Umhlaba Ekungekho Kubandezeleka Kuwo
Icandelo 2
Umhlaba Ekungekho Kubandezeleka Kuwo
1, 2. Yiyiphi imbono eyahlukileyo abaninzi abanayo?
NOKO ke, izigidi zabantu ehlabathini lonke zinembono eyahluke ngokupheleleyo. Zilindele ikamva elimangalisayo loluntu. Zithi kanye apha emhlabeni kungekudala kuza kubakho ihlabathi eliya kungabi nabo ngokupheleleyo ubungendawo nokubandezeleka. Zinentembelo yokuba kungekudala ububi buza kushenxiswa kuze kusekwe ihlabathi elitsha ngokupheleleyo. Zide zithi kanye ngoku kubekwa isiseko seli hlabathi litsha!
2 Aba bantu bakholelwa kwelokuba kweli hlabathi litsha kuya kuba kungasekho mfazwe, nkohlakalo, lwaphulo-mthetho, okungekho sikweni nabuhlwempu. Iya kuba lihlabathi ekungekho kugula, lusizi, zinyembezi, kwanakufa kulo. Ngelo xesha abantu baya kufikelela kwimfezeko baze baphile ngonaphakade bonwabile kwiparadisi esemhlabeni. Kaloku, abo bafileyo baya kuvuswa nokuvuswa baze babe nethuba lokuphila ngonaphakade!
3, 4. Kutheni abo bantu benentembelo nje ngembono yabo?
3 Ngaba le mbono ngekamva liphupha nje, intelekelelo nje yoko kunqwenelwayo nekunzima ukukufikelela? Akunjalo, konke konke. Isekelwe kukholo oluneziseko eziqinileyo lokuba nakanjani na le Paradisi izayo iza kufika. (Hebhere 11:1) Kutheni beqiniseke kangaka nje? Kungenxa yokuba oku kuthenjiswe nguMdali ongusomandla wendalo iphela.
4 Ngokuphathelele amadinga kaThixo, iBhayibhile ithi: “Akuwanga phantsi nalinye ilizwi emazwini onke alungileyo, abewathethile uYehova uThixo wenu ngani; onke enzekile kuni; akuwanga phantsi nalinye.” “UThixo akamntu ukuba athethe amanga . . . Etshilo nje yena, akayi kwenza na? Ethethile nje, akayi kufeza na?” “Ufungile uYehova wemikhosi wathi, Inyaniso, njengoko ndicinge ngako, koba njalo; njengoko ndicebe ngako, koma ngolo hlobo.”—Yoshuwa 23:14; Numeri 23:19; Isaya 14:24.
5. Yiyiphi imibuzo efanele iphendulwe?
5 Noko ke, ukuba uThixo wayenenjongo yokumisela iparadisi emhlabeni ekungekho kubandezeleka kuyo, wayesaziyekela ntoni ke izinto ezimbi ukuba zenzeke? Kwakutheni ukuze alinde iminyaka engamawaka amathandathu ukuza kuthi ga ngoku engawulungisi lo monakalo? Ngaba zonke ezo nkulungwane zokubandezeleka zisenokubonisa ukuba ngokwenene uThixo akasikhathalele, okanye kwanokuba akakho?
[Imibuzo YeSifundo]