Incwadi YeSityhilelo—Yintoni Intsingiselo Yayo?
Impendulo esuka eBhayibhileni
Igama lesiGrike lencwadi yeBhayibhile yeSityhilelo, elithi, A·po·kaʹly·psis (okanye apocalypse ngesiNgesi), lithetha “Ukutyhila” okanye “Ukwazisa.” Eli gama lisithela tshuphe ngeyona ntsingiselo yale ncwadi—ityhila izinto ezazikade zifihlakele ize yazise ngezinto ezaziza kwenzeka emva kokubhalwa kwayo. Uninzi lweziprofeto ezikule ncwadi ziseza kuzaliseka.
Makhe siqwalasele le ncwadi yeSityhilelo
Intshayelelo.—ISityhilelo 1:1-9.
Imiyalelo esuka kuYesu isiya kumabandla asixhenxe.—ISityhilelo 1:10–3:22.
Umbono kaThixo ekwitrone yakhe esemazulwini.—ISityhilelo 4:1-11.
Imibono eliqela, mbono ngamnye ukhokelela komnye:
Amatywina asixhenxe.—ISityhilelo 5:1–8:6.
Amaxilongo asixhenxe, amathathu okugqibela avakalisa ooyeha abathathu.—ISityhilelo 8:7–14:20.
Izitya ezisixhenxe, sitya ngasinye sinesibetho esifuzisela umgwebo kaThixo ophalazelwa emhlabeni.—ISityhilelo 15:1–16:21.
Imibono yokutshatyalaliswa kweentshaba zikaThixo.—ISityhilelo 17:1–20:10.
Imibono yeentsikelelo zikaThixo ezulwini nasemhlabeni.—ISityhilelo 20:11–22:5
Umqukumbelo.—ISityhilelo 22:6-21.
Amacebiso aza kusinceda siyiqonde le ncwadi yeSityhilelo
Intsingiselo yale ncwadi ayimele yenze abakhonzi bakaThixo boyike, kodwa bamele babe nethemba. Nangona abantu abaninzi besithi igama elithi “apocalypse” lithetha intlekele enkulu, incwadi yeSityhilelo iqala ize iqukumbele ngokuthi abo bayifundayo bamele bayiqonde baze basebenzise oko ikutshoyo, ngokwenza njalo baya konwaba.—ISityhilelo 1:3; 22:7.
Le ncwadi yeSityhilelo isebenzisa ‘imiqondiso’ okanye imibono engamele ithathwe ngokuba yeyokoqobo.—ISityhilelo 1:1.
Izinto ezininzi ekuthethwa ngazo kule ncwadi yeSityhilelo okanye imibono, sele kuthethiwe ngazo kwezinye iiincwadi zeBhayibhile:
UYehova—“uThixo oyinyaniso emazulwini” noMdali wazo zonke izinto.—Duteronomi 4:39; INdumiso 103:19; ISityhilelo 4:11; 15:3.
UYesu Kristu—“iMvana kaThixo.”—Yohane 1:29; ISityhilelo 5:6; 14:1.
USathana uMtyholi—umchasi kaThixo.—Genesis 3:14, 15; Yohane 8:44; ISityhilelo 12:9.
IBhabhiloni Enkulu—efana neBhabhiloni yamandulo (okanye iBhabheli) utshaba lukaYehova uThixo nolwabantu bakhe, nomthombo walo lonke unqulo lobuxoki.—Genesis 11:2-9; Isaya 13:1, 11; ISityhilelo 17:4-6; 18:4, 20.
‘Ulwandle’—abantu abangendawo nabamchasileyo uThixo.—Isaya 57:20; ISityhilelo 13:1; 21:1.
Iquka izinto ezifana netyeya yamandulo eyayisetyenziselwa ukunqula uThixo—kunye netyeya yomnqophiso, ulwandle olufana neglasi (isitya sokuhlambela), izibane, iziqhumiso kunye nesibingelelo sokucamagushela.—Eksodus 25:10, 17, 18; 40:24-32; ISityhilelo 4:5, 6; 5:8; 8:3; 11:19.
Amarhamncwa asendle—afuzisela oorhulumente babantu.—Daniyeli 7:1-8, 17-26; ISityhilelo 13:2, 11; 17:3.
Amanani asetyenziswa ngendlela efuziselayo.—ISityhilelo 1:20; 8:13; 13:18; 21:16.
Imibono ekule ncwadi izaliseka ‘ngemini yeNkosi,’ eyaqala xa uBukumkani bukaThixo bamiselwa ngo-1914 waza uYesu wanguKumkani. (ISityhilelo 1:10) Ngoko inzaliseko yale mibono yeSityhilelo singayilindela ukuba ibe kwixesha lethu.
Ukuze siyiqonde incwadi yeSityhilelo, kufuneka sifumane izinto esizidingayo ukuze siqonde kwa-iBhayibhile, kuquka ubulumko obuvela kuThixo noncedo oluvela kwabo bayiqondayo kakade.—IZenzo 8:26-39; Yakobi 1:5.