ISIFUNDO 13
Ukujonga Abaphulaphuli
AMEHLO ethu ayakwazi ukubonisa izimo zengqondo kunye neemvakalelo. Asenokubonisa ukumangaliswa okanye uloyiko. Asenokudlulisela imfesane okanye uthando. Maxa wambi, asenokubonisa ukuba siyathandabuza okanye abonise ukuba sisentlungwini. Enye indoda esele ikhulile, xa yayithetha ngabantu belizwe layo ababexhwaleke kanobom, yathi: “Sithetha ngamehlo.”
Abanye banokufikelela kwizigqibo ngathi nangoko sikuthethayo, kuxhomekeka kwindawo esiwajolise kuyo amehlo ethu. Kwiintlanga ezininzi, abantu baye bamthembe umntu obajonga ngeliso elinobuhlobo. Ngokwahlukileyo koko, banokukuthandabuza ukunyaniseka okanye ubuchule bomntu ojonga iinyawo zakhe okanye ajonge enye into kunokuba ajonge loo mntu athetha naye. Ezinye iintlanga zigqala nakuphi na ukujonga umntu ixesha elide njengobukrwada, ukuba nengcwangu okanye ukuba nguphuma-silwe. Oku kuba njalo ngokukodwa xa uthetha nabantu besini esahlukileyo okanye nomphathi okanye umntu okwisikhundla esiphezulu. Kwezinye iindawo, xa umntu oselula emjonga emehlweni umntu omkhulu xa ethetha naye, ugqalwa njengoswel’ imbeko.
Noko ke, kwiindawo apho kungeyongxaki khona, ukujonga umntu emehlweni xa uthetha into ebalulekileyo kunokuyenza ibetheleleke nangakumbi loo nto uyithethayo. Kunokugqalwa njengembonakaliso yokuba isithethi seyisekile yiloo nto siyithethayo. Phawula indlela uYesu awasabela ngayo xa abafundi bakhe babonakala bemangaliswe kakhulu baza bathi: “Ngubani na ke onokusindiswa?” IBhayibhile ithi: “Ebakhangela ebusweni, uYesu wathi kubo: ‘Ebantwini le yinto engenakwenzeka, kodwa kuThixo izinto zonke zinako ukwenzeka.’” (Mat. 19:25, 26) IZibhalo zikwabonisa ukuba umpostile uPawulos wayiqwalasela ngomdla intsabelo yabaphulaphuli bakhe. Ngesinye isihlandlo xa uPawulos wayenikela intetho kwakukho indoda eyayizelwe isisiqhwala. IZenzo 14:9, 10 zithi: “Lo mntu wayephulaphule uPawulos ethetha, owathi yena, ekhangele ngenyameko kuye yaye ebona ukuba wayenokholo olungamenza aphile, wathi ngelizwi elikhulu: ‘Yima nkqo ngeenyawo zakho.’”
Amacebiso Obulungiseleli Basentsimini. Xa ukubulungiseleli basentsimini, yiba nobuhlobo xa usondela ebantwini. Apho kufaneleke khona, sebenzisa imibuzo ebenza bacinge ukuze uqalise incoko ngento enokubangel’ umdla kuwe nakubo. Xa usenza oku, zabalazela ukubajonga emehlweni—okanye ke umjonge ebusweni loo mntu ngendlela ebonisa intlonelo nobubele. Uncumo olubonisa uthando olukubuso bomntu omehlo adlulisela uvuyo lwangaphakathi lunomtsalane gqitha. Loo mbonakalo inokumxelela lukhulu loo mntu ngohlobo lomntu onguye, ize imncede akhululeke nangakumbi njengoko nincokola.
Ukujonga oko kuthethwa ngamehlo omntu, apho kufaneleke khona, kunokukubonisa indlela omele uhlangabezane ngayo nemeko ethile. Ukuba loo mntu unomsindo okanye akanamdla nje kwaphela, unokukwazi ukuyibona loo nto. Ukuba akayiva le nto uyithethayo, uya kumbona. Xa ephelelwa ngumonde, ngokufuthi uya kumbona. Naxa enomdla wokwenene uya kubonakala. Amehlo akhe anokukuchazela ukuba ulungise isantya sakho, wenze umgudu ongakumbi wokumbandakanya encokweni, uphelise loo ngxubusho okanye, mhlawumbi, ulandelise ngokumbonisa indlela yokufundisisa iBhayibhile.
Enoba unikela ubungqina esidlangalaleni okanye uqhuba isifundo seBhayibhile sasekhaya, zabalazela ukumjonga ngendlela enentlonelo loo mntu uthetha naye. Noko ke, amehlo akho mawangathi ntsho kuye kuba loo nto iya kumenza abe neentloni. (2 Kum. 8:11) Kodwa man’ ukumjonga ebusweni loo mntu ngendlela eyeyemvelo nebonisa ubuhlobo. Kumazwe amaninzi, oku kubonisa umdla onyanisekileyo. Kakade ke, xa ufunda iBhayibhile okanye impapasho ethile, amehlo akho uya kuwajolisa kuloo nto ibhaliweyo. Kodwa ukuze ugxininise ingongoma, unokumjonga loo mntu kangangexesha elifutshane. Ukuba uman’ ukumjonga emva kwethutyana elithile, oko kuya kukwenza ubone indlela asabela ngayo kuloo nto ithethwayo.
