Ukuzincama KukaYesu Kuyiyo Njani “Intlawulelo Kwabaninzi”?
Impendulo esuka eBhayibhileni
Ukuzincama kukaYesu kuyindlela kaThixo yokuhlangula okanye ukusindisa abantu esonweni nasekufeni. IBhayibhile ibhekisela kwigazi likaYesu elaphalalayo njengexabiso lentlawulelo. (Efese 1:7; 1 Petros 1:18, 19) Ngenxa yoko, uYesu wathi uze ‘kunikela ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.’—Mateyu 20:28.
Kwakutheni ukuze kufuneke ‘kuhlawulelwe abaninzi’?
Indoda yokuqala, uAdam, wayefezekile, okanye engenasono. Wayeza kuphila ngonaphakade kodwa waphulukana nelo thuba xa engazange athobele uThixo. (Genesis 3:17-19) Xa waba nabantwana, wabosulela ngesono. (Roma 5:12) Ngenxa yoku, iBhayibhile ithi uAdam ‘uthengise’ yena nabantwana bakhe ebukhobokeni besono nokufa. (Roma 7:14) Kuba bengafezekanga, akukho namnye kubo onokubuyisa oko kwalahlwa nguAdam.—INdumiso 49:7, 8.
UThixo wayisizela inzala kaAdam ngenxa yemeko yayo emaxongo. (Yohane 3:16) Noko ke, imilinganiselo yokusesikweni kaThixo yayifuna alibale okanye axolele izono zabo ngaphandle kwesizathu esivakalayo. (INdumiso 89:14; Roma 3:23-26) UThixo uyabathanda abantu, ngoko wenza indlela esemthethweni yokuba kungaxolelwa nje izono zabo, kodwa zitshitshiswe. (Roma 5:6-8) Intlawulelo lelo lungiselelo lisemthethweni.
Isebenza njani intlawulelo?
EBhayibhileni, igama elithi “intlawulelo” liquka ezi zinto zintathu zilandelayo:
Yintlawulo.—Numeri 3:46, 47.
Izisa inkululeko, okanye ukuhlawulelwa.—Eksodus 21:30.
Ilingana nexabiso lento ethe yahlawulwa, okanye iligubungele. a
Jonga indlela ezisebenza ngayo ezi zinto kwidini lentlawulelo likaYesu Kristu.
Intlawulo. IBhayibhile ithi amaKristu ‘athengwa ngexabiso.’ (1 Korinte 6:20; 7:23) Loo ntlawulo ligazi likaYesu ‘awathengela uThixo abantu ngalo bephuma kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga.’—ISityhilelo 5:8, 9.
Inkululeko. Ukuzincama kukaYesu kusenze ‘sakhululwa ngentlawulelo’ esonweni.—1 Korinte 1:30; Kolose 1:14; Hebhere 9:15.
Ukulingana. Intlawulelo kaYesu ilingana ginci noko kwalahlwa nguAdam—ubomi bomntu obugqibeleleyo. (1 Korinte 15:21, 22, 45, 46) IBhayibhile ithi: “Kuba kanye njengokuba ngokungathobeli komntu omnye [uAdam] abaninzi benziwa aboni, ngokunjalo kwanangentobelo yomntu omnye [uYesu Kristu] abaninzi baya kwenziwa amalungisa.” (Roma 5:19) Oku kubonisa ukuba ukufa komntu omnye kungahlawulela aboni abaninzi. Enyanisweni, idini likaYesu ‘liyintlawulelo yabo bonke’ abathabatha amanyathelo afanelekileyo ukuze bazuze kulo.—1 Timoti 2:5, 6.
a EBhayibhileni, amagama aguqulelwe ngokuthi “intlawulelo” anikela ingcamango yexabiso okanye into exabisekileyo ebhatelweyo. Ngokomzekelo isenzi sesiHebhere uka·pharʹ sithetha ‘ukugubungela.’ (Genesis 6:14) Sidla ngokubhekisela ekugubungeleni isono. (INdumiso 65:3) Isibizo esihlobeneyo ukoʹpher sibhekisela kwixabiso elibhatelweyo ukuze kugutyungelwe okanye kuhlangulwe. (Eksodus 21:30) Ngokufanayo, igama lesiGrike ulyʹtron, elidla ngokuguqulelwa ngokuthi ‘intlawulelo,’ lisenokuguqulelwa ngokuthi ixabiso lokukhulula. (Mateyu 20:28) Ababhali bamaGrike babesebenzisa eli gama xa bebhekisela kwintlawulo eyenziwayo ukuze kukhululwe ibanjwa lemfazwe okanye ikhoboka.