Yiya kwinkcazelo

NOVEMBA 22, 2017
EITALY

Iimbacu Zamkelwe NgamaNgqina KaYehova Kweyona Nkampu Inkulu Ezihlala Kuyo EYurophu

Iimbacu Zamkelwe NgamaNgqina KaYehova Kweyona Nkampu Inkulu Ezihlala Kuyo EYurophu

EROME—Eyona ndawo inkulu zihlala kuyo iimbacu eYurophu ikwidolophu yaseMineo (eCara di Mineo), ekwisiqithi iSicily, esiseItali. Abantu abaninzi abasuka kumazwe angaphezu kwayi-40 njenge-Eritrea, eNigeria, eSomalia naseSyria babalekele kule nkampu kuba befuna ukuhlala kwindawo ekhuselekileyo.

Kangangeminyaka emihlanu edlulileyo, amaNgqina KaYehova ebesiya kule nkampu (ikumfanekiso ongasentla) ukuze afundise abantu abanomdla iBhayibhile. Isebe laseCara di Mineo, liye lalungiselela ukuba kubekho ibhasi ekhwelisa abantu abayi-50 ukuze iimbacu ezifuna ukuya kwindawo akhonza kuyo amaNgqina ziye, ibe ukususela ngoko, iimbacu ezininzi ziyaya kwiHolo YoBukumkani (indawo akhonza kuyo amaNgqina) veki nganye. UIvana Galanti, olisekela-mphathi kwinkampu eseCara di Mineo uthe xa ethetha ngendlela asebenzisene ngayo namaNgqina KaYehova: “Ndiwabulela kakhulu amaNgqina ngomsebenzi wawo nasaqhubeka ewenzela iindwendwe zethu. Ndicinga ukuba iimbacu ziyakuvuyela ukwamkelwa kangaka ngamaNgqina KaYehova, kuba zihlala kwindawo ezingayiqhelanga ibe zibaleke iimeko ezimbi nalapho zisuka khona.”

UHumphrey Osagiede washiya iNigeria, wawela iLibya waza wafika ngo-2011 kwinkampu yaseCara di Mineo. Ngoku uliNgqina likaYehova elihlala ePalermo, eItali.

UHumphrey Osagiede, indoda yaseNigeria efike ngo-2011 enkampini, yaqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina yaza yabhaptizwa ngoNovemba 23, 2014. Uthi: “IBhayibhile yabutshintsha ubomi bam. Ndayeka ukusebenzisa iziyobisi nokuziphatha kakubi. Xa ndandifika, amaNgqina andinceda ndasondela kuThixo aza andinceda nangezinye izinto. Ndibulela nabaphathi benkampu abenze ilungiselelo lebhasi ukuze sikwazi ukuya kukhonza namaNgqina KaYehova.” UMnumzan’ uOsagiede ohlala aze aphinde asebenze ePalermo, eItali, uyakuthanda ukuxelela abantu kuquka neembacu ngezinto eziseBhayibhileni ezamncedayo naye.

UChristian Di Blasio, osisithethi samaNgqina KaYehova eItali uthi: “Owona msebenzi wethu kukunceda abantu bakwazi oko kufundiswa yiBhayibhile. Ukusebenzisana nabantu abasebenza kwinkampu eseCara kubangele iimbacu zancedakala zizinto ezizifunde eBhayibhileni ibe bebefundiswa ngezinto ebebedinga ukuziva.”

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EItali: UChristian Di Blasio, +39-06-872941