Yiya kwinkcazelo

JANUWARI 27, 2015
EKAZAKHSTAN

AmaNgqina Akhulula IBhayibhile Entsha YesiKazakh Kwindibano Nakwiofisi Yesebe

AmaNgqina Akhulula IBhayibhile Entsha YesiKazakh Kwindibano Nakwiofisi Yesebe

UGerrit Lösch weQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova ukhulula iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele yesiKazakh

EALMATY, eKazakhstan—kukhululwe iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele yesiKazakh, kwindibano yamaNgqina KaYehova ebingoSeptemba 26-28, 2014. Bonke abebekho abayi-3 721 baye bayifumana le Bhayibhile intsha.

UGqr. Alexander Garkavets, oyingcali yembali yolwimi lwesiTurkic, uveze uluvo lwakhe ngeNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele yesiKazakh: “Nangona kungeyondlwan’ iyanetha ukuguqulela izibhalo ezingcwele ngesiKazakh, abaguquleli bamaNgqina benze umsebenzi omhle kakhulu. Iyancomeka indlela abaye baveza ngayo iindlela ezintsha zokuguqululela amagama athile olwimi lwasemzini ngesiKazakh. INguqulelo Yehlabathi Elitsha ibhalwe ngendlela ekuthethwa ngayo ngoku, nto leyo eyenza kube lula ukuyiqonda kubantu bonke.”

Ukubukwa kwesebe: AmaNgqina anika abebekho ukutya.

Kwiveki elandela eyendibano, ngo-Oktobha 3, iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova eKazakhstan imeme abantu ukuba baze kubuk’ isebe yaza yababonisa neBhayibhile entsha yesiKazakh. Isitishi seendaba saseKazakhstan iRadio Azattyq sithe: “Bekukho abasemagunyeni baseAlmaty, uMnu. uNurzhan Zhaparkul, abameli beofisi yozakuzo, izifundiswa kwezonqulo nabanye.” UMnu. uZhaparkul uthe, “AmaNgqina KaYehova aye asamkela ngezandl’ ezishushu kwesi siganeko besibanjelwe kwiofisi yesebe lawo eAlmaty. Simele silincome eli phulo njengoko liluncedo kumsebenzi wethu.”

UNurzhan Zhaparkul (phakathi), umphathi kwiSebe Lemicimbi Yonqulo, namanye amagosa eKomiti Yemicimbi Yonqulo abuka isebe lamaNgqina KaYehova.

Kukhutshwe izimemo zokuya kubuka iofisi yesebe eAlmaty.

Isithethi samaNgqina KaYehova aseKazakhstan, uPolat Bekzhan, sithe: “Bekumnandi nyhani ukubona abantu beze ngobuninzi babo kwindibano yalo nyaka nendlela abaye bayithanda ngayo iBhayibhile yesiKazakh. Izalisekile injongo yethu yokuba sinike amagosa karhulumente, oonondaba nabahlali ilungelo lokuza kubuka isebe lethu nokuqhelana namaNgqina KaYehova.”

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Kazakhstan: Polat Bekzhan, tel. +7 727 232 36 62