FEBRUWARI 13, 2015
EUKRAINE
Ukuthinjwa KweeHolo ZoBukumkani ZamaNgqina KaYehova KwiNgingqi YaseDonetsk NeyaseLuhansk EUkraine
INgingqi YaseDonetsk
EHORLIVKA—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngamajoni avukelayo.
Ekupheleni kukaJuni 2014, amadoda axhobileyo aqhekeza iHolo yoBukumkani aza eba izixhobo ze-elektroniki batshintsha nezitshixo. Ayenza indawo yawo yokuhlala.
EHORLIVKA—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngamajoni avukelayo.
NgoJulayi 5, 2014, amadoda axhobileyo athimba iHolo yoBukumkani. Ahlala kuyo aza agcina neziqhushumbisi kuyo kodwa ngoSeptemba 2014 avela ayishiya. AmaNgqina abuya aza ayisebenzisela ukuhlanganisana ukuze anqule.
Ngo-Oktobha 12, 2014, amadoda axhobileyo aphazamisa iintlanganiso aza axelela ababelapho ukuba mabayeke ukunqula. Athi unqulo lobuOthodoki lulo lodwa olwamkelekileyo kulo ngingqi yaye kungekudala aza kuwacim’ igama amaNgina kaYehova. La madoda ahlala kuyo le Holo yoBukumkani.
EDONETSK—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngamajoni avukelayo.
NgoAgasti 13, 2014, amadoda axhobileyo aqhekeza iHolo yoBukumkani aza ahlala kuyo.
NgoAgasti 19, 2014, la madoda aba izixhobo zesandisi-lizwi aza emka. AmaNgqina abuya aza ayisebenzisela ukuhlanganisana ukuze anqule.
Ngo-Oktobha 18, 2014, emva kweentlanganiso zonqulo, abameli beFourth Oplot Battalion baya eHolweni yoBukumkani baza baxelela amaNgqina awayelapho ukuba ayayithimba.
NgoNovemba 18, 2014, amadoda axhobileyo anyanzela amaNgqina ukuba asayine iimpepha ezithi iHolo yoBukumkani yeyoMphathi weOfisi yeNqila yasePetrovskyi neyaseKirovskyi, aza la madoda ahlala kuyo.
EHORLIVKA—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngabantu abangekho semkhosini.
NgoSeptemba 30, 2014, kwinkqubo yeTV kwabakho undliwano-ndlebe kunye nomnini omtsha weHolo yoBukumkani, owathi ithinjwe kumaNgqina kaYehova ukuze ibe sisikolo sokufundisa amanqindi. Ukususela ngo-2013, le Holo yoBukumkani ibisoloko isonakaliswa yaye itshiswa. Isihlandlo sokugqibela abazama ukuyitshisa ngaso sasingoJuni 5, 2014.
EDONETSK—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngamajoni avukelayo.
Ngo-Oktobha 26, 2014, amadoda axhobileyo eShakhtar Battalion akwiRiphabliki yaseDonetsk aqhekeza iHolo yoBukumkani aza ahlala kuyo.
EZHDANIVKA—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngamajoni avukelayo.
Ngo-Oktobha 27, 2014, lithobela umyalelo womphathi, iqela lamadoda axhobileyo aseHorlivka athimba iHolo yoBukumkani. ISekela Mphathi laseHorlivka lathi unqulo lobuOthodoki lulo lodwa olwamkelekileyo kulo ngingqi naluphi na olunye unqulo alwamkelekanga.
NgoNovemba 21, 2014, umphathi weqela elixhobileyo wathimba iHolo yoBukumkani waza waxelela amaNgqina kaYehova ukuba uza kuyinikezela kwabo baphantsi kwakhe.
ETELMANOVE—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngamajoni avukelayo.
NgoNovemba 4, 2014, amadoda axhobileyo aqhekeza isakhiwo aza asigcina phantsi kokhuseleko lwawo.
NgoDisemba 11, 2014, la madoda eza neziqhushumbisi aza ahlala kweso sakhiwo.
EMAKIIVKA—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngamajoni avukelayo kodwa ayishiya kamva.
