ISIFUNDO 06
Baqala Njani Ubomi?
NguThixo “umthombo wobomi.” (INdumiso 36:9) Uyayikholelwa loo nto? Abanye abantu bacinga ukuba akekho uMdali. Ukuba yinyani leyo, loo nto ithetha ukuba sivele sabakho ngempazamo. Kodwa ukuba sidalwe nguYehova uThixo, loo nto ithetha ukuba ikhona into abadalele yona abantu. a Khawuve ukuba iBhayibhile ithi baqala njani ubomi uve nezizathu zokuba siyikholelwe loo nto.
1. Ngubani owadala amazulu nomhlaba?
IBhayibhile ithi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.” (Genesis 1:1) Oososayensi abaninzi bayavuma ukuba zonke izinto zinesiqalo. UThixo wazidala njani? Wadala zonke izinto, njengeenkwenkwezi neeplanethi esebenzisa ‘amandla akhe asebenzayo,’ umoya wakhe oyingcwele.—Genesis 1:2.
2. Kwakutheni ukuze uThixo adale umhlaba?
UYehova ‘akawudalelanga ukuba uhlale nje umhlaba, kodwa uwudalele ukuba kuhlalwe kuwo.’ (Isaya 45:18) Wenza umhlaba walikhaya ekumnandi ukuhlala kulo nelinezinto abazidingayo abantu ukuze baphile ngonaphakade. (Funda uIsaya 40:28; 42:5.) Oososayensi bathi umhlaba awufani nezinye iiplanethi. Babonile ukuba ngumhlaba wodwa onazo zonke izinto abantu abazidingayo ukuze baphile.
3. Yintoni eyenza abantu bohluke kwizilwanyana?
Emva kokuba uYehova edale umhlaba, wadala izityalo nezilwanyana. Emva koko, “uThixo wadala umntu ngokomfanekiso wakhe.” (Funda iGenesis 1:27.) Yintoni eyenza abantu bohluke kwizilwanyana? Kuba sidalwe ngokomfanekiso kaThixo, siyakwazi ukubathanda abantu size sibaphathe kakuhle. Usidale sakwazi nokufunda iilwimi, ukubuka izinto ezintle nokumamela umculo omnandi. Thina siyakwazi ukuba ngabahlobo noMdali wethu, kodwa zona izilwanyana azikwazi.
FUNDA NEZINYE IZINTO
Funda ngobungqina obubonisa ukuba izinto eziphilayo zadalwa, nokuba iyinyani into ethethwa yiBhayibhile ngokudalwa kwazo zonke izinto. Funda nokuba iimpawu abanazo abantu zisixelela ntoni ngoThixo.
4. Izinto eziphilayo zadalwa
Abantu bayanconywa ngezinto abazikope kwindalo. Ngubani esimele simncome ngezinto ezidaliweyo? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.
-
Ziintoni abazenzileyo abantu abazikope kwindalo?
Yonke indlu inomakhi wayo. Kodwa ngubani owadalayo? Funda amaHebhere 3:4, nize nincokole ngale mibuzo:
-
Zeziphi izinto ezidaliweyo ozithanda kakhulu?
-
Ngaba sinezizathu ezivakalayo zokukholelwa ukuba zonke izinto zadalwa? Kutheni usitsho?
Ngaba ubuyazi?
Unokufumana amanqaku neevidiyo ezithetha ngalo mxholo kwindawo ethi “Ngaba Yadalwa?” nethi “Iimbono Ngemvelaphi Yobomi.”
“Kakade ke indlu nganye inomakhi wayo, kodwa lowo wakha zonke izinto nguThixo”
5. Sinezizathu ezivakalayo zokukholelwa ukuba into ethethwa yiBhayibhile ngendalo yinyani
KwiGenesis isahluko 1, iBhayibhile isibonisa ukuba wabakho njani umhlaba nokuba baqala njani ubomi kuwo. Unokuyithemba loo nto, okanye yintsomi? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.
-
Ngaba iBhayibhile ifundisa ukuba kwathatha iintsuku ezintandathu ezineeyure eziyi-24 ukudala umhlaba nobomi?
-
Ucinga ukuba kukho izizathu ezivakalayo zokuba sikholelwe izinto ezithethwa yiBhayibhile ngendalo? Kutheni usitsho?
Funda iGenesis 1:1, nize nincokole ngalo mbuzo:
-
Oososayensi bathi zonke izinto zinesiqalo. Singayithelekisa njani into abayithethayo nento osandokuyifunda eBhayibhileni?
Abanye abantu badla ngokuzibuza ukuba, ngaba uThixo wadala into ephilayo yaza yajika, kwavela enye into? Funda iGenesis 1:21, 25, 27, nize nincokole ngale mibuzo:
-
Ngaba iBhayibhile ifundisa ukuba uThixo wenza into ephilayo kwaza kwavela intlanzi, isilwanyana okanye yangumntu? Okanye wadala zonke “iintlobo” zezinto eziphilayo? b
6. UThixo udale abantu ngendlela eyahlukileyo
Asifani nezilwanyana uYehova azidalileyo. Funda iGenesis 1:26, nize nincokole ngalo mbuzo:
-
Kuba sidalwe ngokomfanekiso kaThixo, ukukwazi kwethu ukubathanda abantu nokubacingela, kusixelela ukuba uThixo unjani?
ABANYE ABANTU BATHI: “Into ethethwa yiBhayibhile ngendalo yintsomi.”
-
Ucinga ntoni wena? Kutheni usitsho?
UFUNDE NTONI?
UYehova wadala zonke izinto, nazo zonke izinto eziphilayo.
Khawutsho
-
IBhayibhile ifundisa ntoni ngendlela ezaqala ngayo ukubakho zonke izinto?
-
Ngaba uThixo wavumela zonke izinto ezingafaniyo eziphilayo zazivelela, zisuka kwinto ephilayo okanye wazidala zonke?
-
Yintoni eyenza abantu bohluke kwizilwanyana?
JONGA NEZI ZINTO
Funda ngezinto ezidaliweyo ezibonisa ukuba ukhona uMdali.
Bukela indlela utata anokumcacisela ngayo unyana wakhe omncinci ngendlela ezadalwa ngayo izinto ekuthethwa ngazo eBhayibhileni.
Funda ukuba imfundiso yokuba izinto zazivelela nento efundiswa yiBhayibhile zinyanisile na.
“Ngaba UThixo Wenza Izinto Ezahlukahlukeneyo Azidalileyo Zazivelela?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)
a Isifundo 25 siza kusibonisa ukuba uThixo ufuna abantu baphile njani.
b EBhayibhileni, igama elithi “iintlobo” lithetha izinto ezininzi ezahlukahlukeneyo eziphilayo.