NGO-JANUWARI 13, 2022
ERASHIYA
Ukuthembela NgoYehova Kunceda Umzalwana uYevstigneev Ahlale Ethembekile
Izinto Ezenzekileyo
Inkundla yaseNizhny Novgorod ekuthiwa yiLeninskiy iza kuchaza isigqibo sayo kwityala likaMzalwana uKirill Yevstigneev. Umtshutshisi akakasichazi isohlwayo afuna sifunyanwe nguMzalwana uYevstigneev.
Ngo-Oktobha 8, 2021
Ityala lokwaphula umthetho laqalisa. UKirill wathi xa ecacisa, bebeyokuzonwabela nje bebengadibanelanga ukukhonza
Ngo-Agasti 24, 2021
Abasemagunyeni bayalela uKirill abe neendawo angayiyo kuzo
Ngo-Septemba 2, 2020
UKirill watyholwa “ngokubhatalela abantu abenza umsebenzi oyingozi” kuba nguye owabhatala imali yokurenta indawo ababedibene kuyo
Ngo-Julayi 11, 2019
Abasemagunyeni bazama ukutshutshisa uKirill kuba inguye osayine isivumelwano sendawo ababedibene kuyo. Bagqogqa nendlu yakhe
Ngo-Juni 4, 2019
Abasemagunyeni baqalisa ukuphanda nangabanye abantu ngenxa yoku kudibana, kodwa zange batsho ukuba ngoobani abaphanda ngabo
Ngo-Aprili 2019
UKirill namanye amaNgqina kaYehova aseNizhny Novgorod barenta indawo ababeza kudibana kuyo ukuze bonwabe
Iinkcukacha
Sitsho siqhubeke simthemba uYehova xa sisiva ngesibindi sikaKirill, umfazi wakhe, nabanye abazalwana noodade abatshutshiswayo eRashiya naseCrimea.—Filipi 1:13, 14.