Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yakha Ubuchule Bokufundisa

Yakha Ubuchule Bokufundisa

LUYINTONI usukelo lwakho njengomfundisi? Ukuba usandul’ ukuba ngumvakalisi woBukumkani, ngokuqinisekileyo unqwenela ukufunda indlela yokuqhuba isifundo seBhayibhile sekhaya, ekubeni uYesu wanika abalandeli bakhe isabelo sokwenza abafundi. (Mat. 28:19, 20) Ukuba sele unamava kule nkalo, mhlawumbi usukelo lwakho kukuba nempumelelo engakumbi ekufikeleleni iintliziyo zabo ufuna ukubanceda. Ukuba ungumzali, ngokuqinisekileyo ufuna ukuba luhlobo lomfundisi onokukwazi ukushukumisela abantwana bakho ukuba bahlulele ubomi babo kuThixo. (3 Yoh. 4) Ukuba ungumdala okanye uzabalazela ukuba nguye, mhlawumbi ufuna ukuba sisithethi sesidlangalala esinokwakha uxabiso olunzulu ngoYehova nangeendlela zakhe kubaphulaphuli baso. Unokulufikelela njani olu sukelo?

Funda kuMfundisi Omkhulu, uYesu Kristu. (Luka 6:40) Enoba uYesu wayethetha nesihlwele esisentabeni okanye wayethetha nembinana nje yabantu njengoko babehamba endleleni, into awayeyithetha nendlela awayeyithetha ngayo yayihlala inkenteza ezindlebeni zabo. UYesu wayexhokonxa iingqondo kunye neentliziyo zabaphulaphuli bakhe, kwaye wayefundisa ngezinto abaziqondayo. Ngaba nawe unokwenza ngendlela efanayo?

Yayama NgoYehova

Ubuchule bokufundisa bukaYesu baphuhliswa lulwalamano lothando awayenalo noYise osezulwini nayintsikelelo yomoya kaThixo. Ngaba uye uthandaze ngokunyanisekileyo kuYehova ukuze ukwazi ukuqhuba isifundo seBhayibhile ngempumelelo? Ukuba ungumzali, ngaba uluthandazela rhoqo ulwalathiso lwendlela yokufundisa abantwana bakho? Ngaba uye uthandaze ngokusuk’ entliziyweni xa ulungiselela iintetho okanye uza kuqhuba iintlanganiso? Oko kwayama ngoYehova ngokunyaniseka kuya kukunceda ube ngumfundisi ophumelelayo.

Ukuxhomekeka kuYehova kuyabonakala naxa ubani esayama ngeLizwi lakhe, iBhayibhile. Xa wayethandaza ngengokuhlwa yokugqibela ephila njengomntu ofezekileyo, uYesu wathi kuYise: “Ndibanikile ilizwi lakho.” (Yoh. 17:14) Nangona uYesu wayenamava amaninzi, akazange athethe nto iyeyakhe. Wayesoloko ethetha oko akufundiswe nguYise, ngaloo ndlela esibekela umzekelo esimele siwulandele. (Yoh. 12:49, 50) Ilizwi likaThixo, elilondolozwe eBhayibhileni, linamandla okuphembelela abantu—izenzo zabo, iingcamango ezikumazantsi eentliziyo zabo, neemvakalelo. (Heb. 4:12) Njengoko lusanda ulwazi lwakho ngeLizwi likaThixo kwaye ufunda ukulusebenzisa kakuhle kubulungiseleli, uya kuhlakulela ubuchule bokufundisa obutsalela abantu kuThixo.—2 Tim. 3:16, 17.

