JULAYI 11, 2019
EGrisi
EAthens, eGrisi—2019 “Uthando Soze Luphele”! Indibano Yezizwe Ngezizwe
Usuku: Julayi 5-7, 2019
Indawo: EAthens Olympic Stadium, esiseAthens, eGrisi
Iilwimi Ebiqhutywa Ngazo Indibano: IsiAlbania, isiNgesi, isiGrike, intetho yezandla yesiGrike, isiRomany (sasemzantsi Grisi), isiRashiya
Abantu Ababekhona: 36 873
Abantu Ababhaptiziweyo: 406
Iindwendwe Ezisuka Kwamanye Amazwe: 6 000
Iindawo Ezimenyiweyo: IAlbania, iArmenia, iAustralasia, iBulgaria, iCentral America, iCentral Europe, iFiji, iJapan, iKyrgyzstan, iNorth Macedonia, iTurkey, iMerika
Izinto Ezathethwa Ngabantu Basekuhlaleni: Umntu onceda abantu abakhenkethayo wathi: “Ndiwenze iminyaka emininzi umsebenzi wokunceda abantu abakhenkethayo, zange naphi na ndayibona indlela entle nenocwangco yokunceda abantu abakhenkethayo. Ndiye ndanibukela izolo ibe khange ndiyikholelwe into ebendiyibona. Nidibanise abantu abayi-2 600 kwiyure nje ezimbalwa ngendlela ebhetele kakhulu kunaleyo ebiza kwenziwa ngabantu abawufundeleyo lo msebenzi. Kodwa eyona nto imangalisayo luncumo lwenu. Ndikholelwe xa ndisithi, kudala ndisenza lo msebenzi futhi ndiyayazi xa umntu encuma kuba sisebenzisana kunye naxa encuma nyhani. Nina benincuma nyhani.”
Abanye babantu abangaphezu kwe-4 000 abebencedisa kwindawo ebiza kuba nendibano
Abantwana nolutsha olwamkela iindwendwe eGrisi
Omnye kwabayi-406 ababhaptiziweyo
Oodade abakwicala lesiRomany bayafotwa. Le yindibano yezizwe ngezizwe yokuqala eGrisi kukho nolwimi lwesiRomany
Iindwedwe zishumayela nabazalwana noodade basekuhlaleni
Iindwendwe zibuka amabhodlo akudala aseGrisi
Idrama yeBhayibhile eye yenziwa ebonisa uMpostile uPawulos eshumayela eGrisi
Abazalwana noodade benzela iindwendwe umdaniso owaziwayo ekuthiwa yiSyrtaki
Udade udlala ibouzouki yamaGrike
Iindwendwe zifunda amagama esiGrike
UMzalwan’ uDavid Splane, weQumrhu Elilawulayo, uvala usuku lwesithathu lwendibano ngentetho yeBhayibhile eguqulelwe ngesiGrike
Abazalwana noodade abakwinkonzo yexesha elizeleyo ekhethekileyo bayabhabhayisa ngosuku lokugqibela lwendibano