Yiya kwinkcazelo

DISEMBA 30, 2013
EKYRGYZSTAN

Inkundla YaseKyrgyzstan Iwisa Isigwebo Esivuyisa AmaNgqina

Inkundla YaseKyrgyzstan Iwisa Isigwebo Esivuyisa AmaNgqina

EBISHKEK, eKyrgyzstan—NgoNovemba 19, 2013, iSigqeba Somgaqo-siseko seNkundla Ephakamileyo yaseKyrgyzstan siye savumelana ngazwi-nye ngelokuba imisebenzi ebekelwe abantu abangafuniyo ukuya emkhosini ngenxa yeenkolelo zabo ayikho semthethweni ibe ilwisana nenkululeko yonqulo. Le Nkundla iye yayalela urhulumente ukuba enze utshintsho kumthetho weli, ukuze abo bangafuniyo ukuya emkhosini ngenxa yeenkolelo bakwazi ukwenza imisebenzi engalawulwa ngumkhosi.

Ngo-2009, iKyrgyzstan yamkela umthetho onika abantu ilungelo lokungayi emkhosini kunoko basebenzele ilizwe. Yacaca into yokuba le misebenzi nayo iphantsi komkhosi. Abo babesenza le misebenzi babephethwe ngabantu abasebenzela umkhosi, abanye bayalelwa ukuba bakhuphe imali eyayiza kuwuxhasa. Emva kokugqiba ixesha labo besebenza, babesiya emkhosini. Ngenxa yeso sizathu, amaNgqina kaYehova ala ukwenza le misebenzi, loo nto yabangela ukuba arhuqelw’ ezinkundleni.

Isigwebo esawiswa ngoNovemba senza kwacaca ukuba amaNgqina anezizathu ezibambekayo zokungavumi ukuyenza le misebenzi ibe ayengengomavila onqena ukwenza iinkonzo amele azenzele ilizwe lawo. INkundla yafumanisa nento yokuba amaNgqina awanangxaki yokwenza imisebenzi engaphethwanga ngumkhosi. Ngenxa yotshintsho olwenziweyo kumthetho, kulindeleke ukuba onke amatyala abandakanya amaNgqina axoxwe ngokutsha ukuze ahambelane notshintsho.

Isithethi samaNgqina kaYehova eKyrgyzstan, uKhamit Iskakov, uthi: “Oku kuza kucombulula ingxaki yemisebenzi eyenziwa ngabo bangafuniyo ukuya emkhosini, esi sigwebo siza kunceda ekuboniseni abasemagunyeni baseKyrgyzstan ukuba amaNgqina kaYehova akho ehlabathini lonke ibe ayahlonitshwa.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EKyrgyzstan: uKhamit Iskakov, tel. +996 770 778 885