Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIERRA LEONE NEGUINEA

Amagqabantshintshi ESierra Leone NeGuinea

Amagqabantshintshi ESierra Leone NeGuinea

Ukuma komhlaba Omabini la mazwe anemigxobhozo, amathafa, umhlaba olinywayo kunye neentaba ezinde. IGuinea ingumthombo wamadama amathathu akwiNtshona yeAfrika—iGambia, iNiger neSenegal.

Abantu AmaMende namaTemne zezona zizwe zikhulu kweziyi-18 eSierra Leone. AmaKrio—inzalelwano yamakhoboka athathwa eAfrika, ahlala ngaseFreetown. IGuinea inamaqela eentlanga angaphezu kwe-30, ezona zinabantu abaninzi ngamaFulani, amaMandingo namaSusu. a

Unqulo Abantu abamalunga ne-60 pesenti eSierra Leone ngamaSilamsi; abanye bathi bangamaKristu. Abantu abaphantse babeyi-90 pesenti eGuinea ngamaSilamsi. Uninzi lwabantu abakula mazwe mabini benza amasiko aseAfrika.

Ulwimi Qela ngalinye linolwimi lwalo. Olona lwimi luthethwayo eSierra Leone sisiKrio, umnxube wesiNgesi, weelwimi zaseYurophu nezaseAfrika. Ulwimi lwaseburhulumenteni eGuinea sisiFrentshi. Ngokomyinge abantu abayi-60 pesenti kwilizwe ngalinye abafundanga.

Indlela Abazixhasa Ngayo Abantu abaninzi baziphilisa ngokulima. Isiqingatha somvuzo waseSierra Leone usuka kwidayimane eye ithengiselwe amanye amazwe. IGuinea inebauxite (ilitye lexabiso) eninzi kakhulu.

Ukutya Intetho edumileyo kweli yeyokuba, “ukuba akukho rayisi kufana nokungathi akukho kutya.” IFufu, okanye icassava ebilisiweyo, ecujelwe entlameni emanzi, idla ngokutyiwa nenyama, iokra, kunye nesosi ebabayo.

Imozulu Kushushu ngaselwandle. Kupholile ezintabeni. Ngamaxesha onyaka angenazimvula, kubakho umoya ogqutha kangangeentsuku eziliqela, ohlisa amaqondo obushushu uze ugubungele yonk’ indawo ngothuli.

a Ezinye iintlanga zaziwa ngamagama aliqela.

 

ISIERRA LEONE

IGUINEA

UKUMA (iiskwe khilomitha)

71 740  245 857

ABANTU

6 092 000

11 745 000

ABAVAKALISI NGO-2013

2 039

748

UMLINGANISELO WOMVAKALISI KUBEMI

2 988

15 702

ABABEKHO ESIKHUMBUZWENI SIKA-2013

8 297

3 609