Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 4

Kutheni Umele Umhlonele Umntu Onikwe Igunya?

Kutheni Umele Umhlonele Umntu Onikwe Igunya?

“Bekani abantu bazo zonke iintlobo.”—1 PETROS 2:17.

1, 2. (a) Kukuphi ukubethabethana kweengcinga esiye sijamelane nako kumba wegunya? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

 UKHE umbone na umntwana xa ecelwa ukuba enze into angafuniyo ukuyenza? Uye abonakale kwalapha ebusweni ukuba uneengcamango ezibethabethanayo. Uyaliva lona ilizwi lomzali, kwaye uyazi ukuba umele alihlonele igunya lakhe. Kodwa ke kule into, akafuni kuthobela. Nathi sikhe sizifumane sikwimeko efanayo.

2 Akusoloko kulula ukuhlonela umntu osegunyeni. Ngaba maxa wambi ukufumanisa kunzima ukuhlonela umntu onegunya lokukulawula? Ukuba kunjalo, akuwedwa. Siphila kwixesha apho ukuhlonela umntu onegunya kuyinto enqabileyo. Ukanti, iBhayibhile ithi kufuneka sibahlonele abo banegunya lokusilawula. (IMizekeliso 24:21) Enyanisweni, kubalulekile ukuba sibahlonele ukuba sifuna ukuzigcina eluthandweni lukaThixo. Kodwa ke ikho imibuzo ephakamayo. Kutheni kunzima kangaka kuthi ukuthobela umntu onegunya? Kutheni uYehova efuna ukuba simthobele, kwaye yintoni eya kusinceda senjenjalo? Owokugqibela uthi, ziziphi iindlela esinokubahlonela ngazo abantu abanegunya?

ISIZATHU SOKUBA KUBE NZIMA

3, 4. Isono nokungafezeki zaqala njani, yaye kutheni ukuba nesono kwethu kusenza kube nzima ukuhlonela umntu osegunyeni?

3 Makhe sithi gqaba-gqaba ngezizathu ezibini ezibangela ukuba kube nzima kuthi ukuhlonela abantu abanegunya. Okokuqala, kukungafezeki; okwesibini, nabantu abanikwe igunya abafezekanga. Isono nokungafezeki kwabantu zaqala kudal’ okuya, kumyezo wase-Eden, xa uAdam noEva bavukela igunya likaThixo. Ngoko isono saqala ngemvukelo. Nanamhl’ oku ke siye sityekele ngasekuvukeleni.—Genesis 2:15-17; 3:1-7; INdumiso 51:5; Roma 5:12.

4 Ngenxa yokuba sinesono, ikratshi nokuziphakamisa zingena lula kuthi, ngoxa ukuthobeka kunqabe kangangokuba kuye kufuneke sibhinq’ omfutshane ukuze sikufikelele nokuze sihlale sithobekile. Kwanasemva kokuba sichithe iminyaka sikhonza uThixo ngokuthembeka, sisenokungenwa ziinkani nalikratshi. Masenze umzekelo ngoKora, owaqhubeka ethembekile kuYehova ukutyhubela iingxaki ezininzi. Sekunjalo, wayelifun’ ebumnyameni igunya ibe akazange abe nazo neentloni zokukhokela iqela elalivukela uMoses, oyena mntu ululamileyo owayephila ngelo xesha. (Numeri 12:3; 16:1-3) Omnye umzekelo ngokaKumkani u-Uziya, okratshi lakhe lamqhubela ekubeni angene kwitempile kaYehova aze enze imisebenzi engcwele eyayibekelwe ababingeleli. (2 Kronike 26:16-21) La madoda adibana neembila zithutha ngenxa yokuvukela kwawo. Kodwa le mizekelo yawo mibi isikhumbuza nto sonke. Kufuneka sililwe ikratshi elenza kube nzima ukuthobela abantu abasegunyeni.

