Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 6

Iintsuku Zokugqibela ZikaYesu

“Nanko ukumkani wakho esiza kuwe.”​—Mateyu 21:5

Iintsuku Zokugqibela ZikaYesu

KWELI CANDELO

ISAHLUKO 101

Ukutya Ekhayeni LikaSimon EBhethani

UMariya, udade boLazaro, wenza into eyenza abantu bathethe, kodwa uYesu uyamthethelela.

ISAHLUKO 102

UKumkani Ungena EYerusalem Ekhwele Inkonyane

Uzalisekisa isiprofeto esachazwa kwiminyaka eyi-500 ngaphambili.

ISAHLUKO 103

UYesu Uphinda Acoce Itempile

Kubonakala kungekho nto irongo kumashishini abantu abathengisa eYerusalem, ngoko kutheni uYesu esithi ngootsotsi?

ISAHLUKO 104

Ngaba Aza Kubonisa Ukholo AmaYuda Xa Esiva Ilizwi LikaThixo?

Ukhona umahluko phakathi kokubonisa ukholo kuYesu nokuzenza izinto ozikholelwayo?

ISAHLUKO 105

Usebenzisa Umthi Wamafiya Ukuze Abafundise Ngokholo

UYesu ufundisa abafundi bakhe indlela olunamandla ngayo ukholo aze abacacisele ukuba kutheni uThixo engasamkeli isizwe sakwaSirayeli.

ISAHLUKO 106

Imizekelo Emibini Yeentsimi Zeediliya

Funda ukuba uthetha ukuthini umzekelo wendoda eyacela oonyana bayo ukuba bayokusebenza entsimini nomzekelo wendoda eyaqeshisa ngentsimi yayo yeediliya kubalimi abangalunganga.

ISAHLUKO 107

Ukumkani Ubiza Abo Abameme Kwitheko Lomtshato

Umzekelo owenziwa nguYesu usisiprofeto.

ISAHLUKO 108

Uliwisa Phantsi Icebo Lokumbambisa

Uqala avale umlomo abaFarisi, ibe ngabaSadusi, emva koko ibe ngabanye abantu abadityaniswa kukungamfuni.

IAHLUKO 109

Ugxeka Abachasi Bakhe

Kutheni uYesu eyigxeka indlela iinkokheli zenkonzo ezizijonga ngayo izinto?

ISAHLUKO 110

Usuku Lokugqibela LukaYesu Etempileni

Ubafundisa isifundo esibalulekileyo esebenzisa umzekelo womhlolokazi olihlwempu.

ISAHLUKO 111

Baza Kubona Ngantoni Abapostile Xa Sekuza Kupheliswa Ihlabathi?

Isiprofeto sakhe saqala ukuzaliseka ngexesha labapostile. Ngaba siphelele apho okanye siseza kwenzeka kakhulu kunakuqala?

ISAHLUKO 112

Umzekelo Weentombi Ezilishumi

Ngaba uYesu wayefundisa ukuba ihafu yabafundi bakhe zizilumko enye ihafu zizidenge?

ISAHLUKO 113

Umzekelo Weetalente

Umzekelo weetalente ucacisa amazwi akhe athi: “Wonke umntu onezinto uza kunikwa ezinye.”

ISAHLUKO 114

Xa UKristu Esiza Uza Kugweba Iigusha Neebhokwe

Esebenzisa umzekelo uYesu uchaza into eza kugqiba ukuba umntu uza kubufumana na ubomi okanye uza kutshatyalaliswa.

ISAHLUKO 115

IPasika Yokugqibela KaYesu Seyisondele

Kutheni ibalulekile into yokuba iinkokheli zifuna ukubhatala uYudas amaqhosha esilivere ayi-30 xa emnikela kuzo uYesu?

ISAHLUKO 116

UYesu Uhlamba Iinyawo Zabapostile Bakhe

Uyabothusa abapostile ngokwenza umsebenzi omele wenziwe sisicaka.

ISAHLUKO 117

Isidlo SeNkosi Sangokuhlwa

UYesu uqalisa isikhumbuzo abafundi bakhe abaza kusenza qho ngonyaka ngoNisan 14.

