OKTOBHA 1, 2021 | INGXELO: AGASTI 29, 2023
ERASHIYA
INGXELO—ABAZALWANA ABAGWETYIWEYO | Abazalwana Abahlanu Bazimisele Ukunyamezela Nangona Betshutshiswa
NgoAgasti 28, 2023, iNkundla YasePromyshlenniy eOrenburg igwebe uMzalwana uVladimir Kochnev, uVladislav Kolbanov, uPavel Lekontsev, uSergey Logunov, noNikolay Zhugin. Aba bazalwana bafumene isigwebo sokuvalelwa ixesha eliphakathi kweminyaka emini neenyanga eziyi-6, neminyaka emithathu neenyanga eziyi-6. Okwangoku, abazukuvalelwa.
Amaxesha
NgoMatshi 1, 2021
Emva kokuba kugqithe unyaka ityala libuyiselwe kumtshutshisi, liphinde labuyiselwa kwiNkundla yasePromyshlenniy eOrenburg
NgoJanuwari 14, 2020
Eli tyala laye labuyiselwa kumtshutshisi kuba le nto babetyholwa ngokuba bayayenza abazalwana yayingavakali ncam
NgoAgasti 3, 2018
Emva kweentsuku eziyi-79, uVladimir wakhululwa waza wayokuvalelwa kwikhaya lakhe
NgoMeyi 16, 2018
Abasemagunyeni bagqogqe amakhaya eentsapho eziyi-19 kummandla waseOrenburg. Umzalwana uVladimir noVladislav basiwa kwindawo ekuvalelwa kuyo abantu okwexeshana. Emva kweentsuku ezintathu, uVladislav wakhululwa waza wayokuvalelwa kwikhaya lakhe
NgoMeyi 14, 2018
IKomiti yaseRashiya kummandla waseOrenburg ivule ityala labazalwana abayi-5
Ubomi Babo
Nangona sekuyiminyaka engaphezu kwemithathu liqalile eli tyala laba bazalwana ngenxa yezinto abazikholelwayo, kuyabonakala ukuba bazimisele ukuhlala bethembekile kuYehova. Icacile ukuba uYehova usoloko ebaxhasa.—2 Samuweli 22:26.