NgoNovemba 5, 2014, amadoda axhobileyo eRus Battalion aqhekeza iHolo yoBukumkani. Ayalela amaNgqina ukuba awanike izitshixo zeholo aze angaphinde abuye. Ngosuku olulandelayo, isekela mphathi lasusa umbhalo othi iHolo yoBukumkani laza endaweni yalo labeka iflegi yomkhosi wamajoni.
NgoNovemba 26, 2014, lo mkhosi wasishiya eso sakhiwo.
EHORLIVKA—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngamajoni avukelayo kodwa ayishiya kamva.
NgoNovemba 29, 2014, amadoda axhobileyo angena kwiHolo yoBukumkani aza axelela amaNgqina awaye lapho ukuba ayayithimba. Omnye wawo wawaxelela ukuba urhulumente weRiphabliki yaseDonetsk uvumela amaOthodoki odwa ukuba anqule kulo ngingqi. Loo madoda asigcina esi sakhiwo exhobile yaye zange awavumele ukuba amaNgqina abuye. Ngosuku olulandelayo, asishiya eso sakhiwo.
EZUHRES—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngamajoni avukelayo.
NgoDisemba 20, 2014, umphathi wedolophu wathi uyasithimba eso sakhiwo. Waza wayalela amaNgqina kaYehova ukuba amnike izitshixo aze angaphinde abuye.
EDONETSK—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngamajoni avukelayo.
NgoFebruwari 1, 2015, amadoda axhobileyo angena kwiHolo yoBukumkani. Anyanzelisa amaNgqina ukuba awanike izitshixo nokuba asayine iimpepha ezithi iHolo yoBukumkani yeyamajoni avukelayo ngexesha lemfazwe.
EYENAKIEVE—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngamajoni avukelayo.
NgoMatshi 3, 2015, amadoda axhobileyo anyanzelisa amaNgqina ukuba awanike izitshixo zeHolo yoBukumkani ukuze ahlale kuyo.
Ingingqi YaseLuhansk
EANTRATSYT—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngabantu abangekho semkhosini.
NgoSeptemba 2014, abantu abangaziwayo baqhekeza iHolo yoBukumkani kabini. Baba izixhobo ze-elektroniki baza babhala eludongeni bathi, “AmaOthodoki angamalungu eCossack!”
NgoSeptemba 25, 2014, inkqubo yeTV yathi iiHolo zoBukumkani zamaNgqina kaYehova zithinjiwe ukuze zisetyenziselwe ezinye izinto, nje ngendawo yokugcina nokufundisa abantwana abancinci.
EROVENKY—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngamajoni avukelayo.
NgoSeptemba 23, 2014, amadoda axhobileyo omkhosi waseSt. George aqhekeza iHolo yoBukumkani, awawavumela amaNgqina ukuba aphinde abuyele kuyo aza wona aqhubeka ehlala kuyo.
EPEREVALSK—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngamajoni avukelayo.
NgoNovemba 5, 2014, kwafika amadoda axhobileyo ekhokelwa liSekela Mphathi weOfisi Yasemkhosini aza axelela amaNgqina awayelapho ukuba ayasithimba isakhiwo ukuze asenze indawo yokutyela. Eli sekela mphathi lathi, “Kuphelile ngamaNgqina kaYehova.” Laza lawaxelela ukuba awasoze aphinde akwazi ukwenza nantoni na ephathelele unqulo lwawo.
EKRASNYI LUCH—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngamajoni avukelayo.
NgoDisemba 5, 2014, amadoda axhobileyo aqhekeza iHolo yoBukumkani. Aqhubeka ehlala kuyo exhobile aza amisa iimoto zomkhosi ngaphakathi kuyo.
EBRIANKA—IHolo yoBukumkani yathinjwa ngamajoni avukelayo.
NgoMatshi 26, 2015, amadoda axhobileyo aqhekeza iHolo yoBukumkani. Athatha yonke impahla eyayilapho baza basusa umbhalo othi iHolo yoBukumkani endaweni yawo babhala bathi, “The Almighty Don Host.”