UKWENZA ABAFUNDI
ISIFUNDO 12
Ukuthetha Phandle
Umgaqo: “Njengokuba ioli nesiqhumiso esiqholiweyo zivuyisa intliziyo, bunjalo nobuhlobo obuqala emva kwesiluleko esisuka entliziyweni.”—IMize. 27:9.
Into Eyenziwa NguYesu
1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde uMarko 10:17-22. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo:
Sifunda Ntoni KuYesu?
2. Ewe kona kufuneka sithethe ngothando, kodwa kuyafuneka nokuba sithethe phandle ukuze sincede umntu esimfundisayo ahambele phambili.
Yenza NjengoYesu
3. Nceda umntu omfundisayo abe nezinto azimisele ukuzifikelela uze umncede azifikelele.
-
Sebenzisa indawo ethi “Into Endizimisele Ukuyenza” ekwisifundo ngasinye sencwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!
-
Nceda umntu omfundisayo aqonde ukuba kufuneka enze ntoni ukuze akwazi ukuzifikelela izinto azimisele ukuzenza.
4. Zazi izinto ezenza umntu omfundisayo angahambeli phambili, uze umncede azoyise.
-
-
‘Ukuba umntu endimfundisayo akade abhaptizwe, ubanjwe yintoni?’
-
‘Yintoni endinokuyenza ukuze ndimncede?’
-
-
Thandazela isibindi sokuyithetha phandle nangothando into ekufuneka eyenzile umntu omfundisayo.
5. Siphelise isifundo ukuba umntu omfundisayo akade ahambele phambili.
-
Zama ukuqonda ukuba ukufunda kwenu iBhayibhile kuhambela phambili na ngokuzibuza ukuba:
-
‘Ngaba lo mntu ndimfundisayo uyazenza izinto azifundayo?’
-
‘Ngaba uyaya kwiintlanganiso zebandla futhi uyabaxelela abanye ngezinto ezifundiswa yiBhayibhile?’
-
‘Ukuba sekulithuba efunda, ngaba uyafuna ukuba liNgqina LikaYehova?’
-
-
Ukuba umntu ofunda iBhayibhile akafuni ukuhambela phambili:
-
Mcele akhe acinge ukuba ubanjwe yintoni.
-
Mchazele ngobuchule ukuba kutheni usiphelisa isifundo.
-
Mazise ukuba kufuneka aphucule ntoni ukuze niphinde niqhubeke nesifundo.
-