Intshayelelo YeCandelo 10
UYehova nguKumkani wookumkani. Yonke into ibisoloko isezandleni zakhe, ibe kuya kuba njalo ngonaphakade. Ngokomzekelo, wamsindisa uYeremiya eza kufela emngxunyeni. Wasindisa uShadraki, uMeshaki noAbhednego kwiziko lomlilo, wasindisa noDaniyeli emilonyeni yeengonyama. UYehova wamkhusela uEstere ukuze asindise lonke uhlanga lwakhe. Akasoze ayeke izinto ezimbi zenzeke ngonaphakade. Iziprofeto zomfanekiso omkhulu nomthi omkhulu zisenza siqiniseke ukuba kungekudala uBukumkani bukaYehova buza kuziphelisa zonke izinto ezimbi ezenzekayo kuze kulawule bona apha emhlabeni.
KWELI CANDELO
ISIFUNDO 57
UYehova Uthuma UYeremiya
Into eyathethwa ngulo mprofeti usemncinci yazicaphukisa izikhulu zakwaYuda.
ISIFUNDO 58
IYerusalem Iyatshatyalaliswa
Abantu bakwaYuda abayeki ukukhonza oothixo bobuxoki, ngenxa yoko uYehova uyabashiya.
ISIFUNDO 59
Abafana Abayi-4 Abathobela UYehova
AmaYuda asemancinci azimisele ukuhlala enyanisekile kuYehova, nkqu nasemzini kakumkani eBhabhiloni.
ISIFUNDO 60
Ubukumkani Obuza Kulawula Ngonaphakade
UDaniyeli ucacisa into ethethwa liphupha elingaqhelekanga likaNebhukadenetsare.
ISIFUNDO 61
Abazange Baqubude
UShadraki, uMeshaki noAbhednego abazange bavume ukukhonza umfanekiso wegolide kakumkani waseBhabhiloni.
ISIFUNDO 62
Ubukumkani Obunjengomthi Omkhulu
Iphupha likaNebhukadenetsare lichaza into eza kwenzeka kuye.
ISIFUNDO 65
UEstere Usindisa Abantu Bakowabo
Nangona wayengowasemzini ibe engenabazali, waba ngukumkanikazi.
ISIFUNDO 66
UEzra Wafundisa UMthetho KaThixo
Emva kokuba amaSirayeli emamele uEzra, enza isithembiso esikhethekileyo kuThixo.
ISIFUNDO 67
Iindonga ZaseYerusalem
UNehemiya wafumanisa ukuba iintshaba zakhe zaziceba ukubahlasela. Kwakutheni ukuze angoyiki?