Zukisa UYehova

Ukuba ngumfundisi oxelisa uKristu akuthethi kukwazi ukunikela intetho emnandi kuphela. Kuyinyaniso ukuba abantu babemangaliswa “ngamazwi amnandi” kaYesu. (Luka 4:22) Kodwa wayenayiphi injongo uYesu xa wayethetha kamnandi? Injongo yayikukuzukisa uYehova, kungekhona ukutsalela ingqalelo kwisiqu sakhe. (Yoh. 7:16-18) Ibe wabongoza abalandeli bakhe esithi: “Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu emihle baze bazukise uYihlo osemazulwini.” (Mat. 5:16) Eso siluleko sifanele siyiphembelele indlela esifundisa ngayo. Sifanele sizibekele usukelo lokuphepha nantoni na eya kuphazamisa loo njongo. Ngoko xa siceba oko siza kukuthetha okanye indlela esiza kukuthetha ngayo, senza kakuhle xa sizibuza oku, ‘Ngaba le nto iza kulwenza nzulu uxabiso ngoYehova, okanye ngaba iza kutsalela ingqalelo kum?’

Ngokomzekelo, imizekeliso kunye nemizekelo yezinto ezenzeke ngokwenene isenokusetyenziswa ngempumelelo xa ubani efundisa. Noko ke, xa kusenziwa umzekeliso okanye amava amade naneenkcukacha ezigqithiseleyo, ingongoma efundisayo isenokulahleka. Ukanti nokubalisa amabali ahlekisayo kuyayiphazamisa eyona njongo yobulungiseleli bethu. Ekugqibeleni, umfundisi utsalela ingqalelo kwisiqu sakhe kunokuba aphumeze eyona njongo yemfundo yobuthixo.

‘Yahlula’

Ukuze umntu abe ngumfundi wokwenene, umele akuqonde kakuhle oko akufundiswayo. Umele ayive inyaniso aze ayibone indlela eyahluke ngayo kwezinye iinkolelo. Ukuthelekisa izinto kuyanceda ekuphumezeni loo nto.

UYehova wababongoza kaliqela abantu bakhe ukuba ‘bahlule’ phakathi kwezinto ezihlambulukileyo nezingahlambulukanga. (Lev. 10:9-11) Wathi abo babeza kukhonza kwitempile yakhe ezukileyo yokomoya babeza kufundisa abantu “umahluko phakathi kwento engcwele nento ehlanjelweyo.” (Hez. 44:23) Kwincwadi yeMizekeliso zininzi izihlandlo apho kuchazwa umahluko phakathi kobulungisa nobungendawo, phakathi kobulumko nobudenge. Kwanezinto ezingachasananga zinako ukwahlulwa enye kwenye. Umpostile uPawulos wachaza umahluko phakathi komntu olilungisa nomntu olungileyo, njengoko kubhalwe kweyabaseRoma 5:7. Kwincwadi yamaHebhere, wabonisa indlela inkonzo kaKristu yokuba ngumbingeleli omkhulu eyongamela ngayo inkonzo ka-Aron. Ngokwenene, kunjengoko umhlohli wenkulungwane ye-17 uJohn Amos Comenius wabhalayo: “Ukufundisa kukubonisa nje indlela izinto ezahluke ngayo ngeenjongo, ngeendlela eziyilwe ngazo, nangeemvelaphi. . . . Ngoko ke, umntu owuchazayo umahluko ufundisa kakuhle.”

Masenze umzekelo, ngokufundisa umntu ngoBukumkani bukaThixo. Ukuba akabuqondi uBukumkani, usenokumbonisa indlela oko iBhayibhile ikutshoyo okwahluke ngayo kwingcamango yokuba uBukumkani buyimeko nje yentliziyo yomntu. Okanye usenokumbonisa indlela uBukumkani obahluke ngayo koorhulumente babantu. Ukanti kubantu abazaziyo ezi nkcukacha zisisiseko, usenokungena nzulu kwiinkcukacha. Unokubabonisa indlela uBukumkani obungoMesiya obahluke ngayo kubukumkani bukaYehova bendalo iphela, obuchazwe kwiNdumiso 103:19, okanye ‘kubukumkani boNyana wothando lukaThixo’ obuchazwe kweyabaseKolose 1:13, okanye ‘ilungiselelo’ elichazwe kweyabase-Efese 1:10. Ukuchaza umahluko kunokuyenza icace le mfundiso yeBhayibhile kubaphulaphuli bakho.

