ISAHLUKO 118
Baphikisana Ngokuba Ngubani Oyena Umkhulu
MATEYU 26:31-35 MARKO 14:27-31 LUKA 22:24-38 YOHANE 13:31-38
-
UYESU ULUMKISA NGOKUTHANDA IZIKHUNDLA
-
UYESU UTHI UPETROS UZA KUMPHIKA
-
ABALANDELI BAKAYESU BAMELE BATHANDANE
Kubusuku bokugqibela bukaYesu ekunye nabapostile bakhe, uhlambe iinyawo zabo kuba ebafundisa ngokuthobeka. Kutheni ibalulekile nje le nto? Kuba ikhona ingxaki abasenayo abapostile. Bayamthanda kakhulu uThixo kodwa basafuna ukwazi ukuba ngubani oyena mkhulu kubo. (Marko 9:33, 34; 10:35-37) Le ngxaki yabo iphinda ivele ngobu busuku.
Baqalisa ‘impikiswano eshushu phakathi kwabo, yokuba ngubani oyena mkhulu kubo.’ (Luka 22:24) Inoba uYesu uyakhathazeka xa ebabona bephinda bephikisana. Wenza ntoni?
Endaweni yokuba abangxolise uba nomonde aze athi kubo: “Ookumkani beentlanga babatsalisa nzima abantu, nabo balawula abantu bayanconywa kusithiwa bayanceda. Nina ke ze ningabi njalo. . . . Ngubani omkhulu phakathi kwalowo uhleli etafileni nalowo umlungiselela ukutya?” Ubakhumbuza ngomzekelo ebesoloko ebamisela wona athi: “Kodwa ndim olungiselela nina.”—Luka 22:25-27.
Nangona abapostile bengafezekanga, khange bamlahle uYesu naxa bekunzima. Ngenxa yaloo nto uthi: “Ndenza isivumelwano sobukumkani kunye nani, kanye njengoko uTata enze isivumelwano nam.” (Luka 22:29) La madoda ngabalandeli bakaYesu abathembekileyo. Uyabaqinisekisa ukuba ngenxa yesivumelwano asenze kunye nabo, baza kuba seBukumkanini baze balawule kunye naye.
Nangona abapostile beza kufumana eli thuba limangalisayo okwangoku basengabantu ibe abafezekanga. UYesu uthi kubo: “USathana ufuna ukunisefa njengengqolowa,” ethi saa xa isefwa. (Luka 22:31) Uphinda abalumkise athi: “Kobu busuku banamhlanje, nonke niza kundishiya, kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Ndiza kuhlasela umalusi, uze uthi saa umhlambi weegusha.’”—Mateyu 26:31; Zekariya 13:7.
UPetros uzithembile aze athi: “Nokuba bangakushiya bonke, soze mna ndikushiye!” (Mateyu 26:33) UYesu uyamxelela ukuba uza kuthi ungekakhonyi kabini umqhagi kobu busuku abe sele emkhanyele. Emva koko uthi: “Ndiye ndamcenga uThixo ukuba akuncede ungaphelelwa lukholo; emva kokuba uguqukile waza wabuya, uze womeleze abazalwana bakho.” (Luka 22:32) Kodwa uPetros uthi: “Nokuba kungafuneka ndife kunye nawe, soze mna ndikuphike.” (Mateyu 26:35) Batsho nabanye abafundi.
UYesu uthi kubo: “Sendiza kunishiya. Niza kundikhangela; kodwa njengokuba ndandithe kumaYuda, ‘Apho ndiya khona aninakuza,’ loo nto ndiyitsho nakuni. Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane. Nimele nithandane ngale ndlela nam ndinithande ngayo. Bonke baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam, ukuba niyathandana.”—Yohane 13:33-35.
Xa uPetros esiva ukuba uYesu uthi sele eza kubashiya, uyabuza athi: “Nkosi, uza kuya phi?” UYesu uthi: “Awunakukwazi okwangoku ukuya apho ndiya khona, kodwa uza kulandela.” UPetros uyabhideka aze athi: “Nkosi, kutheni ndingenakuya ngoku? Ndixolele ukukuncamela ubomi bam.”—Yohane 13:36, 37.
Ngoku uYesu uthetha ngexesha awayethuma abapostile bakhe esithi mabayokushumayela eGalili bangaphathi bhegi okanye umphako. (Mateyu 10:5, 9, 10) Uyababuza athi: “Ikhona na into enayidingayo?” Bathi bona: “Ayikho!” Kodwa bamele benze ntoni kwezi ntsuku zizayo? UYesu uthi: “Umntu onebhegi yemali neyomphako makayiphathe, nalowo ungenalo ikrele makathengise ngesambatho sakhe sangaphezulu aze alithenge. Kuba ndithi kuni, imele yenzeke into ebhaliweyo ngam kusithiwa, ‘Wabalwa naboni.’ Yiloo nto kanye eyenzekayo kum.”—Luka 22:35-37.
UYesu uthetha ngexesha aza kubethelelwa ngalo esibondeni kunye nabantu abenza izinto ezimbi. Emva koko abalandeli bakhe baza kutshutshiswa kakhulu. Baziva ngathi bayilungele yonke le nto izayo, bathi: “Jonga Nkosi! nanga amakrele amabini.” Uthi kubo: “Anele.” (Luka 22:38) Emva koko uYesu ubafundisa enye into ebalulekileyo xa omnye wabapostile esebenzisa elinye lala makrele.