 5. Abantu abangafezekanga baye balisebenzisa kakubi njani igunya abalinikiweyo?

5 Kwelinye icala, nabantu abangafezekanga abasegunyeni baye bafak’ isandla ekubeni bangahlonelwa. Abaninzi kubo zizikhohlakali, bathetha rhabaxa nabantu baze babaphathe gadalala, okanye balawule ngegqudu. Enyanisweni, ubukhulu becala imbali yabantu izaliswe ziingxelo zokusetyenziswa kakubi kwegunya. (Funda iNtshumayeli 8:9.) Ngokomzekelo, uSawule wayeyindoda ethandekayo neyayithobekile xa uYehova wayemchonga ukuba abe ngukumkani. Kodwa ke, kuthe kungekabi phi wathiwa nqo likratshi nomona; watshutshisa indoda eyayithembekile, uDavide. (1 Samuweli 9:20, 21; 10:20-22; 18:7-11) Kamva uDavide waba yenye yezona kumkani zakha zanesandla ekuphatheni kwaSirayeli, kodwa nanko naye esebenzisa kakubi igunya lakhe ngokukrexeza nomkaUriya umHiti waza wathumela le ndoda imsulwa edabini ukuze ibulawe. (2 Samuweli 11:1-17) Ngokwenene ukungafezeki kwenza kube nzima ukuba abantu balisebenzise kakuhle igunya abalinikiweyo. Kuye kube nzima nangakumbi ke xa abantu abasegunyeni bengamhloneli uYehova. Emva kokuchaza indlela ezinye iipopu zamaKatolika eziye zabangela ngayo ukuba kutshutshiswe abantu, esinye isihandiba saseBritani sabhala sathi: “Igunya liyamona umntu, kwaye igunya elipheleleyo limona ngokupheleleyo.” Sinaloo mbali ke ezingqondweni zethu, makhe siphendule umbuzo othi: Kutheni sifanele sibahlonele abantu abanikwe igunya?

KUTHENI SIFANELE SIBAHLONELE ABANTU ABANIKWE IGUNYA?

6, 7. (a) Ukuthanda kwethu uYehova kusiqhubela ekubeni senze ntoni, yaye ngoba? (b) Kubandakanya ntoni ukuzithoba, yaye sinokuzithoba njani?

6 Esona sizathu sibalulekileyo luthando—siyamthanda uYehova, siyabathanda abamelwane bethu, kwaye nathi siyazithanda. Ngenxa yokuba sithanda uYehova ngaphezu kwayo yonke into, sifuna ukumvuyisa. (Funda iMizekeliso 27:11; Marko 12:29, 30.) Siyazi ukuba ulongamo lwakhe, ilungelo lakhe lokulawula indawo iphela, luye lwadelwa apha emhlabeni ukususela ngexesha lemvukelo yase-Eden nokuba inkoliso yabantu iye yema kwicala likaSathana, yaluchasa ulawulo lukaYehova. Thina siyakuvuyela ukuma kwicala eliphikisana nabo. Xa sifunda amazwi azukileyo akwiSityhilelo 4:11, sivukwa lihlombe ezintliziyweni zethu. Icaca okwekat’ emhlophe ehlungwini kuthi into yokuba nguYehova oyena ufanelwe kukulawula indalo iphela! Siyaluxhasa ulongamo lukaYehova, sivume ukuba asilawule imihla ngemihla.

7 Intlonelo enjalo ifuna ukuba senze okungaphaya kokumthobela. UYehova simthobela kuba simthanda. Kodwa ke, akho amaxesha apho kuya kuba ngumnqantsa kakhulu ukuba sithobele. Xa kunjalo, njengenkwenkwana esithethe ngayo ngaphambidlana, kuya kufuneka sifunde ukuzithoba. Siyakhumbula ukuba uYesu wazithoba kukuthanda kukaYise, nangona kumele ukuba kwakunzima gqitha ukwenjenjalo. Wathi kuYise: “Makwenzeke, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa okwakho.”—Luka 22:42.

 8. (a) Ukuzithoba kwigunya likaYehova kudla ngokuquka ntoni, yaye siyibona phi indlela uYehova avakalelwa ngayo ngalo mba? (b) Yintoni enokusinceda siphulaphule isiluleko size samkele uqeqesho? (Bona ibhokisi ethi “ Phulaphula Icebiso Uze Wamkele Ingqeqesho.”)

8 UYehova akathethi nomntu ngamnye apha kuthi namhlanje; usebenzisa iLizwi lakhe nabameli bakhe abangabantu. Ngoko, ubukhulu becala sizithoba kwigunya likaYehova ngokuhlonela abantu ababeke, okanye abavumele ukuba baqhubeke, besegunyeni. Ukuba sinokubavukela abo bantu—ngokomzekelo, singavumi ukwamkela amacebiso neziluleko zabo ezisekelwe kwiZibhalo—siya kumcaphukisa uThixo wethu. Xa amaSirayeli ambombozelayo aza avukela uMoses, uYehova wawajonga ngokungathi ayevukela yena.—Numeri 14:26, 27.

