Kuxelelwa Abantu Ngethemba EliseBhayibhileni EParis
NgoNovemba 30 ukuya kutsho ngoDisemba 12, 2015, bekukho iNkomfa YeZizwe Ezimanyeneyo engokutshintsha-tshintsha kwemozulu. Iindwendwe ezisuka kumazwe ayi-195 bezidibene eParis, eFrance, ukuze zithethe ngeendlela zokunciphisa izinto ezenziwa ngabantu ezibangela kutshintsha-tshintshe imozulu. Abantu abaphantse babe yi-38 000, kuquka amagosa karhulumente, oososayensi, iingcali zobume bendalo nabaphathi bamashishini bebekho kule nkomfa. Abanye abantu abaninzi bebeye kwindawo ekufutshane efundisa ngokutshintsha-tshintsha kwemozulu ukuze bafunde okungakumbi ngale nto.
Nangona amaNgqina KaYehova ebengekho kule nkomfa, nawo ayixhalabele indalo. Amaninzi kuwo ebekwiphulo elikhethekileyo eParis lokuxelela abantu ngethemba eliseBhayibhileni lokuphila kumhlaba ococekileyo.
Kwimoto elalikhwele kuyo, elinye iNgqina lancokola nendoda yasePeru eyayinxibe iimpahla ezinxitywa ngabantu basePeru. Le ndoda yathi nangona isempilweni ibe ihlala kwintaba entle, inexhala lokuba umhlaba uza kuya usonakala. Yaba nethemba emva kokuba incokole neli Ngqina ibe loo nto yayibonakala kuncumo lwayo. Yathatha ikhadi elibonisa indlela yokungena ku-www.dan124.com.
AmaNgqina amabini ancokola nososayensi waseMerika awayekhwele naye etreyinini. Wothuswa kukuva ukuba amaNgqina KaYehova afumana iimbasa ezimbini zokwakha ngendlela engayonakalisiyo indalo, ngenxa yezakhiwo zawo ezibini eziseWallkill, eMerika. Naye walithatha ikhadi elibonisa indlela yokungena ku-www.dan124.com.
Abantu abaninzi bamangaliswa kukubona indlela amaNgqina ayikhathalele ngayo indalo ibe bathembisa ukuba baza kungena kwiwebhsayithi yethu. Enye inkosikazi yaseKhanada yeva ukuba xa ayesakha ikomkhulu lawo elitsha eWarwick, eNew York, amaNgqina KaYehova azama ukukhusela iindlwana zeentaka ezazilapho. Yathi: “Ngaphambi kokuba ndilwele indalo ndandifunda ngeentaka. Bendingayazi ukuba amaNgqina KaYehova azikhathalele kangaka izilwanyana zasendle. Ndiza kuzifunda iincwadi zenu ndingene nakwiwebhsayithi yenu ukuze ndifunde ngani!”