Ucwangciso Lokuhlakulela Ubuchule Bokuthetha Nokufundisa
ENOBA uselula okanye sele ukhulile, uyindoda okanye ulibhinqa, esi sifundo sinokukunceda ube nempumelelo engakumbi ekuthetheni yaye ube ngumfundisi weLizwi likaThixo ofaneleka nangakumbi.
Izabelo zabo babhalise kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ziza kwenziwa ngumveleli wesikolo. Kumaphepha amathathu alandelayo, uza kufumana iphepha lakho lesiluleko. Amanani angaphambi kweengongoma ezahlukeneyo ahambelana nezifundo ezikumaphepha alandelayo. Kwezo zifundo uya kufumana ingcaciso yoko kubandakanyekileyo ekufikeleleni ezi nkalo zokuthetha nokufundisa nesizathu sokuba nganye yazo ibaluleke. Kwakhona uya kufumana nolwalathiso oluluncedo lwendlela yokwenza oko kunconyelwayo.
Umbala okwiphepha lesiluleko ubonisa iingongoma ezisebenza kwisabelo esibandakanya (1) ukufundela abaphulaphuli, (2) umboniso wabantu ababini okanye abangakumbi, okanye (3) intetho enikelwa ebandleni. Umveleli wesikolo uya kukwabela ingongoma oza kusebenzela kuyo. Kubhetele ukuba usebenzele kwingongoma enye ngexesha. Uya kungenelwa ngokwenza uqheliselo olukhuthazwayo ekupheleni kwesifundo osabelwayo. Ukuba ubonakala usisebenzise ngokunempumelelo isiluleko seso sifundo, umluleki wakho uya kukwabela enye ingongoma.
Ukuba isabelo sakho singumboniso, kuza kufuneka ufune indlela oza kuwuceba ngayo. Kukho uludwe lweendlela zokuceba olukwiphepha 82, kodwa ke akunyanzelekanga ukuba ukhethe kolu ludwe. Umluleki wakho usenokuncomela ukuba uyicebe ngendlela ethile intetho ukuze ufumane amava, okanye usenokuyekela kuwe ukuba uzikhethele.
Ukufunda le ncwadi nokwenza uqheliselo kwanaxa ungalungiseleli isabelo sesikolo kunokufak’ isandla kakhulu kwinkqubela yakho. Mhlawumbi unokugubungela isifundo esahlukileyo veki nganye.
Kungakhathaliseki ukuba lide kangakanani ixesha unesabelo kwisikolo okanye unenxaxheba kubulungiseleli basentsimini, usenokuphucula. Ngamana ungangenelwa ngokuzeleyo kwimfundo enikelwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo.