Hezekile 34:27.
21. Kuya kwenzeka ntoni kwimeko yokungabi namakhaya, kumatyotyombe nakwimimandla emibi?
21 Akuyi kuphinde kubekho buhlwempu, bantu bangenamakhaya, matyotyombe okanye imimandla ekugunya kuyo ulwaphulo-mthetho. “Baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo. Abayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi.” “Baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, kungabikho uboyikisayo.”—Isaya 65:21, 22; Mika 4:4.
22. IBhayibhile izichaza njani iintsikelelo zolawulo lukaThixo?
22 Abantu baya kusikelelwa ngezi zinto, nangezingakumbi, eParadisi. INdumiso 145:16 ithi: “Uyasivula [wena Thixo] isandla sakho, uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo.” Akumangalisi ke ukuba isiprofeto seBhayibhile sisithi: “Bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo. . . . Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.”—INdumiso 37:11, 29.
Ukulungisa Umonakalo Wexesha Elidluleyo
23. UBukumkani bukaThixo buya kukulungisa njani konke ukubandezeleka esiye sajamelana nako?
23 Ulawulo loBukumkani bukaThixo luya kulungisa wonke umonakalo owenziwe kwintsapho yabantu kwiminyaka engamawaka amathandathu edluleyo. Uvuyo oluya kubakho ngelo xesha luya kukugqwesa nakuphi na ukubandezeleka abantu abakhe bajamelana nako. Ubomi abuyi kuphazanyiswa zizo naziphi na iinkumbulo ezingathandekiyo zokubandezeleka kwangaphambili. Iingcinga nemisebenzi eyakhayo eya kuzalisa ubomi bemihla ngemihla babantu iya kuzicima ngokuthe ngcembe ezo nkumbulo zibuhlungu.
24, 25. (a) Yintoni uIsaya awayixela kwangaphambili esithi iya kwenzeka? (b) Kutheni sinokuqiniseka ukuba iinkumbulo zokubandezeleka kwexesha elidluleyo ziya kulibaleka?
24 UThixo onenkathalo uthi: “Ndidala amazulu amatsha [urhulumente omtsha wasezulwini oya kulawula uluntu] nehlabathi elitsha [ibutho labantu abangamalungisa]; angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni. Hayi, yibani nemihlali, nigcobe nanini yiloo nto ndiyidalayo.” “Liphumle, lizolile ihlabathi lonke; [abantu, NW] bayagqabhuka bamemelele.”—Isaya 14:7; 65:17, 18.
25 Ngoko ngoBukumkani bakhe, uThixo uya kuyishenxisa ngokupheleleyo imeko embi ebikho ithuba elide kangaka. Kulo lonke iphakade uya kubonakalisa inkathalo yakhe enkulu ngathi ngokusithululela iintsikelelo eziya kukugqwesa lee nakuphi na ukwenzakala esibe nako kwixesha elidluleyo. Ngelo xesha iinkathazo esiye sajamelana nazo ngaphambili asiyi kuzikhumbula kakuhle, ukuba sozikhumbula kwaukuzimbula.
26. Kutheni uThixo eya kusibuyisela ngako nakuphi na ukubandezeleka kwexesha elidluleyo?
26 Leyo yindlela uThixo aya kubuyisela ngayo ukubandezeleka esisenokuba siye sakunyamezela kweli hlabathi. Uyazi ukuba yayingelotyala lethu ukuzalwa kwethu singafezekanga, kuba ukungafezeki sakuzuza njengelifa kubazali bethu bokuqala. Asilotyala lethu ukuba sazalelwa kwihlabathi likaSathana, kuba ukuba uAdam noEva babethembekile, ngesasizalelwe eparadisi. Ngoko ngovelwano olukhulu uThixo uya kwenza nokungaphezulu kunokulungisa nje umonakalo wangaphambili esiye sabandezeleka ngenxa yawo.
27. Ziziphi iziprofeto eziya kuzaliseka ngokumangalisayo kwihlabathi elitsha?
27 Kwihlabathi elitsha, uluntu luya kufumana inkululeko eyaxelwa kwangaphambili kweyabaseRoma 8:21, 22: “Nendalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo. Kuba siyazi ukuba yonke indalo iyancwina, inenimba kunye, unangoku.” Ngelo xesha abantu baya kubona inzaliseko epheleleyo yalo mthandazo: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.” (Mateyu 6:10) Iimeko ezimangalisayo kumhlaba oyiParadisi ziya kubonakalisa iimeko ezisezulwini.
[Imibuzo YeSifundo]
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Kwihlabathi elitsha, abalupheleyo baya kubuyela kumandla obutsha
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Konke ukugula neziphene kuya kupheliswa kwihlabathi elitsha
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Kwihlabathi elitsha, nabafileyo baya kubuyiselwa ebomini
[Umfanekiso okwiphepha 26]
‘Bangabi safunda ukulwa’
[Imifanekiso ekwiphepha 27]
Abantu nezilwanyana baya kuba seluxolweni ngokupheleleyo eParadisi
[Umfanekiso okwiphepha 27]
‘UThixo uya kusivula isandla sakhe aze azihluthise zonke izinto eziphilileyo’
[Umfanekiso okwiphepha 28]
UBukumkani bukaThixo buya kwenza okungakumbi kunokulungisa nje konke ukubandezeleka esiye sakunyamezela