IMBALASANE ZONYAKA ODLULEYO
Bayayithanda I-Watchtower ONLINE LIBRARY
NgoJuni 28, 2013, iwebhsayithi ethi jw.org iye yanesaziso esithi i-Watchtower ONLINE LIBRARY (okanye i-WOL) ngoku ifumaneka ngeelwimi eziyi-100. Indlela esebenza ngayo i-WOL ibufana neWatchtower Library efumaneka nge-CD-ROM. Uninzi lweekhompyutha, iismartphone kunye neetablet ezineIntanethi zinokuyisebenzisa. Uninzi lweencwadi onokuphanda kuzo ziqala ngonyaka ka-2000 ukubheka phambili. Iilwimi ezininzi zinayo neNguqulelo Yehlabathi Elitsha kunye ne-Insight on the Scriptures. Kule WOL unokukhangela igama, ibinzana okanye amagama aliqela njengokuba ubuya kwenza kwi-Watchtower Library. Xa uyisebenzisa unokukhangela izibhalo okanye inkcazelo ngolwimi oluthile ukanti uyakwazi ukuyijonga nangolunye ulwimi. Khawuve ukuba abanye bathini ngale ndlela yokuphanda intsha:
“Enkosini kakhulu nge-WOL. Ndavuya gqitha ukuyibona kwam. Andimdanga kangako kwiikhompyutha nakwiiWebhsayithi kodwa ndiyabona ukuba le ndlela yokuphanda isemagqabini. Indlela enibathanda ngayo abamelwane, abazalwana noYehova ibonakala ngokucacileyo. Indlela eyenziwe ngayo i-WOL ibonisa akuba nisikhathalele. Esi sesona sipho sikhulu endakha ndasifumana esibonisa indlela uBawo uYehova andithanda ngayo. Enkosi kakhulu.”—UA., waseArgentina.
“Andiyikholelwa ke le! Ndingene kwi-WOL ngale mva kwemini, ndaza ndafumanisa ukuba olunye lweelwimi ezintsha sisiCreole saseHaiti. Ndandingatsho ukuba kungaze kwenzeke oku. Andazi nokuba ndithini kule leta. Kwanga uYehova anganisikelela nomoya wakhe oyingcwele uqhubeke unikhokela.”—UD.C., waseUnited States.