Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 8

Ilizwi Livakala Ngokwaneleyo

Ilizwi Livakala Ngokwaneleyo

UKUBA isithethi sasesidlangalaleni asivakali ngokwaneleyo, abanye abaphulaphuli basenokulala. Ukuba umvakalisi uthethela phantsi kakhulu kubulungiseleli basentsimini, usenokungakwazi ukubamba ingqalelo yomninimzi. Yaye kwiintlanganiso apho abaphulaphuli benganikeli magqabaza avakala ngokwaneleyo, abo bezileyo abayi kulufumana ukhuthazo abalufunayo. (Heb. 10:24, 25) Kwelinye icala, ukuba isithethi sinyusa ilizwi ngexesha elingafanelekanga, abaphulaphuli basenokuthukuthezelwa—de bacaphuke.—IMize. 27:14.

Cinga Ngabaphulaphuli Bakho. Ngubani lo uthetha naye? ngumntu omnye? yintsapho? liqela elincinane labantu abeze kwintlanganiso yenkonzo yasentsimini? libandla? ngabantu abeze kwindibano enkulu? Kucacile ukuba imvakalo-zwi efanele imeko ethile isenokungayifaneli enye.

Abakhonzi bakaThixo baye bathetha phambi kwabaphulaphuli abaninzi kwizihlandlo ezahlukeneyo. Xa kwakunikezelwa itempile yaseYerusalem ngemihla kaSolomon, zazingekho izixhobo zokwandisa ilizwi. Ngoko uSolomon wema kwindawo ephakamileyo waza wasikelela abantu “ngelizwi elikhulu.” (1 Kum. 8:55; 2 Kron. 6:13) Kwiinkulungwane kamva, emva kokuthululwa komoya oyingcwele ngePentekoste yowama-33 C.E., isihlwele—abanye benomdla, abanye benyelisa—sangqonga iqaqobana lamaKristu eYerusalem. Ngobulumko, uPetros “wema . . . yaye waliphakamisa ilizwi lakhe.” (IZe. 2:14) Kwanikelwa ubungqina obunamandla.

Unokuyiqonda njani into yokuba ilizwi lakho livakala ngokwaneleyo kwimeko ethile? Indlela abasabela ngayo abaphulaphuli bakho iyenye yezona ndlela zilungileyo onokubona ngazo. Ukuba uphawula ukuba abanye babaphulaphuli batsala iindlebe bezama ukuva, ufanele uzame ukulilungisa ilizwi lakho.

Enoba sithetha nomntu omnye okanye sithetha neqela, kububulumko ukuba sijonge ukuba ngoobani abasiphulaphuleyo. Ukuba ngumntu ongevayo kakuhle, kusenokufuneka uphakamise ilizwi lakho. Kodwa ukukhwaza akuyi kukwenza bakuthande abantu abasenokuba abakhawulezi kusabela ngenxa yokwaluphala. Ukukhwaza kunokude kugqalwe njengobukrwada. Kwezinye iindawo, ukukhwaza kakhulu kugqalwa njengento ebonisa ukuba ubani unomsindo okanye uphelelwe ngumonde.

Cinga Ngengxolo Ephazamisayo. Xa ukubulungiseleli basentsimini, ngokuqinisekileyo iimeko ohlangabezana nazo ziyayiphembelela imvakalo yelizwi efunekayo ukuze unikele ubungqina. Kusenokufuneka ukhuphisane nengxolo yeenqwelo-mafutha, abantwana abafundekelayo, izinja ezikhonkothayo, umculo okanye umabonwakude odlalelwa phezulu. Kwelinye icala, kwiindawo apho amakhaya asondeleleneyo, umninimzi usenokuba neentloni xa ukhwaza kangangokuba utsale ingqalelo yabamelwane.

Abazalwana abanikela iintetho ebandleni okanye ezindibanweni nabo kuye kufuneke bahlangabezane neemeko ezahlukeneyo. Ukuthetha nabaphulaphuli abangaphandle kwahlukile kunokunikela intetho kwiholo apho izandi zivakala kakuhle. ELatin America abavangeli basemazweni ababini banikela intetho yesidlangalala kwibala lekhaya lomntu onomdla ngoxa kwakugqekreza iifireworks kwizakhiwo ezikufutshane yaye kukho umqhagi owawukhonya ukhonyile kude kufuphi nalapho!

Ebudeni bentetho, kunokwenzeka nto ithile efuna ukuba unqumame de loo nto iphazamisayo idlule okanye ke unyuse ilizwi. Ngokomzekelo, ukuba intlanganiso iqhutywa kwisakhiwo esifulelwe ngamazinki, ukuna kwemvula ngequbuliso kunokubangela ukuba abaphulaphuli bangasiva kakuhle isithethi. Umntwana okhalayo okanye isiphazamiso esibangelwa ngabantu abafika emva kwexesha ngokuqinisekileyo ziya kuba lucelomngeni. Funda ukuzithibaza ezo ziphazamiso ukuze abaphulaphuli bakho bangenelwe ngokuzeleyo kwinkcazelo oyidluliselayo.

Izixhobo zokwandisa ilizwi ziya kuba luncedo ukuba zikho, kodwa oko akuthethi kuthi akuyomfuneko ukuba isithethi sinyuse ilizwi xa imeko ifuna njalo. Kwezinye iindawo apho umbane unqamka rhoqo, izithethi ziye zinyazeleke ukuba ziqhubeke nentetho yazo ngaphandle koncedo lwesandisi-lizwi.

