Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 20

Ngaba Usoloko Ufuna Ukuba Ngoyena Uphambili?

Ngaba Usoloko Ufuna Ukuba Ngoyena Uphambili?

NGABA ukho umntu omaziyo osoloko efuna ukuba ngoyena uphambili?— Usenokutyhiliza abanye kuba efuna ukuba ngowokuqala emgceni. Ngaba wakha wakubona oko kusenzeka?— UMfundisi Omkhulu wakha wabukela abantu abadala beleqa ukuba kwezona ndawo ziphambili okanye ezibalulekileyo. Yaye akazange akuthande oko. Makhe sibone oko kwenzekayo.

Ngaba wakha wababona abantu bezama ukuba ngabona baphambili?

IBhayibhile isixelela ukuba uYesu wakha wamenywa kwisidlo esikhulu kwikhaya lomFarisi owayeyinkokeli yonqulo ebalulekileyo. Xa wayelapho uYesu, wabukela ezinye iindwendwe ezazifika zizikhethele ezona ndawo zibalulekileyo. Ngoko wababalisela ibali abo babemenyiwe. Ngaba ungathanda ukuliva?—

UYesu wathi: ‘Xa umenywe emtshatweni, musa ukukhetha eyona ndawo iphambili, okanye ibalulekileyo.’ Ngaba uyasazi isizathu sokuba uYesu athethe oko?— Wathi kusenokwenzeka ukuba kukho umntu obaluleke ngakumbi omenyiweyo. Ngoko, njengoko ubona kulo mfanekiso, lowo ubamemileyo uyafika aze athi: ‘Khawudedele lo mntu, uze uhambe uye kuhlala phayaa.’ Ubeya kuvakalelwa njani ke ngoko lowo umenyiweyo?— Ubeya kuhlazeka ngenxa yokuba zonke ezinye iindwendwe beziya kumbukela njengoko esiya kwindawo engabalulekanga.

UYesu wayebonisa ukuba akufanelekanga ukufuna eyona ndawo ibalulekileyo. Ngoko wathi: ‘Xa umenywe emtshatweni, hamba uye kuhlala kweyona ndawo iphantsi. Ngoko lowo ukumemileyo usenokuza athi kuwe, “Mhlobo, nyukela ngasentla.” Uya kwandula ke uhlonelwe zizo zonke ezinye iindwendwe njengoko usiya kwindawo ebalulekileyo.’—Luka 14:1, 7-11.

Sisiphi isifundo awayesifundisa uYesu xa wayethetha ngabo bafuna ezona zihlalo zibalulekileyo, okanye eziphambili?

Ngaba uyifumene imfundiso yeli bali likaYesu?— Makhe senze umzekelo ukuze sibone ukuba uyifumene kusini na. Masithi ukhwela ibhasi ezeleyo. Ngaba ufanele uleqe ukufumana isihlalo kuqala kunomntu omdala?— Ngaba uYesu ubeya kukuthanda oko?—

Omnye umntu usenokuthi uYesu akazikhathazi ngoko sikwenzayo. Kodwa ngaba uyakukholelwa oko?— Xa uYesu wayekweso sidlo sikhulu kwikhaya lomFarisi, wayebukele abantu njengoko babekhetha iindawo abaza kuhlala kuzo. Ngaba akucingi ukuba usenawo umdla nakoko sikwenzayo namhlanje?— Ekubeni ngoku uYesu esezulwini, ngokuqinisekileyo ukwazi kakuhle ukusibona.

Xa umntu efuna ukuba ngoyena uphambili, oko kunokubangela ingxaki. Kudla ngokubakho impikiswano, baze abanye babe nomsindo. Maxa wambi oku kwenzeka xa abantwana besiya kukhwela ibhasi. Zithi zivulwa nje iingcango zebhasi, babe bebaleka ukuze babe ngabokuqala. Bafuna ezona zihlalo zithandwayo, ezo zingasefestileni. Yintoni enokwenzeka emva koko?— Kaloku, basenokuphikisana.

