ISIFUNDO 34
UGidiyon Wawoyisa AmaMidiyan
Ekuhambeni kwexesha, amaSirayeli amshiya uYehova aza akhonza abanye oothixo. Iminyaka eyi-7, amaMidiyan ayesiba imfuyo yawo etshabalalisa nezityalo zawo. Ebaleka amaMidiyan, amaSirayeli azimela emiqolombeni nasezintabeni. Amcenga uYehova ukuba awasindise. UYehova wathumela ingelosi kumfana ogama linguGidiyon. Le ngelosi yathi kuye: ‘UYehova ukukhethile ukuba ube likroti elinamandla.’ UGidiyon wathi: ‘Ndingamsindisa njani uSirayeli? Ndingoyena ungabalulekanga.’
UGidiyon wayeza kubona ngantoni ukuba uYehova umkhethile? Wabeka phantsi uboya waza wathi kuYehova: ‘Ukuba obu boya kuse bumanzi kodwa umhlaba womile, ndiya kuqonda ukuba ufuna ndisindise uSirayeli.’ Ekuseni ngemini elandelayo, uboya babumanzi tixi kodwa wona umhlaba womile! Ngemini elandelayo ekuseni, uGidiyon wacela ukuba uboya bome uze umhlaba ube manzi. Xa kwenzekayo oko, waqiniseka ukuba uYehova umkhethile. Waqokelela amajoni akhe baya kulwa namaMidiyan.
UYehova wathi kuGidiyon: ‘Ndiza kuwenza oyise amaSirayeli. Kodwa ngenxa yokuba unamajoni amaninzi, usenokucinga ukuba oyise ngamandla awo. Xelela wonke umntu owoyikayo ukuba agoduke.’ Amajoni ayi-22 000 agoduka kwasala ayi-10 000. UYehova wathi: ‘Asemaninzi la majoni. Wase emlanjeni aye kusela amanzi. Gcina lawo asela ejonge iintshaba.’ Ayi-300 kuphela awasela ejonge iintshaba. UYehova wathembisa ukuba ngala majoni ambalwa aya koyisa amajoni akwaMidiyan ayi-135 000.
Ngobo busuku, uYehova wathi kuGidiyon: ‘Lifikile ixesha lokuhlasela amaMidiyan!’ UGidiyon wanika amajoni akhe amaxilongo neengqayi ezinezibane ngaphakathi. Wathi: ‘Jongani into endiyenzayo, nize nenze njengoko ndisenza.’ UGidiyon wavuthela ixilongo, waqhekeza ingqayi, waphakamisa isibane, waza wakhwaza esithi: ‘Ikrele likaYehova nelikaGidiyon!’ Namajoni akhe ayi-300 enza kanye loo nto. AmaMidiyan oyika aza abalekela macala onke. Engayazi into ayenzayo, alwa odwa. UYehova waphinda wawanceda amaSirayeli oyisa iintshaba zawo.
“Ukuze kucace ukuba amandla ethu angaqhelekanga avela kuThixo, hayi kuthi.”—2 Korinte 4:7