 9. Kutheni ukuthanda kwethu abanye abantu kusenza sibahlonele abantu abanikwe igunya? Zekelisa.

9 Enye into esenza sibahlonele abantu abanikwe igunya kukuba siyabathanda abanye abantu. Njani? Masithi ubulijoni emkhosini. Ukuphumelela kwanobomi bomkhosi buxhomekeke ekubeni ijoni ngalinye libe nentsebenziswano, lithobele yaye lihlonele abaphathi-mkhosi. Ukuba ubunokuwusingela phantsi umkhosi ngokuba nemvukelo, onke amanye amajoni ebeya kuba sengozini. Ewe kona, imikhosi yabantu idala imbuqe ehlabathini namhlanje. Kodwa ke, umkhosi kaYehova wenza izinto ezintle kuphela. IBhayibhile iyiphindaphinda kangangezihlandlo ezingaphezu kwekhulu into yokuba uThixo ‘nguYehova wemikhosi.’ (1 Samuweli 1:3) UyiNkumanda yomkhosi omkhulu nonamandla wezidalwa zomoya. Maxa wambi, uYehova ufanisa abakhonzi bakhe basemhlabeni nomkhosi. (INdumiso 68:11; Hezekile 37:1-10) Ukuba besinokuvukela abantu abanikwe igunya nguYehova lokuba basilawule, ngaba besingayi kuwabeka engozini amanye amajoni okomoya akulo mkhosi sikuwo? Xa umKristu evukela abadala abamiselweyo, nabanye ebandleni basenokuchaneka. (1 Korinte 12:14, 25, 26) Xa umntwana evukela, yonke intsapho isenokuchaneka. Ngoko sifanele sibathande abanye abantu ngokuba nentlonelo nentsebenziswano.

10, 11. Umnqweno wethu ofanelekileyo wokuba silungelwe usinceda njani ukuba sithobele abantu abanikwe igunya?

10 Enye into esenza sibahlonele abantu abanikwe igunya kukuba kunceda kwathina ukwenjenjalo. Xa uYehova esithi masibahlonele abantu abanikwe igunya, udla ngokusichazela neengenelo esiya kuzifumana ngokwenjenjalo. Ngokomzekelo, uxelela abantwana ukuba bathobele abazali babo ukuze baphile ubomi obude nobanelisayo. (Duteronomi 5:16; Efese 6:2, 3) Uthi masibahlonele abadala bebandla kuba xa singenjinjalo, siya kwenzakala ngokomoya. (Hebhere 13:7, 17) Kwaye uthi masiwathobele amagunya ehlabathi ukuba sifuna ukukhuseleka.—Roma 13:4.

11 Ukwazi isizathu sokuba uYehova afune sithobele kuyasinceda ukuba sithobele abantu abanikwe igunya, akunjalo? Ngoku makhe sibone indlela esinokubahlonela ngayo abantu abanikwe igunya kwiinkalo ezintathu ezibalulekileyo ebomini.

INTLONELO ENTSATSHENI

12. Yiyiphi indima uYehova ayabele umyeni nobawo entsatsheni, kwaye indoda inokuyiphumeza njani loo ndima?

12 UYehova walisungula ngokwakhe ilungiselelo lentsapho. Ekubeni enguThixo wocwangco, ulungelelanise intsapho ngendlela yokuba isebenze kakuhle. (1 Korinte 14:33) Unika umyeni nobawo igunya lokuba yintloko yentsapho. Umyeni yena uhlonela iNtloko yakhe, uKristu uYesu, ngokuxelisa indlela uYesu abusebenzisa ngayo ubuntloko bakhe ebandleni. (Efese 5:23) Ngenxa yoko, umyeni akafanele ayibaleke imbopheleleko yakhe, kunoko umele ayisingathe njengendoda; kwangaxeshanye akafanele abe nguzwilakhe okanye abe ngqwabalala, kunoko, umele abe nothando, abe nengqiqo nobubele. Uyakhumbula ukuba igunya lakhe lisikelwe umda—lingaphantsi kwelikaYehova.

