Yiya kwinkcazelo

JULAYI 20, 2017
EJAPAN

Imvula Enkulu Ibangele Izikhukula EKyushu, EJapan

Imvula Enkulu Ibangele Izikhukula EKyushu, EJapan

NgoJulayi 5, 2017 emva kweNkanyamba uNanmadol kumazantsi eJapan, kwabakho imvula enkulu ebingalindelekanga eKyushu, isiqithi sesithathu ngobukhulu kwelo lizwe, nto leyo eyabangela izikhukula nodaka oluninzi ibe kwanyanzeleka ukuba abasemagunyeni bayalele abantu abangaphezu kwabayi-430 000 ukuba bemke kuloo mmandla. Le mvula inkulu yanetha ngaphezu kweeyure eziyi-12. Ngokutsho kweengxelo zakutshanje, sithethanje bayi-34 abantu abaswelekileyo. Eyona ndawo intlithwe kakhulu ziiofisi zaseFukuoka, umntla weKyushu.

Akukho maNgqina KaYehova aswelekileyo okanye onzakele kakhulu, kodwa izindlu zawo ezininzi zonakalisiwe yile Nkanyamba. Amabandla amaNgqina KaYehova akufutshane ayencedisa ekuziseni izinto ezidingwa ngabazalwana babo.

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EJapan: UIchiki Matsunaga, +81-46-233-0005