UYesu wayisebenzisa kaliqela le ndlela yokufundisa. Wachaza umahluko phakathi kwendlela abantu abaninzi ababewuqonda ngayo uMthetho kaMoses neyona njongo yoMthetho. (Mat. 5:21-48) Wachaza umahluko phakathi kozinikelo lokwenene lobuthixo nezenzo zokuhanahanisa zabaFarisi. (Mat. 6:1-18) Wabonisa umahluko phakathi komoya wabo “baba ziinkosi phezu” kwabanye nomoya wokuzincama ababefanele babe nawo abalandeli bakhe. (Mat. 20:25-28) Ngesinye isihlandlo, esibhalwe kuMateyu 21:28-32, uYesu wamema abaphulaphuli bakhe ukuba bazahlulele ngokwabo phakathi kokuzenza ilungisa nokuguquka ngokunyaniseka. Oku kusikhokelela kwenye inkalo ebalulekileyo yokufundisa.

Khuthaza Abaphulaphuli Ukuba Bacinge

KuMateyu 21:28, sifunda ukuba uYesu watshayelela uthelekiso lwakhe ngokubuza athi: “Nithini nina?” Umfundisi onobuchule akasuki achaze izibakala okanye anikele iimpendulo. Kunoko, ukhuthaza abaphulaphuli bakhe ukuba basebenzise amandla abo okucinga. (IMize. 3:21; Roma 12:1) Ngokuyinxalenye, oku ukwenza ngokubuza imibuzo. KuMateyu 17:25, uYesu wabuza: “Ucinga ntoni, Simon? Ookumkani bomhlaba bazifumana kubani iimfanelo okanye irhafu yentloko? Koonyana babo okanye kwabasemzini?” Umbuzo kaYesu oxhokonx’ iingcinga wamnceda uPetros wazenzela isigqibo esichanileyo ngokuphathelele ukuhlawula irhafu yetempile. Ngendlela efanayo, xa wayephendula indoda eyayibuze umbuzo othi, “Ngubani ngokwenene ummelwane wam?” UYesu wathelekisa izenzo zombingeleli nomLevi kunye nezo zomSamariya. Emva koko wabuza: “Ngubani kwaba bathathu obonakala kuwe engummelwane waloo mntu wagaxeleka kubaphangi?” (Luka 10:29-36) Nalapha, kunokuba amcingele umphulaphuli wakhe, uYesu wamenza wawuphendula ngokwakhe umbuzo wakhe.—Luka 7:41-43.

Fikelela Intliziyo

Abafundisi abayiqondayo ingcamango yeLizwi likaThixo bayaqonda ukuba unqulo lokwenyaniso alungombandela nje wokucengceleza izibakala ezithile nokuthobela imithetho ethile. Lwakhelwe phezu kolwalamano oluhle noYehova nokuziqonda iindlela zakhe. Unqulo olunjalo lubandakanya intliziyo. (Dut. 10:12, 13; Luka 10:25-27) KwiZibhalo, ibinzana elithi “intliziyo” lidla ngokusetyenziswa kumntu wangaphakathi, kuquka iminqweno, izinto azithandayo, iimvakalelo, neentshukumisa zakhe.

UYesu wayesazi ukuba, ngoxa abantu bekhangela inkangeleko yangaphakathi, uThixo uyayibona intliziyo. (1 Sam. 16:7) Inkonzo esiyinikela kuThixo ifanele ishukunyiswe kukuba simthanda, kungekhona imizamo yokucel’ injezu kwabanye abantu. (Mat. 6:5-8) Kwelinye icala, abaFarisi babesenza izinto ezininzi ukuze babonwe ngabantu. Babegxininisa kakhulu ekulandeleni iinkcukacha zoMthetho nasekuthobeleni imithetho ababeyibeke ngokwabo. Kodwa ubomi babo abuzange bube neempawu ezibafanisa noThixo ababezibanga bemnqula. (Mat. 9:13; Luka 11:42) UYesu wafundisa ukuba ngoxa kubalulekile ukuthobela izinto ezifunwa nguThixo, ukubaluleka koko kuthobela kwakuxhomekeke koko kusentliziyweni. (Mat. 15:7-9; Marko 7:20-23; Yoh. 3:36) Imfundiso yethu iya kuphumeza lukhulu ukuba sixelisa umzekelo kaYesu. Kubalulekile ukuba sincede abantu bafunde oko uThixo akufunayo kubo. Kodwa kukwabalulekile ukuba bamazi yaye bamthande uYehova njengomntu ukuze ihambo yabo ibonise indlela abaluxabisa ngayo ulwalamano lwabo oluhle noThixo wenyaniso.

