Yoliswa LiLizwi LikaThixo
UNOYOLO umntu “oyoliswa ngumthetho kaYehova.” Umntu onjalo ufunda iLizwi likaThixo “ngesandi esiphantsi imini nobusuku.” (INdu. 1:1, 2) Ngaba uyalufumana olo yolo? Unokulwandisa njani uvuyo oluziswa liLizwi likaThixo kuwe?
Phulaphula Njengoko UYehova Ethetha
Musa ukufunda nje amagama. Yiba nomfanekiso-ngqondweni wezinto ofunda ngazo. Yiba ngathi uyaweva amazwi abo bantu bacatshuliweyo. Njengoko ufunda izahluko zokuqala zeBhayibhile, mve uYehova echaza into nganye eyenziwayo ukuze umhlaba ulungele abantu. Phulaphula njengoko exelela uNyana wakhe, uMsebenzi Onobuchule, ukuba sele lifikile ixesha lokudala abantu bokuqala. Yiba nombono: uAdam noEva bayavukela, uThixo uyabagweba aze, emva koko, abagxothe eParadesi. (Genesis, isahlu. 1-3) Yiba nemvo yoloyiko xa ufunda ngelizwi elalivela ezulwini lichaza uYesu Kristu njengoNyana kaThixo oyintanda, lowo uthunywe nguThixo ukuze anikele ngobomi bakhe ngenxa yoluntu. (Mat. 3:16, 17) Khawuthelekelele indlela umpostile uYohane asabela ngayo xa esiva uYehova esithi, “Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha.” (ISityhi. 21:5) Ngenene, ukufunda iLizwi likaThixo ngale ndlela kunokuyolisa!
Qhubeka ufunda ingxelo ephefumlelweyo, ibe uya kumazi uYehova njengomntu onobungangamsha nowoyikekayo. Uya kuziva utsaleleke gqitha kuLowo usithandayo, osenzela inceba, osincedayo xa ngokuthobeka siqhubeka sizama ukwenza ukuthanda kwakhe, nosibonisa indlela yokufumana impumelelo kuko konke esikwenzayo.—Yosh. 1:8; INdu. 8:1; Isa. 41:10.
Okukhona uchitha ixesha elingakumbi ufunda iBhayibhile, kokukhona uya kwaneliseka ngakumbi njengoko ukhulisa ulwazi lwakho ngokuthanda kukaThixo ngawe. Kodwa uyolo aluyi kuphelela apho. Xa ufundo lwakho lukunceda ukuba uhlangabezane ngobulumko neengxaki, uya kuvakalelwa njengomdumisi owathi: “Izikhumbuzo zakho ziyamangalisa. Kungenxa yoko le nto umphefumlo wam uzigcinile.” (INdu. 119:129) Nawe uya kuvuya njengoko uqonda imigaqo yeZibhalo ekunceda uxonxe indlela ocinga ngayo neminqweno yakho ukuze ibe yeyobuthixo.—Isa. 55:8, 9.
IBhayibhile isinika ukhokelo oluphathelele imilinganiselo yokuziphatha esikhusela kwiingozi kwaye isibonisa indlela elungileyo. Njengoko siyifunda, sifumanisa ukuba uYehova unguBawo ozaziyo iingxaki eziya kubangelwa kukoyiswa kwethu yiminqweno yenyama engafezekanga. Akafuni
sintlithwe yimiphumo ebuhlungu ebakho nakanjani na xa ubani etyeshela imilinganiselo yakhe ephakamileyo yokuziphatha. Uyasikhathalela yaye ufuna izinto zisihambele kakuhle ebomini. Ukufunda kwethu iLizwi lakhe kuyasinceda siyiqonde ngokupheleleyo indlela ekuyintsikelelo ngayo ukuba abe nguThixo noBawo wethu osezulwini.Funda IBhayibhile Imihla Ngemihla
Umdumisi wamchaza ngala mazwi umntu ofunda iLizwi likaThixo imihla ngemihla: “Konke akwenzayo kuya kuphumelela.” (INdu. 1:3) Ewe, nangona singafezekanga, nangona siphila kwinkqubo yezinto engendawo kaSathana, yaye nangona uMtyholi ezama ukusiqwenga, ukufunda nokukusebenzisa rhoqo oko kuqulethwe liLizwi likaThixo kuya kusenza siphumelele kuyo yonke into ebandakanya ulwalamano lwethu noYehova.
