Yiya kwinkcazelo

APRILI 29, 2016
EJAPAN

Inyikima EJapan

Inyikima EJapan

NgoAprili 14 nangomhla we-16, ku-2016, iinyikima ezimbini ezinkulu zantlitha isiqithi saseKyushu kumazantsi eJapan. Zombini ezi yayiziinyikima ezinobukhulu obungafaniyo. Emva koko konakala iindawo ezininzi. Angaphezu kwama-70 amabandla amaNgqina kaYehova akwindawo eyantlithwa zezi nyikima kodwa akho nalinye kuwo elaswelekayo okanye elonzakaliswa zezi nyikima. Noko ke, amakhaya angama-70 ala maNgqina aba ngamabhodlo ibe ali-17 atshabalala. Kuba iindawo ezininzi zaziqhubeka zisonakala ngenxa yokuntlithwa zezi nyikima, amaNgqina angaphezu kwangama-400 afuduselwa kwiiHolo zoBukumkani okanye iindawo zokunqulela apho babenokulala khona baze bafumane nokutya. Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eJapan iye yalungiselela ukuba ikomiti yamavolontiya anamava kumsebenzi wokwakha incede abo baye bachaphazeleka.

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EJapan: UIchiki Matsunaga, tel. +81 46 233 0005