NOVEMBA 4, 2014
EGrisi
Ushwankathelo LweNdibano YeZizwe Ngezizwe: AmaNgqina KaYehova Ahlanganisana Kwibala Leeolimpiki LaseGrisi
EATHENS, eGrisi—NgoJuni 27-29, 2014, amaNgqina kaYehova ebeneNdibano Yezizwe Ngezizwe enomxholo othi, ‘Qhubeka Ufuna Kuqala UBukumkani BukaThixo!’ kwibala leeOlimpiki eAthens. Bekuze abantu abayi-35 863. Ezinye iinxalenye zocwangciso zazibukelwe kwividiyo ngabantu abayi-3 093 eBelgium naseCyprus, nto leyo eyenza xa bebonke abantu abezileyo babeyi-38 956.
Iindwendwe ebezizile, zisuka eCroatia, eHungary, eKorea, eRomania, eMzantsi Afrika, eTurkey naseMerika. UChristina Michail umphathi webala uthi: “Bekumnandi ukubona iintlanga ezahlukahlukeneyo, ezisuka kumazwe ngamazwe zihleli kunye, zifota; ibe ndithande nobubele ebezibonisana bona . . . Iye yaphawuleka loo nto. Zange sayibona into enje kweli bala. Sidla ngokuba nabantu bebhola abadla ngokuzenza izinto ngendlela eyahlukileyo; yiloo nto sikuvuyela kangaka ukubona into enje.”
Isithethi seofisi yesebe yamaNgqina kaYehova uRobert Kern songezelela ngelithi: “Siye safumana iileta ezininzi ezibulela ngocwangciso nangethuba lokuba kunye nabazalwana abasuka kwiindawo ngeendawo. Bekumnandi kakhulu ukuba kunye nabazalwana bethu abasuka kwamanye amazwe kwesi sihlandlo singasoze silibaleke.”
Fowunela:
UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000
EGrisi: UBabis Andreopoulos, tel. +30 210 617 8606