Ekubeni siphantsi kwengcinezelo yale nkqubo indala, ukuzondla ngeengcamango zoMdali kwanokuba yimizuzu embalwa nje usuku ngalunye kunokusinika amandla. Bambi ababevalelwe entolongweni ngenxa yokholo lwabo babefumana iziqwengana ezithile zeendinyana ezicatshulwe kumanqaku amaphephandaba kuphela. Babezisika ezo ndinyana, bazinkqaye baze bacamngce ngazo. UYehova wayisikelela imigudu yabo kuba benza oko iimeko zabo zazibavumela ukuba bakwenze ukuze bangenise ulwazi olusuka kwiLizwi likaThixo. (Mat. 5:3) Kodwa ke, inkoliso yethu inenkululeko engakumbi kunabo. Asifanelanga sicinge ukuba ukufunda indinyana yeBhayibhile enye ngosuku, kukodwa nje, kuya kwenza imimangaliso. Noko ke, siya kusikelelwa ukuba sihlengahlengisa izinto eziza kuqala kuthi size sifunde isicatshulwa seBhayibhile suku ngalunye, sicinge ngaso size sisisebenzise ebomini bethu.
Simele siyiqonde into yokuba oko sikucebileyo kunokuphazanyiswa. Xa loo nto isenzeka, sibeka izinto ezibalulekileyo kwindawo yokuqala. Ngokomzekelo, ngokuqhelekileyo alupheli usuku olunye okanye ezimbini singaselanga manzi ngabom. Ngoko enoba yintoni na esijamelana nayo ebomini bethu bemihla ngemihla, sifanele siziphe ithuba lokuzihlaziya ngamanzi enyaniso.—IZe. 17:11.
Lifunde Lonke ILizwi LikaThixo
Ngaba ukhe wayifunda wayigqiba iBhayibhile? Abanye baye batyhafiswa kwakukuyicinga nje into yokufunda ukusuka kwiGenesis ukuya kutsho kwiSityhilelo. Ngenxa yoko, abantu abaninzi abebefuna ukuyifunda bayigqibe iBhayibhile baye baqala ngeZibhalo zamaKristu zesiGrike. Ngoba? Mhlawumbi kungenxa yokuba bebeyibona lula indlela abanokuzisebenzisa ngazo ezi ncwadi zeBhayibhile kwimizamo yabo yokuhamba emanyathelweni kaKristu. Okanye ke mhlawumbi kungenxa yokuba iZibhalo zamaKristu
zesiGrike bezibonakala zimfutshane noko—kuphela zisisinye kwisine seBhayibhile. Emva kokuba befunde ezo ncwadi zingama-27 baza bazigqiba, baye banikel’ ingqalelo kwiincwadi ezingama-39 zeZibhalo zesiHebhere baza baqalisa ukuzifunda yaye bakunandipha ukuzifunda. Bathe bezigqiba iZibhalo zesiHebhere, babe sele bekwenze umkhwa ukufunda iBhayibhile rhoqo, ngoko baye baqhubeka, bafunda iZibhalo zamaKristu zesiGrike kwakhona, ibe abakhange bayeke. Ngamana nawe ungakwenza umkhwa wobomi bakho bonke ukufunda iLizwi likaThixo imihla ngemihla.Ngaba ukho umntu ongakwaziyo ukufunda entsatsheni okanye ebandleni okulo? Kutheni ungaceli ukumfundela iBhayibhile rhoqo loo mntu? Uya kungenelwa, ibe naye uya kungenelwa njengoko ecamngca ngoko akuvayo aze akusebenzise ebomini bakhe.—ISityhi. 1:3.
