Siyavuya
Dowunlowuda:
1. Iinkwenkwezi ebusuku
Ziyaqaqamba.
Imini nobusuku
Uzenze zantle.
Izandla zakho zidale,
Umhlaba kunye nolwandle
Utsho uvuye.
(CHORUS)
Izidalwa ziyavuya,
Kuba ziza kusindiswa,
Zibe separadesi
Kuba ungutata wethu
Uza kuhlal’ usithanda.
Sakuvuyiswa nguwe
Thixo onothando.
2. Yehova, indalo yakho
Iyonwabisa—
Izinto ozenzileyo
Ziyahlaziya.
Ubuhle bendalo yakho,
Buchukumisa kakhulu,
Sitsho sivuye.
(CHORUS)
Izidalwa ziyavuya,
Kuba ziza kusindiswa,
Zibe separadesi.
Kuba ungutata wethu
Uza kuhlal’ usithanda.
Sakuvuyiswa nguwe
Thixo onothando.
(BRIDGE)
UYes’ usenze
Sonwaba ngokusifela.
Uncame ubomi bakhe
Ukuze sikhululeke.
(CHORUS)
Izidalwa ziyavuya,
Kuba ziza kusindiswa,
Zibe separadesi.
Kuba ungutata wethu
Uza kuhlal’ usithanda.
Sakuvuyiswa nguwe
Thixo onothando.
(CHORUS)
Izidalwa ziyavuya,
Kuba ziza kusindiswa,
Zibe separadesi.
Kuba ungutata wethu
Uza kuhlal’ usithanda.
Sakuvuyiswa nguwe
Thixo onothando.
(Funda neNdu. 37:4; 1 Kor. 15:28.)