ISIFUNDO 12
Izimbo Zomzimba Nezimbo Zobuso
EZINYE iintlanga zikufumanisa kulula ngakumbi ukwenza izimbo zomzimba kunezinye. Ukanti, wonke umntu uyazenza izimbo zobuso nezomzimba xa ethetha. Oku kwenzeka kokubini kwincoko naxa umntu enikela intetho esidlangalaleni.
Izimbo zomzimba zazizenzekela kuYesu nakubafundi bakhe bokuqala. Ngenye imini mntu uthile waxelela uYesu ukuba unina kunye nabantakwabo babefuna ukuthetha naye. UYesu waphendula: “Ngubani na uma, bengoobani bona abantakwethu?” Ibe iBhayibhile yongezelela isithi: “Esolulela isandla sakhe ngakubafundi bakhe, wathi: ‘Khangela! Uma nabantakwethu!’” (Mat. 12:48, 49) Kwezinye iimbekiselo, kwiZenzo 12:17 nakwisahluko 13:16, iBhayibhile iyabonisa ukuba nompostile uPetros noPawulos babezisebenzisa ngokuzenzekelayo izimbo zomzimba.
Iingcamango kunye neemvakalelo azidluliselwa ngelizwi kuphela, kodwa zikwadluliselwa nangezimbo zomzimba nezobuso. Ukungazisebenzisi kakuhle ezi nkalo kunokudlulisela ingcamango yokuba lowo uthethayo akakhathali. Kodwa xa ezi ndlela zokunxibelelana zinongwa kakuhle, intetho iba mnandi nangakumbi. Kwanaxa uthetha emnxebeni, ukuba uzisebenzisa kakuhle izimbo zomzimba nezobuso, ilizwi lakho liya kuyidlulisela lula imbaluleka yesigidimi sakho kunye nendlela ovakalelwa ngayo ngaloo nto uyithethayo. Ngaloo ndlela, enoba uthetha ungajonganga lwandlalo okanye uyafunda, enoba abaphulaphuli bajonge kuwe okanye bajonge kwimibhalo yabo yeBhayibhile, izimbo zomzimba nembonakalo yobuso zibalulekile.
Izimbo zomzimba zakho zifanele zibe zezemvelo. Akuzange kufuneke uye esikolweni uye kufundela ukuhleka okanye ukucaphuka. Nezimbo zomzimba zifanele zibonise iimvakalelo onazo. Okukhona zizenzekela izimbo zomzimba, kokukhona ziya kuphumelela.
Izimbo zomzimba ziziindidi ezimbini: zezichazayo nezigxininisayo. Izimbo zomzimba ezichazayo zibonisa isenzo okanye ubude kunye nendawo.
Esikolweni, xa usebenzela kwizimbo zomzimba, mus’ ukwanela sisimbo somzimba esinye okanye ezibini kuphela. Zama ukwenza izimbo zomzimba ngendlela engokwemvelo kuyo yonke intetho yakho. Ukuba kunzima ukwenza oku, mhlawumbi kuya kukunceda ukukhangela amagama alathayo, achaza umgama, ubukhulu, indawo, okanye ukungqamana kwezinto. Noko ke, kwiimeko ezininzi, ekuphela kwento ekufuneka uyenze kukuthabatheka yintetho yakho, ungazixhalabisi ngokuba abantu bakujonga njani, kodwa uthethe yaye wenze izinto ngendlela obuya kuzenza ngayo kubomi bemihla ngemihla. Xa umntu ekhulule umzimba, izimbo zomzimba ziyazizela.Izimbo zomzimba ezigxininisayo zibonisa imvakalelo nolweyiseko. Zenza iingcamango zibalasele yaye zibe namandla. Izimbo zomzimba ezigxininisayo zibalulekile. Kodwa ke ulumke! Kulula ukuba izimbo zomzimba ezigxininisayo zibe yimikhwa. Ukuba usebenzisa isimbo somzimba esinye ngalo lonke ixesha, sisenokuqalisa ukuthimba ingqalelo yabantu kunokuba siphuhlise intetho yakho. Ukuba umveleli wesikolo sebandla lenu ukuchazela ukuba unale ngxaki, zama ukusebenzisa izimbo zomzimba ezichazayo kuphela okwexeshana. Emva kwethutyana, qalisa ukusebenzisa izimbo zomzimba ezigxininisayo kwakhona.
Ukuze ubone ukuba ufanele uzisebenzise kangakanani izimbo zomzimba ezigxininisayo kunye neentlobo zezimbo zomzimba ezifanelekileyo, cinga ngeemvakalelo zabo uthetha nabo. Ukubalatha abaphulaphuli kunokubenza bangakhululeki. Kwezinye iindawo ukuba indoda ibinokubeka isandla sayo phezu komlomo ukuze ibonise ukumangaliswa, ibiya kugqalwa njengesebenzisa izimbo zabafazi. Kwezinye iinxalenye zehlabathi, igqalwa njengento engandilisekanga into yokuba ibhinqa lenze izimbo zomzimba ngokukhululekileyo ngezandla zalo. Ngoko kwezo ndawo, ngokukodwa oodade kuye kufuneke bazisebenzise kakuhle izimbo zobuso. Yaye phantse kuzo zonke iinxalenye zehlabathi, ukuba wenza izimbo zomzimba ezibaxiweyo phambi kweqela elincinane usenokugqalwa njengomntu ohlekisayo.
Njengoko usiba namava yaye kusiba lulana noko ukuthetha, naziphi na izimbo zomzimba ezigxininisayo ozisebenzisayo ziya kubonisa iimvakalelo zakho ngokuzenzekelayo, zibonise ulweyiseko kunye nokunyaniseka kwakho. Ziya kuyenza ibe nentsingiselo nangakumbi intetho yakho.
Izimbo Zobuso Bakho. Ngokufuthi iba bubuso obuchaza eyona ndlela uvakalelwa ngayo ngaphezu kwalo naliphi na elinye ilungu lomzimba.
Amehlo akho, umlomo wakho kunye nokutyeka kwentloko yakho, zonke zinendima eziyiphumezayo. Ubuso bakho bunokubonisa ukungakhathali, ukucekisa, ukudideka, ukumangaliswa okanye ukuchwayita, ungakhange uthethe nelimdaka. Xa ezi zimbo zobuso zipheleka igama elithethiweyo, zongezelela ugxininiso olunokubonwa ngamehlo nolubandakanya iimvakalelo. UMdali wabeka izihlunu ezininzi ebusweni bakho—zingama-30 zizonke. Ziphantse zibe sisiqingatha kwezi zihlunu ezisebenzayo xa uncuma.Xa useqongeni okanye ukubulungiseleli basentsimini, uzabalazela ukwabelana nabantu ngesigidimi esimnandi, esenza iintliziyo zabo zivuye. Uncumo olubonakalisa uthando luyakuqinisekisa oko. Kwelinye icala, ukuba ubuso bakho abubonisi nto, oku kunokwenza abantu bakuthandabuze ukunyaniseka kwakho.
Ngaphezu koko, uncumo lubonisa abanye ukuba unobubele kubo. Oku kubaluleke ngokukhethekileyo kule mihla, apho abantu besoloko beboyika abantu abangabaziyo. Uncumo lwakho lunokubanceda abantu ukuba bakhululeke yaye bayamkele nangakumbi loo nto uyithethayo.