Yiya kwinkcazelo

EJamani

 

2017-12-04

EJAMANI

AmaNgqina KaYehova AseJamani Afumene Imvume Esemthethweni Yokukhonza Ngokukhululekileyo

Emva kweminyaka engaphezu kweyi-26, amaNgqina KaYehova aseJamani avunyelwe ukuba akhonze ngokukhululekileyo njengezinye iinkonzo ezinkulu zaseJamani

2017-04-19

EJAMANI

Iinkundla ZaseJamani Zijonga Iindibano ZamaNgqina KaYehova Njengeeholide Zonqulo

Iinkonzo zamaNgqina KaYehova ezibakho minyaka le zijongwa njengeeholide zonqulo ibe zivumela abazali basebenzise ilungelo labo lokufundisa abantwana babo ngoThixo.

2015-12-22

EJAMANI

Abasemagunyeni Bathwesa Imbasa Utata Nonyana Ngokusindisa Amadoda Amathathu Kwimoto Evuthayo

INgqina likaYehova uAndreas Bonk, nonyana wakhe uJorim bathweswa iimbasa ngenxa yesibindi ababa naso nokucingela abanye abantu.

2014-09-25

EJAMANI

Isikhumbuzo SaseSachsenhausen Sokukhumbula INgqina LikaYehova Elabulawa NgamaNazi

NgoSeptemba 16, 2014, iBrandenburg Memorials Foundation iza kuba nomsitho wokukhumbula iminyaka eyi-75 wabulawayo uAugust Dickmann kwinkampu yoxinaniso yaseSachsenhausen. Wayengumntu wokuqala ukungavumi ukuya emkhosini ngenxa yesazela sakhe owabulawa ngamaNazi eJamani kwiMfazwe Yehlabathi II.

2014-05-15

EJAMANI

URichard Rudolph, Owayevalelwe Kwiinkampu Zoxinaniso, Uswelekele EJamani Ena-102

URichard Rudolph liNgqina elanyamezela iminyaka engaphezu kweyi-19 lithothoza ezintolongweni zamaNazi nezamaKomanisi ngenxa yeenkolelo zakhe.

2015-02-20

EJAMANI

Kutyhilwa Ilitye Lesikhumbuzo LeNgqina Elasinda Ekubulaweni Kabuhlungu EJamani

Yintoni eyanceda uMax Liebster, omnye wamaNgqina kaYehova, anyamezele iminyaka emihlanu kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi.

2013-06-10

EJAMANI

INgqina LikaYehova Linikwa Imbasa EJamani

UMathilde Hartl wanikwa imbasa, isipho esikhulu yiNkulumbuso yaseBavaria esinikwa abantu abazinikeleyo.