Yiya kwinkcazelo

NOVEMBA 21, 2014
EUKRAINE

Inkcazelo Eyongezelelekileyo: AmaNgqina KaYehova Anceda Abantu Abaninzi EUkraine

Inkcazelo Eyongezelelekileyo: AmaNgqina KaYehova Anceda Abantu Abaninzi EUkraine

ELVIV, eUkraine—AmaNgqina kaYehova ahlal’ enceda amanye amaKristu athwaxwa yimfazwe kummandla okwimpuma yeUkraine.

AmaNgqina amalunga nayi-7 500 aye abaleka imfazwe, ibe aphantse abe yi-4 000 anyamekelwa ziikomiti ezincedayo ezisixhenxe ezilungiselelwe yiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eLviv. Amaxhoba aseleyo athathwe zizalamane namaNgqina aseUkraine naseRashiya. Ezinye iikomiti zokunceda ezintandathu zinyamekela amaNgqina angaphezu kwayi-17 500 asekulo mmandla wemfazwe.

Iibhombu zatshabalalisa izindlu eziliqela zamaNgqina, kuquka le ikwilali yaseSemenivka, kummandla weDonetsk.

Isebe laseLviv lithe kusweleke kusweleke amaNgqina amathandathu okoko iqalile imfazwe. Elinye iNgqina laseKramatorsk lasweleka ngoJuni 17, 2014, xa kwadubula ibhombu ecaleni kwemoto elalikuyo. Kwakhona le bhombu yasuba ubomi bamanye amaNgqina amahlanu ahlala eDonetsk, eSloviansk, eRozkishne naseLuhansk.

Iofisi yesebe iye yanceda ekuphindeni kwakhiwe iindawo zokunqulela namakhaya amaNgqina.

AmaNgqina alungisa uphahla lwendlu kwisixeko saseSloviansk.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EUkraine: UVasyl Kobel, tel. +38 032 240 9323