Kakade ke, ukuze bangenelwe kuloo mfundiso, kufuneka abantu bamelane noko kusezintliziyweni zabo. UYesu wakhuthaza abantu ukuba bazihlolisise iintshukumisa kunye neemvakalelo zabo. Xa elungisa imbono ephosakeleyo, wayebuza abaphulaphuli bakhe isizathu sokuba bacinge, bathethe, okanye benze izinto ezithile. Noko ke, ukuze angabashiyi enyanyeni, uYesu wayelandelisa umbuzo wakhe ngamazwi, ngomzekeliso okanye ngesenzo esasibakhuthaza ukuba bazijonge ngendlela echanileyo izinto. (Marko 2:8; 4:40; 8:17; Luka 6:41, 46) Nathi sinokubanceda abaphulaphuli bethu ngokubacebisa ukuba bazibuze imibuzo efana nothi, ‘Kutheni eli khondo linomtsalane nje kum? okanye Kutheni ndisabela ngolu hlobo nje kule meko?’ Emva koko bashukumisele ekubeni bajonge izinto ngendlela uYehova azijonga ngayo.

Chaza Indlela Umbandela Osebenza Ngayo

Umfundisi olungileyo uyazi ukuba “ubulumko yinto eyintloko.” (IMize. 4:7) Ubulumko kukulusebenzisa ngempumelelo ulwazi ekucombululeni iingxaki, ekuphepheni iingozi, ekufikeleleni usukelo nasekuncedeni abanye. Kuyimbopheleleko yomfundisi ukunceda abafundi bafunde ukwenza oko, kodwa angabenzeli izigqibo. Xa nixubusha imigaqo yeBhayibhile eyahlukeneyo, nceda umfundi ukuba aqiqe. Usenokuthetha ngento eyenzeka kubomi bemihla ngemihla uze ubuze umfundi lowo indlela umgaqo weBhayibhile enisandul’ ukuwufunda obuya kumnceda ngayo ukuba ebejamelene naloo meko.—Heb. 5:14.

Kwintetho awayinikela ngePentekoste yowama 33 C.E., umpostile uPetros wamisela umzekelo ngokuchaza indlela umbandela osebenza ngayo, nto leyo eyachukumisa ubomi babantu. (IZe. 2:14-36) Emva kokuba exubushe izicatshulwa ezithathu zeZibhalo esasisithi isihlwele siyazikholelwa, uPetros wabonisa indlela ezisebenza ngayo ngokuphathelele iziganeko ezazibonwe ngumntu wonke. Ngenxa yoko, isihlwele sayibona imfuneko yokwenza oko sasikuva. Ngaba imfundiso yakho inempembelelo efanayo ebantwini? Ngaba akwaneli kucengceleza izibakala kodwa uyabanceda abantu baqonde isizathu sokuba izinto zibe njalo? Ngaba uyabakhuthaza ukuba bacinge ngendlela loo nto bayifundayo efanele ibuchaphazele ngayo ubomi babo? Basenokungatsho ngokuvakalayo ukuthi, “Senze ntoni na?” njengoko senzayo isihlwele ngePentekoste, kodwa ukuba uye wabonisa kakuhle indlela izibhalo ezisebenza ngayo, baya kushukunyiselwa ukuba bathabathe amanyathelo afanelekileyo.—IZe. 2:37.