Ukufuna ukuba ngoyena uphambili kunokubangela ingxaki. Kwabangela ingxaki nakubapostile bakaYesu. Njengoko sifundile kwiSahluko 6 sale ncwadi, baphikisana ngokuba nguwuphi oyena mkhulu kubo. Ngoko yintoni awayenzayo uYesu?— Ewe, wabalungisa. Kodwa kamva baphinda baphikisana. Masibone indlela okwaqala ngayo oku.

Abapostile, nabanye abantu, bahamba noYesu besiya okokugqibela kwisixeko saseYerusalem. UYesu ukhe wathetha nabo ngoBukumkani bakhe, ngoko uYakobi noYohane bebecinga ngokulawula naye njengookumkani. Bade baxelela nonina uSalome ngako oku. (Mateyu 27:56; Marko 15:40) Ngoko njengoko besiya eYerusalem, uSalome uza kuYesu, aguqe phambi kwakhe, aze enze isicelo.

UYesu umbuza athi: “Ufuna ntoni na?” Uphendula athi unqwenela ukuba uYesu avumele oonyana bakhe bahlale ecaleni kwakhe eBukumkanini bakhe, omnye ngasekunene kwakhe nomnye ngasekhohlo. Ngoko, ucinga ukuba bavakalelwa njani abanye abapostile abalishumi xa besiva oko uYakobi noYohane bathumela unina ukuba abacelele kona?—

Yintoni uSalome ayicela kuYesu, yaye uba yintoni umphumo woko?

Kakade baba nomsindo kakhulu ngenxa yoko kuthethwe nguYakobi noYohane. Ngoko uYesu unika bonke abapostile bakhe icebiso lobulumko. UYesu uthi kubo abalawuli beentlanga bayalithanda igunya nokubaluleka. Bathanda ukuba kwizikhundla eziphezulu apho bathotyelwa nguye wonke umntu. Kodwa uYesu uthi abalandeli bakhe abafanele babe njalo. Kunoko, uthi: “Nabani na ofuna ukuba ngowokuqala phakathi kwenu makabe likhoboka lenu.” Khawucinge nje ngako oko!​—Mateyu 20:20-28.

Ngaba uyakwazi oko kwenziwa likhoboka?— Likhonza abanye abantu, alilindeli ukuba bona balikhonze. Lizibeka kweyona ndawo iphantsi, kungekhona kweyona iphambili. Lizenza oyena ungabalulekanga, kungekhona oyena ubalulekileyo. Yaye ke khumbula ukuba uYesu wathi lowo ufuna ukuba ngowokuqala ufanele azenze ikhoboka kwabanye.

Ngoko ucinga ukuba oko kuthetha ntoni kuthi?— Ngaba ikhoboka belinokuphikisana nenkosi yalo ngesona sihlalo sibalulekileyo? Okanye liphikisane nayo ngofanele afumane ukutya kuqala? Ucinga ntoni wena?— UYesu wathi ikhoboka lisoloko liyigqala njengebaluleke ngaphezu kwalo inkosi yalo.​—Luka 17:7-10.

Ngoko kunokuba sifune ukuba ngabona baphambili, yintoni esifanele siyenze?— Ewe, sifanele sibe njengamakhoboka kwabanye. Oko kuthetha ukuba sifanele sibabeke kwindawo yokuqala. Sifanele sibagqale njengababalulekileyo kunathi. Ziziphi iindlela ocinga ukuba sinokubabeka ngazo kuqala abanye abantu?— Kutheni ungaphindi ujonge kwiphepha 40 nelama-41 uze ubone ezinye zeendlela onokubabeka ngazo kuqala abanye abantu ngokubakhonza.

Khumbula ukuba uMfundisi Omkhulu wababeka kuqala abanye ngokubakhonza. Ngobusuku bokugqibela ekunye nabapostile bakhe, wada waguqa waza wahlamba iinyawo zabo. Ukuba nathi sibabeka kuqala abanye abantu ngokubakhonza, siya kuba siyamkholisa uMfundisi Omkhulu noYise, uYehova uThixo.

Masifunde iindinyana ezingakumbi zeBhayibhile ezisikhuthaza ukuba sibabeke kwindawo yokuqala abanye: ULuka 9:48; eyabaseRoma 12:3 neyabaseFilipi 2:3, 4.