“Ziyazodlula Iimuvi”
Nyaka ngamnye, amaNgqina KaYehova enza iividiyo zeendibano. Uninzi lwazo zenziwa ngesiNgesi. Abantu abangasithethiyo isiNgesi, baziva njani ezi vidiyo? Iividiyo ziye zirekhodwe ngezo lwimi ziza kuviwa ngabantu. Zibanceda njani abantu ezi vidiyo zirekhodiweyo?
Izinto Ezithethwa Ngabantu Ngeevidiyo Ezirekhodiweyo
Khawuve izinto ebezithethwa ngabantu abangengawo amaNgqina ebebekwiindibano ebeziseMexico nebezikuMbindi Merika:
“Khange ndiyiqonde nje la vidiyo, kodwa ibingathi ndikuyo. Indichukumisile.”—Umntu obekwindibano yesiPopoluca, eVeracruz, eMexico.
“Ibingathi ndisekhaya, ndincokola nomhlobo wam. Ziyazodlula iimuvi kuba akukho nto ndingayivanga.”—Umntu obekwindibano yesiNahuatl, eNuevo León, eMexico.
“Xa ndabukela ezi vidiyo ngolwimi lwam, yayingathi abantu abathetha kuzo bathetha nam.”—Umntu obekwindibano yesiChol, eTabasco, eMexico.
“Le ntlangano iyafuna ukunceda abantu bafunde ngolwimi lwabo. Ayikho intlangano efana nayo!”—Umntu obekwindibano yesiCakchiquel, eSololá, eGuatemala.
Ekubeni amaNgqina KaYehova engaqeshi iingcali eziqeqeshiweyo okanye abantu abaza kurekhoda ibe berekhoda kwiindawo ezikude nezisakhasayo, benza njani ukuze izinto abazirekhodayo zibe semgangathweni?
“Lo Ngowona Msebenzi Ndiwuthandayo”
Kwiindibano zika-2016, iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova yakuMbindi Merika yalungiselela ukuba kurekhodwe iividiyo zendibano ngeSpanish nangeelwimi eziyi-38. Ukuze kwenziwe lo msebenzi, kwancedisa abantu abayi-2 500. Abasebenza ngeekhompyutha zokurekhoda nabaguquleli barekhoda kwiofisi yesebe, kwiofisi yokuguqulela okanye kwezinye iindawo berekhodela kwizitudiyo zokwexeshana. Lilonke, abaguquleli barekhoda kwiindawo ezingaphezu kweziyi-20, eBelize, eGuatemala, eHonduras, eMexico nasePanama.
Kwasetyenzwa nzima ukuze kwenziwe ezi zitudiyo zokwexeshana. Kwasetyenziswa izinto ezikhoyo njengeengubo noomatrasi ukuze ingxolo ingangeni xa kurekhodwa.
Abantu abaninzi ababerekhoda babengenayo imali ibe zininzi izinto ekwakufuneka bezincamile ukuze baye kwistudiyo esikufutshane nabo. Kwakuthatha iiyure eziyi-14 ukuze abanye babo baye kufika! Omnye utata nonyana wakhe bahamba phantse iiyure ezisibhozo ukuze baye kufika estudiyo.
UNaomi ukhule encedisa abazali bakhe xa kusenziwa izitudiyo zokwexeshana. Uthi: Xa kwakuza kurekhodwa, yayisiba ngathi ayide ifike loo veki. Utata wayesebenza nzima ukuze zilunge izinto. Ngamanye amaxesha, umama wayedla ngokuphekela abantu abayi-30.” Ngoku uNaomi uncedisa kwiofisi yokuguqulela eseMexico. Uthi: “Indivuyisa kakhulu into yokusebenzisa ixesha lam ndinceda abantu bayiqonde eyona nto ithethwa yiBhayibhile ngolwimi lwabo. Lo ngowona msebenzi ndiwuthandayo.”
Iindibano zamaNgqina KaYehova zibakho nyaka ngamnye ehlabathini lonke ibe wonke umntu wamkelekile. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, jonga indawo ethi, IINDIBANO ZETHU ZENGINGQI.