Ndiyayazi Indawo Yam
1. Wonke umntu, ingathi kum,
Uyazazi ufunani.
Ndiyakwazi ok’hle nok’bi;
Nendawo yam ndiyayazi.
Kumnandi ukwazi apho
Ndifanele ndiye khona
Ndifumane abahlobo
Abaza kundikhuthaza.
(CHORUS)
Ndiqinsekile
Ndeyisekile.
Nguwe Yehova
Oyondinceda
Ndiyazi indawo yam.
2. Andithandabuzi uk’ba
Ndilapho bendifanele.
Ndiyayifunda. IBhayibhile.
Iyandinceda ukuba
Ndazi bafumaneka phi
Abahlobo bokwenene.
Balungile; basisipho
Endisinikwe nguThixo.
(CHORUS)
Ndiqinsekile
Ndeyisekile.
Nguwe Yehova
Oyondinceda
Ndiyazi indawo yam.