APRILI 26, 2017
KWIIPHILIPPINES
AmaNgqina Alungiselela Ukuphinda Akhe Emva KweNkanyamba Enkulu
EMANILA, kwiiPhilippines—AmaNgqina KaYehova aye asungula iphulo lokulungisa nokuphinda akhe izindlu ezonakeleyo nezitshatyaliswe yiNkanyamba enkulu (ekuhlaleni ebizwa ngokuba “nguNina”).
NgoDisemba 25, 2016, iNkanyamba enkulu yantlitha ingingqi yaseBicol, nto leyo eyabangela umonakalo omkhulu. Ingxelo ithi, le Nkanyamba yabulala abantu abayi-10 ibe yonakalisa izakhiwo ezingaphezu kweziyi-390 000. Nangona kungekho maNgqina KaYehova aswelekayo okanye onzakala kakhulu, zingaphezu kweziyi-300 izindlu zamaNgqina, ziyi-24 neendawo akhonzela kuzo amaNgqina (ezibizwa ngokuba ziiHolo ZoBukumkani) ezonakaliswa okanye zatshatyalaliswa yile Nkanyamba. Iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova ekwiiPhilippines yamisela ikomiti yokunceda ngexesha lentlekele kwisixeko iNaga ukuze incede iintsapho zamaNgqina ezazichaphazelekile.
Isithethi samaNgqina KaYehova kwiiPhilippines uDean Jacek wathi: “Okwangoku, amavolontiya aye ancedisa ekwakheni izindlu zamaNgqina eziyi-271 nasekulungiseni iiHolo ZoBukumkani eziyi-22. Amavolontiya akhayo aza kuqhubeka encedisa ekwakheni izindlu eziseleyo eziyi-38 neeHolo zoBukumkani ezimbini ibe azimisele ukugqiba ngasekupheleni kuka-Aprili 2017.”
Umsebenzi wamaNgqina KaYehova owenziwa ehlabathini lonke, oquka ukunceda ngexesha lentlekele, iQumrhu Elilawulayo liyaqiniseka ukuba uyenziwa ibe uxhaswa ngeminikelo yokuzithandela. AmaNgqina KaYehova asehlabathini lonke angaphezu kwezigidi eziyi-8 kodwa angaphezu kwayi-209 000 akwiiPhilippines.
Ongaqhagamshelana Nabo:
Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000
KwiiPhilippines: UDean Jacek, +63-2-224-4444