Nina bazali, xa nifunda iBhayibhile nabantwana benu nifumana ithuba lokubaqeqesha ukuba bacinge ngendlela abanokuyisebenzisa ngayo imigaqo yeBhayibhile. (Efe. 6:4) Ngokomzekelo, ninokukhetha iindinyana ezimbalwa zofundo lweBhayibhile olucwangciselwe loo veki, nixubushe intsingiselo yazo, nize nibuze imibuzo efana nothi: ‘Luluphi ukhokelo ezisinika lona ezi ndinyana? Sinokuzisebenzisa njani ezi ndinyana kubulungiseleli? Zisixelela ntoni ngoYehova nangendlela azenza ngayo izinto, kwaye loo nto ilwakha njani uxabiso esinalo ngaye?’ Khuthaza intsapho yakho ukuba igqabaze ngezi ngongoma ebudeni beembalasane zeBhayibhile kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Iindinyana egqabaza ngazo zidla ngokuba zezo izikhumbulayo.

Misela Umzekelo Omhle

Akwaneli kufundisa ngomlomo, kodwa ukwafundisa nangezenzo. Izenzo zakho zingumzekelo obonakalayo wendlela yokwenza ezi zinto uzithethayo. Bafunda njalo abantwana. Xa bexelisa abazali babo, bayabonisa ukuba bafuna ukufana nabo. Bafuna ukwazi ukuba kunjani ukwenza oko kwenziwa ngabazali babo. Ngokufanayo ke, xa abo ubafundisayo ‘bexelisa wena njengoko nawe uxelisa uKristu,’ baqalisa ukuzibona iintsikelelo zokuhamba ngeendlela zikaYehova. (1 Kor. 11:1) Indlela uThixo aqhubana ngayo nabo iba yinxalenye yamava abo.

Oku kusisikhumbuzo sokubaluleka kokumisela umzekelo ofanelekileyo. ‘Uhlobo lwabantu esilulo ngokuphathelele ihambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo’ luya kuba negalelo kakhulu ekuboniseni abo sibafundisayo indlela yokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. (2 Pet. 3:11) Ukuba ukhuthaza umfundi weBhayibhile ukuba afunde iLizwi likaThixo rhoqo, nawe kukhuthalele ukulifunda. Ukuba ufuna abantwana bakho bafunde ukuthobela imigaqo yeBhayibhile, qiniseka ukuba bayabona ukuba izenzo zakho zivisisana nokuthanda kukaThixo. Ukuba ufundisa ibandla ukuba libe nenzondelelo kubulungiseleli, qiniseka ukuba uba nesabelo ngokuzeleyo kuloo msebenzi. Xa ukwenza oko ukufundisayo, ukufanelekela nangakumbi ukushukumisa abanye.—Roma 2:21-23.

Unenjongo yokuphucula indlela ofundisa ngayo, zibuze: ‘Xa ndifundisa, ngaba ndifundisa ngohlobo lokuba ndiphembelele izimo zengqondo, intetho okanye izenzo zabo baphulaphuleyo? Ukuze ndicacise izinto, ngaba ndiye ndiwudandalazise umahluko ophakathi kwengcamango okanye ikhondo elithile kwelinye? Ndiye ndenze ntoni ukuze ndincede abo ndifunda nabo, abantwana bam, okanye abaphulaphuli ezintlanganisweni ukuba bakukhumbule oko ndikuthethileyo? Ngaba ndiye ndibabonise ngokucacileyo abaphulaphuli bam indlela yokusebenzisa oko bakufundayo? Ngaba banokuyibona loo nto kumzekelo endiwumiselayo? Ngaba bayayiqonda indlela intsabelo yabo kulo mbandela uxutyushwayo enokuluchaphazela ngayo ulwalamano lwabo noYehova?’ (IMize. 9:10) Qhubeka unikela ingqalelo kwezi zinto njengoko ufuna ukuhlakulela ubuchule bakho bokufundisa. “Zilumkele wena nemfundiso yakho. Hlala kwezi zinto, kuba ngokwenza oko uya kuzisindisa wena nabo bakuphulaphulayo.”—1 Tim. 4:16.