Ubawo ongumKristu uxelisa indlela uKristu abusebenzisa ngayo ubuntloko

13. Umfazi unokuyiphumeza njani indima yakhe entsatsheni ngendlela eya kumkholisa uYehova?

13 Umfazi nomama ufanele abe ngumncedi okanye umphelelisi wendoda yakhe. Naye unikwe igunya entsatsheni, kuba iBhayibhile ithetha ‘ngomthetho kanyoko.’ (IMizekeliso 1:8) Kakade ke, igunya lakhe lingaphantsi kwelomyeni wakhe. Umfazi ongumKristu uhlonela igunya lomyeni wakhe ngokumnceda aphumeze indima yakhe njengentloko-ntsapho. Akamdeleli, amqhathe okanye athathele kuye iintambo. Kunoko, uyamxhasa aze asebenzisane naye. Xa engazithandi izigqibo azenzayo, unokuziveza ngentlonelo izimvo zakhe, aze aqhubeke ezithoba kuye. Xa umyeni engelokholwa, kusenokuba nzinyana kuye, kodwa ke ukuzithoba kwakhe kunokwenza indoda yakhe iphele sele ifuna ukunqula uYehova.—Funda eyoku-1 kaPetros 3:1.

14. Abantwana banokwenza njani ukuze abazali babo kunye noYehova bavuye?

14 Abantwana bayayivuyisa intliziyo kaYehova xa bethobela abazali babo. Nabazali bayavuya baze bazive bebekekile. (IMizekeliso 10:1) Kwiintsapho ezinomzali omnye, abantwana basebenzisa imigaqo efanayo kumba wokuthobela, besazi ukuba umzali wabo usenokuba uyifuna ngamandla inkxaso nentsebenziswano yabo. Kwiintsapho apho wonk’ ubani aphumeza indima yakhe ebekwe nguThixo, kubakho uxolo novuyo. Loo nto imenza azukiswe uMsunguli wazo zonke iintsapho, uYehova uThixo.—Efese 3:14, 15.

INTLONELO EBANDLENI

15. (a) Sinokubonakala njani ukuba siyalihlonela igunya likaYehova ebandleni? (b) Yiyiphi imigaqo enokusinceda sibathobele abo bakhokelayo? (Bona ibhokisi ethi “ Bathobeleni Abo Bakhokelayo.”)

15 UYehova umisele uNyana wakhe njengoMlawuli webandla lamaKristu. (Kolose 1:13) NoYesu uye wamisela ‘ikhoboka lakhe elithembekileyo neliyingqondi’ ukuba lincede abantu bakaThixo emhlabeni. (Mateyu 24:45-47) IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova ‘lilikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ Njengoko kwakunjalo kumabandla amaKristu enkulungwane yokuqala, abadala namhlanje bafumana imiyalelo namacebiso avela kwiQumrhu Elilawulayo, enokuba kungendlela engqalileyo okanye kusetyenziswa abameli balo, abanjengabaveleli abahambahambayo. Xa ngamnye kuthi ehlonela igunya elinikwe abadala abangamaKristu, uthobela uYehova.—Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:12; Hebhere 13:17.

16. Kungayiphi ingqiqo ekunokuthiwa abadala bamiselwe ngomoya oyingcwele?

16 Abadala nezicaka zolungiselelo abafezekanga. Zikho iindawo abasilela kuzo, njengokuba phofu kunjalo nakuthi. Sekunjalo, abadala ‘bazizipho ezingabantu,’ esiziphiwe ngenjongo yokuba zincede ibandla lihlale lomelele ngokomoya. (Efese 4:8) Abadala bamiselwa ngomoya oyingcwele. (IZenzo 20:28) Njani? Kaloku la madoda kuye kufuneke afikelele iimfaneleko ezichazwe kwiLizwi likaThixo eliphefumlelwe ngomoya ngaphambi kokuba amiselwe. (1 Timoti 3:1-7, 12; Tito 1:5-9) Ukongezelela koko, abadala abahlola ezo mfaneleko kumzalwana baye bathandaze becela ulwalathiso lomoya oyingcwele kaYehova.

17. Kutheni maxa wambi abafazi abangamaKristu beye bathwale entloko xa besenza izinto zebandla?

17 Kwezinye iimeko ibandla lisenokungabi nabo abadala nezicaka zolungiselelo abenza umsebenzi odla ngokwabelwa bona, njengokuqhuba intlanganiso yenkonzo yasentsimini. Xa kunjalo, kunokusetyenziswa abazalwana ababhaptiziweyo. Xa nabo bengekho, kunokusetyenziswa oodade abafanelekayo. Noko ke, xa umfazi esenza umsebenzi ngokuqhelekileyo owabelwe indoda ebhaptiziweyo, uyathwala entloko. a (1 Korinte 11:3-10) Ukwenjenjalo asikokubathoba abafazi. Kunoko, kubanika ithuba lokuhlonela ilungiselelo likaYehova lobuntloko, entsatsheni nasebandleni.

