ISAHLUKO 39
Siza Kuthi Shu Isizukulwana Esingakhathaliyo
-
UYESU UGXEKA EZINYE IZIXEKO
-
UFUNA UKUBAHLAZIYA ABANTU
UYesu uyamthanda uYohane umBhaptizi kodwa abanye abantu bona bamjonga njani? UYesu uthi: “Esi sizukulwana . . . sifana nabantwana abancinci abahleli kwiindawo ekuthengiswa kuzo abakhwaza abanye, besithi: ‘Sanidlalela ifleyiti, kodwa anizange nidanise; sakhala kakhulu, kodwa anizange nikhathazeke.’”—Mateyu 11:16, 17.
Uthetha ukuthini uYesu? Uyacacisa athi: ‘UYohane akatyi sonka, akaseli nawayini, kodwa abantu bathi, “Unedemon.” UNyana womntu yena uyatya, uyasela, kodwa abantu bathi, “Jongani! Le ndoda inyolukileyo, esoloko isela iwayini, nengumhlobo wabaqokeleli berhafu naboni.”’ (Mateyu 11:18, 19) UYohane ebephila ubomi obuqhelekileyo engumNaziri ibe ebengaseli wayini kodwa esi sizukulwana sithi unedemon. (Numeri 6:2, 3; Luka 1:15) Yena uYesu uphila njengabanye abantu. Uyatya ibe usela ngendlela efanelekileyo kodwa utyholwa ngokuzibaxa izinto. Njengabantwana abakwindawo ekuthengiswa kuyo, kubonakala ukuba soze ukwazi ukuvuyisa wonk’ umntu.
Esi sizukulwana uYesu usifanisa nabantwana abadlala kwiindawo ekuthengiswa kuzo, abangafuniyo ukudanisa xa abanye bebadlalela ifleyiti okanye bakhathazeke xa abanye bekhala kakhulu. Uthi: “Kodwa ubulumko bubonakala ngezenzo.” (Mateyu 11:16, 19) ‘Izenzo’ okanye izinto ezenziwa nguYesu noYohane zibonisa ukuba ezi zinto batyholwa ngazo zibubuxoki.
Emva kokuba uYesu egxeke esi sizukulwana singakhathaliyo, ugxeka isixeko saseKorazin, esaseBhethesayida nesaseKapernahum apho enze khona imimangaliso. Uthi ukuba le mimangaliso wayeyenze kwizixeko zamaFenike iTire neSidon, ezo zixeko ngezaziguqukile. Ugxeka neKapernahum le ebesoloko ehlala kuyo ixesha elininzi. Nakuyo, abantu abaninzi abazange babe nomdla. Uthi uYesu xa ethetha ngayo: “Niza kohlwaywa ngaphezu kweSodom ngeMini Yomgwebo.”—Mateyu 11:24.
Emva koko udumisa uTata wakhe, ‘ofihla iinyani ezixabisekileyo kwizilumko nezifundiswa,’ aze azityhilele abo bathobekileyo bafana nabantwana. (Mateyu 11:25) UYesu uyabamema aba bathobekileyo, uthi: “Yizani kum nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, ndiza kunihlaziya. Thathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndizolile, ndithobekile, ibe niza kuhlaziyeka. Kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ukhaphukhaphu.”—Mateyu 11:28-30.
UYesu ubahlaziya njani? Iinkokheli zenkonzo yamaYuda zicinezela abantu ngezithethe zazo ezibenza amakhoboka njengeSabatha eziyenze yanemithetho enzima. Kodwa uYesu uyabahlaziya ngokubafundisa inyani ngoThixo, ebakhululayo kwezo zithethe. Uhlaziya nabo baphethwe kakubi ngabo bakhokelayo kwiipolitiki nabo bakhathazwa kukuba nesono. UYesu ubabonisa indlela izono zabo ezinokuxolelwa ngayo baze babe seluxolweni noThixo.
Bonke abantu abayamkelayo idyokhwe kaYesu banokuzinikela kuThixo baze bakhonze uTata wethu osezulwini onobubele nenceba. Ukwenza loo nto ayingomthwalo kuba ayikho nzima imithetho kaThixo.—1 Yohane 5:3.