ISAHLUKO 118

Baphikisana Ngokuba Ngubani Oyena Umkhulu

Abapostile sebeyilibele into uYesu asandokubafundisa yona kobu busuku.

ISAHLUKO 119

UYesu Uyindlela, Inyaniso Nobomi

UYesu ufundisa into ebalulekileyo, indlela yokuthetha noThixo.

ISAHLUKO 120

Abafundi Kufuneka Bavelise Isiqhamo Baze Babe Ngabahlobo BakaYesu

Abafundi bakaYesu ’basivelisa njani isiqhamo’?

ISAHLUKO 121

“Ze Nomelele! Mna Ndiloyisile Ihlabathi”

UYesu uloyise njani ihlabathi kodwa limbulele?

ISAHLUKO 122

Umthandazo KaYesu Wokugqibela Kwigumbi Eliphezulu

Wenza kucace ukuba wenze into ebaluleke ngaphezu kokusindisa nje abantu.

ISAHLUKO 123

Uyathandaza Ekhathazeke Kakhulu

Kutheni uYesu ethandaza esithi: “Yisuse le ndebe kum”? Ngaba akasafuni kufa ukuze ahlawulele abantu?

ISAHLUKO 124

UKristu Uyajikelwa Aze Abanjwe

UYudas uyamfumana uYesu nangona kusezinzulwini zobusuku.

ISAHLUKO 125

UYesu Usiwa KuAnas, Emva Koko Asiwe KuKayafa

Ityala likaYesu liburhuqa eludakeni ubulungisa.

ISAHLUKO 126

UPetros Uphika UYesu

UPetros oyindoda enokholo nezinikeleyo, angamjikela njani uYesu?

ISAHLUKO 127

UYesu Usiwa KuPilato

Iinkokheli zenkonzo yamaYuda ziyayiveza eyona nto ziyifunayo.

ISAHLUKO 128

UPilato NoHerode Abafumani Tyala Kuye

Kutheni uPilato ethumela uYesu kuHerode ukuze amgwebe? Ngaba uPilato akanagunya lokumgweba uYesu?

ISAHLUKO 129

“Nantsi Le Ndoda!”

NoPilato uyazibona iimpawu ezintle zikaYesu.

ISAHLUKO 130

UYesu Uyanikelwa Aze Abulawe Esibondeni

Kutheni uYesu exelela abafazi abalilayo kuba bekhathazekile ukuba balilele bona nabantwana babo kunaye?

ISAHLUKO 131

UKumkani Ongenatyala Ubethelelwa Esibondeni

UYesu uthembisa utsotsi obethelelwe ecaleni kwakhe.

ISAHLUKO 132

“Ngokuqinisekileyo Lo Mntu EbenguNyana KaThixo”

Ubumnyama obuvela bube khona ngokungummangaliso, inyikima nokukrazuka kwekhethini yetempile kungqina ntoni?

ISAHLUKO 133

UYesu Uyangcwatywa

Kutheni kufuneka umzimba kaYesu ukhawuleze ungcwatywe lingekatshoni ilanga?

ISAHLUKO 134

UYesu Uyaphila!

Emva kokuba evusiwe, uYesu uqala aziveze kumfundi ongumfazi kunabapostile bakhe.

ISAHLUKO 135

UYesu Ovusiweyo Ubonakala Kubantu Abaninzi

UYesu ubanceda njani abafundi bakhe baqiniseke ukuba uvusiwe?

ISAHLUKO 136

Kunxweme LoLwandle LwaseGalili

UPetros ukhunjuzwa kathathu ngendlela anokubonisa ngayo ukuba uyamthanda uYesu.

ISAHLUKO 137

Ubonakala Kubantu Abaninzi Ngaphambi KwePentekoste

Phakathi kwexesha lokuvuswa kukaYesu nokunyukela kwakhe ezulwini, uxelela abafundi bakhe ngento abaza kuyifumana nendlela abamele bayisebenzise ngayo.

ISAHLUKO 138

UKristu Ngasekunene KukaThixo

UYesu wenza ntoni xa elinde ixesha lokoyisa iintshaba zakhe?

ISAHLUKO 139

UYesu Ubuyisa IParadesi

Usenomsebenzi omninzi ekufuneka ewenzile ngaphambi kokuba anike uTata wakhe uBukumkani.