UKUHLONELA ABASEMAGUNYENI BEHLABATHI

18, 19. (a) Unokuyicacisa njani imigaqo ebhalwe kweyabaseRoma 13:1-7? (b) Sibahlonela njani abasemagunyeni?

18 AmaKristu enene anamathela ngokuthembeka kwimigaqo ekweyabaseRoma 13:1-7. (Yifunde.) Xa ufunda esi sicatshulwa, uya kuphawula ukuba “amagunya awongamileyo” akhankanywe apha ngoorhulumente. Logama nje uYehova esavumele oorhulumente babantu ukuba baqhubeke bekho, banomsebenzi obalulekileyo abawenzayo, bagcina ucwangco kwaye basenzela nezinto esizifunayo. La magunya siwahlonela ngokuthobela imithetho. Siyaqiniseka ukuba siyazihlawula iirhafu ekufuneka sizihlawule, sizizalisa kakuhle iifomu okanye amaxwebhu urhulumente asenokufuna ukuba siwazalise, kwaye siyayithobela yonke imithetho echaphazela thina, intsapho, ishishini okanye izinto esinazo. Kodwa ke, asizithobi kwabasemagunyeni xa besithi masingamthobeli uThixo. Kunoko, siphendula ngendlela abaphendula ngayo abapostile bamandulo, besithi: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.”—IZenzo 5:28, 29; bona ibhokisi ethi “ Ligunya Likabani Endifanele Ndilithobele?

19 Enye indlela esibahlonela ngayo abasemagunyeni yindlela esibaphatha. Ngamany’ amaxesha kusenokufuneka sithethe namagosa karhulumente. Umpostile uPawulos wathetha nabalawuli abanjengoKumkani uHerode Agripa neRhuluneli uFesto. La madoda ayeneziphako ezingathandekiyo, kodwa uPawulos waba nentlonelo xa ethetha nawo. (IZenzo 26:2, 25) Nathi simele simxelise uPawulos, enoba elo gosa sithetha nalo ngumlawuli onegunya elikhulu okanye lipolisa lasekuhlaleni. AmaKristu aselula azama ukuba nembeko efanayo kootitshala, kumagosa nakubasebenzi basesikolweni. Intlonelo yethu ayipheleli kwabo baneenkolelo ezifana nezethu; siba nembeko naxa sithetha nabantu abalwayo namaNgqina kaYehova. Phofu masithi, bonke abantu abangakholwayo bafanele bayibone into yokuba sinentlonelo.—Funda amaRoma 12:17, 18; 1 Petros 3:15.

20, 21. Ziziphi ezinye zeentsikelelo zokubahlonela ngendlela efanelekileyo abantu abanikwe igunya?

20 Masingabi madolw’ anzima xa kufuneka sihlonele abanye abantu. Umpostile uPetros wabhala esithi: “Bekani abantu bazo zonke iintlobo.” (1 Petros 2:17) Xa abantu bephawula ukuba sinentlonelo yokwenene, baya kuchukumiseka. Sikhumbule ukuba olu phawu luya luphela ebantwini. Ngoko ke, ukuhlonela abantu kuyenye indlela esinokuthobela ngayo umyalelo kaYesu othi: “Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu emihle baze bazukise uYihlo osemazulwini.”—Mateyu 5:16.

21 Kweli hlabathi lifathula ebumnyameni, abantu abaneentliziyo ezintle basondezwa ekukhanyeni kokomoya. Ngoko ukuba nentlonelo kwethu entsatsheni, ebandleni, naxa siqhubana nabantu abangengomakholwa kunokubatsala abanye babo, baze nabo bahambe ekukhanyeni kunye nathi. Ingantle gqitha loo nto! Kodwa ke, kwanokuba abade bahambe nathi ekukhanyeni, siqiniseke ngento enye nje qha. Ukuhlonela kwethu abanye abantu kuyamkholisa uYehova uThixo kwaye kuyasinceda ukuba sihlale eluthandweni lwakhe. Ingayintoni ke eyenye esiyifunayo engaphezu kwaleyo?

a Inqaku elikwiSihlomelo elithi “Udade Ufanele Athwale Xa Kutheni, Yaye Ngoba?” lixubusha ezinye iindlela ezimbalwa onokusetyenziswa ngazo lo mgaqo.