Mnikeni Uzuko UYehova
Dawunlowuda:
1. Uzukile Ow’ Yehova,
Uphakame kakhulu.
Undibonise uthando.
Ndingakwenzela ntoni na?
Xa ndijonga amazulu,
Ndibon’ amandla akho.
Xa ndingubani mna Thixo,
Ukuba ungandithanda?
(CHORUS)
Ow’ Yehova, ndiculela wena.
Ingoma yok’dumisa.
UnguThixo, unguKumkani wam,
Ndimele ndikukhonze;
Ufanelwe luzuko.
2. Ndiphilela wena Tata.
Ndifun’ ukuk’vuyisa.
Nd’zobalisa ngawe Thixo,
Nezinto ozenzileyo.
Ukukukhonza Yehova,
Kuye kundivuyise.
Ungamandla novuyo lwam.
Usolok’ undikhokela.
(CHORUS)
Ow’ Yehova, ndiculela wena.
Ingoma yok’dumisa.
UnguThixo, unguKumkani wam,
Ndimele ndikukhonze;
Ufanelwe luzuko.
3. Izint’ ozidalileyo,
Izulu kwanolwandle,
Ziye zindimangalise
Zibonis’ uthando lwakho.
Unobulumko namandla:
Uyasihoya Thixo.
Ndifanele ndik’zukise
Ngento yonk’ oyenzileyo.
(CHORUS)
Ow’ Yehova, ndiculela wena.
Ingoma yok’dumisa.
UnguThixo, unguKumkani wam,
Ndimele ndikukhonze;
Ufanelwe luzuko.
(Jonga iNdu. 96:1-10; 148:3, 7.)