Ukuba ekuqaleni kuba nzima ukuba ubajonge abantu ngenxa yeentloni, unganikezeli. Njengoko uqhelisela, ukubajonga ngendlela efanelekileyo abaphulaphuli kuya kuzenzekela, yaye kuya kukwenza uphumelele nangakumbi ekunxibelelaneni nabanye.
Xa Unikela Intetho. IBhayibhile isixelela ukuba ngaphambi kokuba uYesu aqalise iNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, “waphakamisela amehlo Luka 6:20) Funda kumzekelo wakhe. Ukuba uza kuthetha neqela, lijonge uze unqumame kangangemizuzwana ngaphambi kokuba uqalise intetho. Kwiindawo ezininzi oku kuquka ukujonga abathile kubaphulaphuli. Eli khefu lifutshane linokukunceda woyise uloyiko oba nalo xa uqalisa intetho. Kwakhona liya kunceda abaphulaphuli bakho ukuba bazilungiselele nasiphi na isimo sengqondo okanye imvakalelo ebonakala ebusweni bakho. Ngaphezu koko, xa usenza oku uya kuvumela abaphulaphuli ukuba bazinze baze balungele ukukunika ingqalelo yabo.
akhe kubafundi bakhe.” (Ebudeni bentetho, bajonge abaphulaphuli. Musa ukubajonga njengeqela. Zabalazela ukubajonga njengabantu ngabanye. Phantse kuzo zonke iintlanga, kuye kulindeleke ukuba isithethi sasesidlangalaleni sibajonge ukusa kumlinganiselo othile abaphulaphuli.
Ukujonga abaphulaphuli bakho kuthetha okungakumbi kunokuman’ uhambisa nje amehlo ukusuka kwelinye icala usiya kwelinye. Jonga omnye wabaphulaphuli ngentlonelo uze, ukuba kufanelekile, uthethe isivakalisi esipheleleyo kuloo mntu. Emva koko jonga omnye uthethe isivakalisi esinye okanye zibe zibini kulowo. Musa ukujonga nabani na kangangexesha elide de abe neentloni, kwaye musa ukunikela ingqalelo kwabambalwa kuphela kubaphulaphuli bakho. Qhubeka uhambisa amehlo akho kubaphulaphuli ngale ndlela, kodwa njengoko uthetha nomntu, thetha naye ngokwenene uze uphawule intsabelo yakhe ngaphambi kokuba udlulele komnye.
Amanqaku akho afanele abe phezu kweqonga, esandleni sakho, okanye eBhayibhileni yakho ukuze ukwazi ukuwakrwaqula ngokuhambisa nje amehlo. Ukuba kuye kufuneke uhambise intloko yonke ukuze ubone amanqaku akho, akuyi kubabona kakuhle abaphulaphuli. Ufanele uqwalasele ukuba uwajonga ngokufuthi kangakanani amanqaku akho nokuba uwajonga nini na. Ukuba ujonga amanqaku xa ufikelela uvuthondaba lwentetho, akuyi kuphoswa kukubona indlela abaphulaphuli bakho abasabela ngayo kuphela, kodwa kwanentetho yakho ayiyi kuba namandla kangako. Ngendlela efanayo, ukuba usoloko ujonga amanqaku, akuyi kubabona abaphulaphuli.
Xa uphosa ibhola emntwini, uye ujonge ukuba uyibambile kusini na. Ingcamango nganye ekwintetho yakho “yibhola” eyahlukileyo oyiphosa kubaphulaphuli. “Ukubanjwa” kwayo kusenokubonakaliswa ngentsabelo yakhe—ngokunqwala, ngoncumo nangengqalelo. Ukuba usoloko ubajonga abaphulaphuli, uya kutsho uqiniseke ukuba iingcamango zakho “ziyabanjwa.”
Ukuba unikwe isabelo sokufunda ebandleni, ngaba ufanele uzame ukujonga abaphulaphuli xa ufunda? Ukuba abaphulaphuli bafunda kunye
nawe eBhayibhileni, inkoliso yabo ayiyi kukwazi nokuba ubajongile okanye akubajonganga. Kodwa ukubajonga abaphulaphuli kunokulwenza lube namandla ufundo lwakho kuba kuya kukwenza uyibone indlela abasabela ngayo. Yaye kubo nabaphi na abaphulaphuli abangazisebenzisiyo iiBhayibhile zabo nabangqondo zabo zisenokuba ziyabhadula, ukudibana kwamehlo abo nawesithethi kunokubanceda babuyisele ingqondo yabo kuloo nto ithethwayo. Kakade ke, uya kukwazi ukuphakamisa nje amehlo, yaye akufanele uwaphakamise ngendlela ekwenza ubambeke emagameni. Ukuze wenze oku, kuhle ukuba iBhayibhile yakho uyibambe ngesandla uze uphakamise intloko, ungayithobi.Maxa wambi, abadala kuye kufuneke banikele intetho engumbhalo-ngqangi endibanweni. Ukukwenza ngempumelelo oku kufuna amava, ukulungiselela ngenyameko kunye nokuqhelisela. Kakade ke, ukusebenzisa umbhalo-ngqangi kwenza ubani angabajongi kakuhle abaphulaphuli. Kodwa xa isithethi silungiselele kakuhle, sifanele sikwazi ukubajonga abaphulaphuli ngamaxesha athile ngaphandle kokulahlekwa yindawo ebesifunda kuyo. Ukwenjenjalo kwaso kuya kunceda ekuthimbeni ingqalelo yabaphulaphuli kuze kubenze bangenelwe ngokuzeleyo kwimfundiso yokomoya ebaluleke gqitha edluliselwayo.