Cinga Ngombandela Oxutyushwayo. Uhlobo lombandela okwintetho yakho luyayichaphazela imvakalo yelizwi efunekayo. Ukuba loo mbandela ufuna uthethe ngelizwi eliqinileyo, musa ukuyenza buthathaka loo ntetho ngokuthethela phantsi kakhulu. Ngokomzekelo, xa ufunda amazwi avakalisa imigwebo akwiZibhalo, ilizwi lakho lifanele libe namandla kunaxa ufunda isiluleko esingokuba nothando. Ilizwi lakho lenze lifanele umbandela lowo, kodwa ulumkele ukukwenza oko ngendlela etsalela ingqalelo kwisiqu sakho.

Cinga Ngenjongo Yakho. Ukuba ufuna ukushukumisela abaphulaphuli bakho ukuba babe nenzondelelo emsebenzini, kusenokufuneka usebenzise ilizwi eliqinileyo noko. Ukuba ufuna ukuguqula indlela abacinga ngayo, mus’ ukubagxotha ngokukhwaza kakhulu. Ukuba injongo yakho kukuthuthuzela, ilizwi elithambileyo lidla ngokuba bhetele.

Ukulisebenzisa Ngempumelelo Ilizwi Eliphakamileyo. Xa uzama ukutsala ingqalelo yomntu oxakekileyo, ukuphakamisa ilizwi kudla ngokunceda. Abazali bayayazi loo nto, ibe bayakhwaza xa bebiza abantwana babo xa ilixesha lokuba bayeke ukudlala baze bangene endlwini. Ukuphakamisa ilizwi kunokuba yimfuneko naxa usihlalo efuna abantu bathule ukuze kuqaliswe intlanganiso yebandla okanye indibano. Njengoko abavakalisi besiba nesabelo kubulungiseleli basentsimini, basenokubulisa ngelizwi eliphakamileyo njengoko besondela kubantu abasebenza ngaphandle.

Kwanasemva kokuba uyifumene ingqalelo yomntu, kubalulekile ukuqhubeka uthetha ngokuvakalayo. Ilizwi elithambe kakhulu lisenokuvakala ngathi isithethi asilungiselelanga okanye asiqinisekanga ngaloo nto siyithethayo.

Xa kukhutshwa umyalelo, ukuphakamisa ilizwi kunokushukumisela abantu kwisenzo. (IZe. 14:9, 10) Ngendlela efanayo, ukukhupha umyalelo ngelizwi elikhwazayo kunokukwenza uphephe intlekele. EFilipi umgcini-ntolongo othile wayesele eza kuzibulala kuba ecinga ukuba amabanjwa aqhweshile. “UPawulos wamemeza ngelizwi elikhulu, esithi: ‘Musa ukuzenzakalisa, kuba sonke silapha!’” Ngenxa yoko akazange azibulale. Emva koko uPawulos noSilas banikela ubungqina kuloo mgcini-ntolongo nakwindlu yakhe, ibe bonke bayamkela inyaniso.—IZe. 16:27-33.

Indlela Yokuphucula Imvakalo Yelizwi Lakho. Kwabanye kuye kufuneke umgudu owongezelelekileyo ukuze bafunde ukuthetha ngelizwi elivakala kakuhle. Umntu unokuthethela phantsi kuba ilizwi lakhe libuthathaka. Noko ke, xa esenza umgudu, unako ukuphucula, nangona esenokuqhubeka enelizwi eliphantsi. Nikela ingqalelo ekuphefumleni nakwindlela umzimba oma ngayo. Ziqhelise ukuhlala nokuma nkqo. Watyhalele emva amagxa akho, uze uwutsale kakhulu umoya xa uphefumla. Qiniseka ukuba uyayizalisa inxalenye engaphantsi yemiphunga yakho. Kuxa usetyenziswe kakuhle lo moya apho uya kukwazi ukuyilawula indlela elivakala ngayo ilizwi lakho xa uthetha.

Abanye banengxaki yokuthethela phezulu kakhulu. Mhlawumbi baye bawuqhela lo mkhwa ngenxa yokuba besebenza ngaphandle okanye kwindawo enengxolo. Kwelinye icala, basenokuba bakhulele kwindawo apho wonk’ ubani akhwazayo nalapho kuyinto eqhelekileyo ukuba neziphazamiso. Ngenxa yoko, bavakalelwa kukuba ekuphela kwento onokuyenza ukuze uviwe kukukhwaza ngaphezu kwakhe wonk’ ubani. Njengoko besithobela ngokuthe ngcembe isiluleko seBhayibhile esithi bambathe “umsa wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo,” baya kwenza uhlengahlengiso kwindlela elivakala ngayo ilizwi labo xa bencokola nabanye.—Kol. 3:12.

Ukulungiselela kakuhle, amava abangelwa kukuba nenxaxheba rhoqo kwinkonzo yasentsimini, nokuthandaza kuYehova kuya kukunceda uvakale ngokwaneleyo xa uthetha. Enoba unikela intetho okanye uthetha nomntu omnye kubulungiseleli basentsimini, zabalazela ukujolisa iingcamango zakho kwindlela omnye umntu anokuncedakala ngayo xa ekuva oko ukuthethayo.—IMize. 18:21.