Ekuhambeni kwexesha, usenokufuna ukufakelela iinkalo ezithile ezinxibelelene nofundo lweBhayibhile lwakho. Ezinye zazo zinokuphucula indlela okuqonda ngayo ukunxibelelana kweenxalenye ezithile zeBhayibhile. Ukuba iBhayibhile yakho ineembekiselo eziseludinini, zinokukwalathisa
kwiinkcukacha zembali nakwiingxelo ezingqinelana naleyo uyifundayo. Zinokukunceda ubone iimeko ezakhokelela ekubeni kubhalwe iindumiso ezahlukahlukeneyo kunye neencwadi ezabhalwa ngabapostile bakaYesu Kristu. I-Insight on the Scriptures inobuncwane bengcombolo engabantu, ngeendawo nangeempawu ezikhankanywe eBhayibhileni. Izicangca ezikuyo zitsalela ingqalelo kwinzaliseko yeziprofeto zeBhayibhile, zibonisa ookumkani nabaprofeti ababephila ngexesha elinye, kwaye zichaza imihla esondeleyo yeziganeko ezininzi zeBhayibhile.Njengoko ucamngca ngoko ukufundayo, uya kuqonda oonobangela beemeko ezithile ababephila kuzo abantu bakaThixo. Kwakhona uya kufumanisa isizathu sokuba uYehova aqhubane nabantu bakhe ngendlela awaqhubana nabo ngayo. Uya kuyibona indlela uYehova azijonga ngayo izinto ezenziwa ngoorhulumente, ngamaqela abantu nangabantu ngabanye. Loo nto iya kukwenza uyiqonde nangakumbi indlela uThixo acinga ngayo.
Imbali yeBhayibhile iya kubangel’ umdla nangakumbi xa usiba nomfanekiso-ngqondweni wommandla ezazisenzeka kuwo ezo ziganeko. Iimaphu zamazwe ekuthethwa ngawo eBhayibhileni zibonisa umhlaba kunye nomgama ophakathi kweendawo. Ngokomzekelo, isenokuba yiyiphi indawo amaSirayeli awaluwela kuyo uLwandle Olubomvu? Lalilikhulu kangakanani iLizwe Lesithembiso? UYesu wahamba umgama ongakanani xa wayephumeza ubulungiseleli bakhe basemhlabeni? Ziziphi izinto umpostile uPawulos awazibonayo kuhambo lwakhe ngalunye lobuvangeli basemazweni? Iimaphu kunye neengcaciso zokuma komhlaba zidlulisela iinkcukacha eziya kulwenza luphile ufundo lwakho. Unokuzifumana phi iimaphu zamazwe ekuthethwa ngawo eBhayibhileni? Ezinye ziyafumaneka kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele. Imiqulu yeInsight ineemaphu ezingama-70, kwaye ekupheleni komqulu wokuqala kukho imap index (isalathiso samagama emapu) eluncedo gqitha. Sebenzisa iWatch Tower Publications Index ukuze ufumane ezinye iimaphu. Ukuba akunazo ezi ncwadi, sebenzisa iimaphu ezipapashwe kwiMboniselo ukuze zikuncede xa usenza ufundo lwakho lweBhayibhile.
KwiZibhalo zesiHebhere, uKumkani uDavide wadumisa uYehova esithi: “Hayi indlela ezixabiseke ngayo iingcamango zakho kum! Owu Thixo, hayi indlela esisikhulu ngayo isimbuku sazo!” (INdu. 139:17) KwiZibhalo zamaKristu zesiGrike, umpostile uPawulos wadumisa uYehova ngenxa yokuba eye “wakhanya ezintliziyweni zethu ukuze azikhanyisele ngolwazi oluzukileyo lukaThixo ngobuso bukaKristu.” (2 Kor. 4:6) UDavide noPawulos babeshiyana ngeenkulungwane; ukanti bobabini bayoliswa liLizwi likaThixo. Nawe unako ukuba uzipha ixesha lokukufunda konke oko uYehova akunike ukuba ukufunde kwincwadi yeLizwi lakhe eliphefumlelweyo.